Kubalisa uYohane
5 Emva koko, kwabakho itheko lamaYuda,+ waza uYesu wenyuka waya eYerusalem. 2 EYerusalem kwiGeyithi Yeegusha+ kukho idama elibizwa ngesiHebhere ngokuba yiBhethezatha, elineeveranda ezintlanu. 3 Apho kwakukho abantu abaninzi abagulayo, abangaboniyo, abaqhwalelayo nabafe umzimba. 4 *—— 5 Kwakukho nomntu owayeneminyaka eyi-38 egula. 6 Uthe uYesu akubona lo mntu elele phantsi, yaye esazi ukuba unexesha elide egula, wathi kuye: “Uyafuna na ukuphila?”+ 7 Lo mntu ugulayo wathi: “Mhlekazi, andinamntu wokundifaka edamini xa amanzi eshukuma. Ndithi ndisaya, kusuke kungene omnye umntu phambi kwam.” 8 UYesu wathi kuye: “Phakama, thatha umandlalo wakho uhambe.”+ 9 Ngoko nangoko loo mntu waphila, wathatha umandlalo wakhe, wahamba.
Ngaloo mini kwakuyiSabatha. 10 Ngoko amaYuda athi kulo mntu uphilisiweyo: “YiSabatha namhlanje, ibe akukho semthethweni ukuba uthwale umandlalo.”+ 11 Kodwa wawaphendula esithi: “Laa mntu undiphilisileyo uthe kum, ‘Thatha umandlalo wakho uhambe.’” 12 Ambuza athi: “Ngubani loo mntu uthe kuwe, ‘Wuthathe uhambe’?” 13 Kodwa lo mntu uphilisiweyo wayengamazi ukuba ungubani, kuba uYesu wayesele engene phakathi kwabantu abaninzi ababelapho.
14 Emva koko, uYesu wadibana nalo mntu etempileni, wathi kuye: “Uyazibona ukuba uphilile! Ungoni, ukuze ungehlelwa yinto embi kunale.” 15 Lo mntu wemka waza waxelela amaYuda ukuba nguYesu omphilisileyo. 16 Ngenxa yoko amaYuda amtshutshisa uYesu, kuba wayezenza ngeSabatha ezi zinto. 17 Kodwa wathi kuwo: “UTata usasebenza nangoku, yiloo nto nam ndisasebenza.”+ 18 Le nto yabangela ukuba amaYuda akufune nyhani ukumbulala, kuba wayengaphuli Sabatha nje qha, kodwa wayekwabiza uThixo ngokuba nguTata wakhe,+ ezilinganisa noThixo.+
19 UYesu wathi kuwo: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, akukho nanye into uNyana anokuyenza engathunywanga, kodwa wenza kuphela loo nto abona uTata wakhe eyenza.+ Nantoni na ayenzayo uTata, noNyana uyayenza. 20 Kuba uTata umthanda kakhulu uNyana wakhe,+ umbonisa zonke izinto azenzayo, ibe uza kumbonisa imimangaliso emikhulu kunale, ukuze nimangaliswe.+ 21 Njengokuba uTata ebavusa abafileyo, abenze baphile,+ noNyana uphilisa nabani na afuna ukumphilisa.+ 22 Kuba uTata akagwebi ngokwakhe, kodwa ubeke uNyana ukuba agwebe,+ 23 ukuze bonke bamhloniphe uNyana njengokuba bemhlonipha uTata. Nabani na ongamhloniphiyo uNyana akamhloniphi noTata omthumileyo.+ 24 Ndiyaniqinisekisa ukuba, nabani na olivayo ilizwi lam, aze akholelwe kuLowo undithumileyo uza kufumana ubomi obungunaphakade,+ ibe akazukugwetywa, kodwa ufana nomntu obefile waphinda wavuka.+
25 “Ndiyaniqinisekisa ukuba, kuza ixesha, phofu selifikile, xa abantu abafileyo beza kuva ilizwi loNyana kaThixo, baze abo baye bammamela, bavuke. 26 Kuba kanye njengoko uTata ekwazi ukunika abantu ubomi,+ unike noNyana amandla okukwazi ukunika abantu ubomi.+ 27 Umnike negunya lokugweba,+ kuba enguNyana womntu.+ 28 Sanukumangaliswa yile nto, kuba kuza ixesha apho bonke abasemangcwabeni* beza kuliva ilizwi lakhe,+ 29 baze bavuke. Abo benza izinto ezilungileyo baza kuvukela ebomini, baze abo benza izinto ezimbi, bavukele ukugwetywa.+ 30 Akukho nenye into endinokuyenza ndingayithunywanga. Ndigweba ngendlela athi uTata mandigwebe ngayo, ibe ndigweba ngendlela efanelekileyo,+ kuba andenzi kuthanda kwam, kodwa ndenza ukuthanda kwaLowo undithumileyo.+
31 “Ukuba ndizingqinela ngokwam, ubungqina bam abuyonyaniso.+ 32 Kukho omnye ondingqinelayo, ibe ndiyazi ukuba into ayithethayo ngam yinyaniso.+ 33 Nithumele abantu kuYohane, ibe uye wayingqinela inyaniso.+ 34 Noko ke, mna andidingi kungqinelwa ngumntu, kodwa ndinixelela ezi zinto ukuze nisindiswe. 35 UYohane wayesisibane esikhanyisayo, ibe nanikuvuyela okwexeshana ukukhanyiselwa nguye.+ 36 UYohane waxelela abantu ukuba ndivela kuTata. Kodwa mna ndinobungqina obungaphezu koko bokuba ndithunywe nguTata, kuba ndenza yonke imisebenzi andithume yona.+ 37 UTata ondithumileyo uyandingqinela.+ Anizange nilive ilizwi lakhe, ningazange nimbone nokumbona,+ 38 ibe alihlalanga ezintliziyweni zenu ilizwi lakhe, kuba animkholelwa umntu amthumileyo.
39 “Niphengulula iZibhalo,+ kuba nicinga ukuba niza kufumana ubomi obungunaphakade ngokuzifunda; kanti zizo kanye ezindingqinelayo.+ 40 Kodwa anifuni kuza kum+ ukuze nifumane obu bomi. 41 Andifuni kuzukiswa ngabantu, 42 kodwa nina, ndiyazi ukuba animthandi uThixo. 43 Ndize egameni likaTata, kodwa anindamkeli. Ukuba bekunokufika omnye umntu eze egameni lakhe, beniza kumamkela. 44 Beninokukholwa njani xa nizukisana, kunokuba nifune ukuzukiswa nguThixo okuphela kwakhe?+ 45 Sanukucinga ukuba ndiza kunimangalela kuTata; ukho onimangalelayo, uMoses,+ lowo nithembele kuye. 46 Kaloku, ukuba nanimkholelwe uMoses, nam beniza kundikholelwa, kuba yena wabhala ngam.+ 47 Kodwa ukuba anizikholelwa izinto awazibhalayo, niza kuzikholelwa njani izinto endizithethayo?”