Isaya
66 Uthi uYehova: “Amazulu ayitrone yam, umhlaba sisitulo seenyawo zam.+
Yindlu enjani ke le ningandakhela yona nina?+
Yindawo enjani le ndinokuphumla kuyo?”+
“Umntu endiza kujonga kuye
Ngothobekileyo, okhathazekileyo emoyeni nolingcangcazelelayo ilizwi lam.*+
3 Umntu oxhela inkunzi yenkomo, unjengomntu oxabela omnye.+
Obingelela ngegusha, unjengomntu owaphula intamo yenja.+
Umntu onikela ngesipho, unjengegazi lehagu!+
Umntu owenza umnikelo wesikhumbuzo ngentlaka yokuqhumisa,+ unjengobulela ngamazwi omlingo.*+
Bakhethe ukwenza unothanda,
Futhi kuyabonwabisa ukwenza izinto ezilizothe.
Kuba xa ndababizayo, akukho mntu wasabelayo;
Xa ndandithetha, akukho mntu wandimamelayo.+
Baqhubeka besenza izinto ezimbi emehlweni am,
Bakhetha ukwenza izinto endingazithandiyo.”+
5 Yivani ilizwi likaYehova nina balingcangcazelelayo:
“Abantakwenu abanicaphukelayo nabanilahlileyo ngenxa yegama lam bathe, ‘Makazukiswe uYehova!’+
Kodwa uThixo uza kubonakala aze anivuyise,
Ngabo abaza kuhlaziswa.”+
6 Kukho ingxolo ephuma esixekweni, isandi esiphuma etempileni!
Sisandi sikaYehova ebahlawulisa okubafaneleyo abantu abaziintshaba zakhe.
7 Isixeko sazala ngaphambi kokuba silunywe.+
Ngaphambi kokuba sifikelwe yinimba, sabeleka umntwana oyinkwenkwe.
8 Ngubani owakha weva ngento enjalo?
Ingubani owakha wayibona?
Liza kuzalwa ngemini enye na ilizwe?
Okanye uhlanga luzalwe ngaxeshanye?
Kodwa yona iZiyon ithe yakulunywa, yazala oonyana bayo.
9 “Ndingayenza ilunywe na ndakugqiba ndingayivumeli izale?” utsho uYehova.
“Okanye ndingayenza ilungele ukuzala na ndakugqiba ndisivale isibeleko sayo?” utsho uThixo wakho.
10 Vuyisanani neYerusalem nize nonwabe nonke+ nina niyithandayo.+
Vuyisanani kakhulu nayo nonke nina niyizilelayo,
11 Kuba niza kuncanca nanele ebeleni lentuthuzelo
Niza kulincanca, nize nonwatyiswe luzuko oluninzi lweYerusalem.
12 Kuba uthi uYehova kwiYerusalem:
Uza kuncanciswa, ufunqulwe ubekwe esinqeni,
Uza kukhathalelwa kanobom.
13 Njengomama othuthuzela unyana wakhe,
Nam ndiza kuqhubeka ndinithuthuzela;+
Ngenxa yeYerusalem, niza kuthuthuzeleka.+
14 Niza kuyibona le nto, ibe iintliziyo zenu ziza kuvuya,
Namathambo enu aza kuhlaziyeka oku kwengca eluhlaza.
15 “Kuba uYehova uza kuza njengomlilo,+
Neenqwelo zakhe zokulwa zinjengesaqhwithi somoya,+
Ukuze ahlawulise enomsindo,
Akhalimele ngamadangatye omlilo.+
16 UYehova uza kubagweba ngomlilo,
Uza kubagweba ngekrele lakhe bonke abantu;
Baninzi abantu abaza kubulawa nguYehova.
17 “Abo bazingcwalisayo nabazicocayo ukuze bangene emiyezweni,*+ abo batya inyama yehagu+ nezinto ezilizothe neempuku,+ bonke baza kufikelela esiphelweni,” utsho uYehova. 18 “Ekubeni ndizazi izinto abazenzayo neengcinga zabo, ndiyeza ukuze ndiqokelele zonke iintlanga neelwimi, yaye ziza kuza zize zilubone uzuko lwam.”
19 “Ndiza kumisa uphawu phakathi kwazo, ibe ndiza kuthumela abantu abaye baqhweshela ezintlangeni. Ndiza kubathumela eTarshishe,+ ePuli, naseLudi,+ iintlanga ezidubula ngesaphetha; eTubhali, eYavan+ nakwiziqithi ezikude ezingakhange zive ngxelo ngam okanye zilubone uzuko lwam. Baza kuxelela iintlanga ngendlela endizuke ngayo.+ 20 Ziza kubakhupha bonke abantakwenu, bephuma kuzo zonke iintlanga+ njengesipho kuYehova, bekhwele amahashe, iinqwelo zokulwa, iinqwelo ezinezigqubuthelo, iidonki neenkamela ezinamendu. Baza kuya entabeni yam engcwele iYerusalem,” utsho uYehova, “kanye njengaxa abantu bakwaSirayeli besizisa isipho ngesitya esicocekileyo endlini kaYehova.”
21 “Abanye babo ndiza kubenza ababingeleli nabaLevi,” utsho uYehova.
22 “Njengokuba amazulu amatsha endiwadalayo, nomhlaba omtsha+ endiwudalayo, zombini ziza kuhlala zikho phambi kwam, iza kuba njalo inzala* yenu negama lenu, ziza kuhlala zikho,” utsho uYehova.+