Kubalisa uLuka
18 UYesu wabenzela umzekelo ebabonisa ukubaluleka kokuhlala bethandaza banganikezeli,+ 2 esithi: “Kwesinye isixeko kwakukho ijaji eyayingamoyiki uThixo, ingabakhathalelanga nabantu. 3 Kwakukho nomhlolokazi owayehlala esiya kuyo, esithi, ‘Ndicela undikhulule kulo mntu undimangalelayo.’ 4 Kwadlula ixesha elide ingavumi ukumnceda, kodwa emva kwexesha yathi entliziyweni, ‘Nangona ndingamoyiki uThixo, ndingabakhathalelanga nabantu, 5 ndiza kumkhulula lo mhlolokazi kulo mntu, kuba equqa ebuyelela, ukuze ayeke ukuza apha, endidika.’”*+ 6 Emva koko iNkosi yathi: “Andithi niyivile ukuba yathini le jaji, nangona ingelolungisa? 7 Ngokuqinisekileyo ke, uThixo uza kubalinda ngomonde,+ aze abancede abantu bakhe abakhethileyo, abakhalela kuye imini nobusuku.+ 8 Ndithi kuni, uza kubanceda ngokukhawuleza. Kodwa ke, baza kube bekhona na abantu abanokholo olunje emhlabeni xa uNyana womntu ebuya?”
9 UYesu wabenzela lo mzekelo abo babezibona bengamalungisa, bebajongela phantsi abanye abantu: 10 “Kwakukho amadoda amabini awenyuka eyokuthandaza etempileni; enye yayingumFarisi, enye ingumqokeleli werhafu. 11 Le ingumFarisi yema, yathandaza entliziyweni isithi, ‘Owu Thixo, ndiyabulela kuba ndingekho njengabanye abantu, abangabaphangi, abantu abangengomalungisa, abakrexezi,* okanye abanjengalo mqokeleli werhafu. 12 Ndizila ukutya kabini ngeveki; ndinikela isishumi sayo yonke into endiyifumanayo.’+ 13 Kodwa le ingumqokeleli werhafu yema kude, ingakwazi nokuphakamisa amehlo ijonge phezulu, izibetha esifubeni isithi, ‘Owu Thixo, ndicela undenzele inceba, kuba ndingumoni.’+ 14 Ndithi kuni, le ndoda yagoduka ililungisa ngaphezu kwalo mFarisi;+ kuba wonke umntu oziphakamisayo uza kuthotywa, nalowo uzithobayo uza kuphakanyiswa.”+
15 Abantu bazisa iintsana zabo kuye ukuze azibeke izandla, kodwa bathi abafundi bakhe bakuyibona le nto, babangxolisa.+ 16 Kodwa uYesu wazibiza ezo ntsana, wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, sanukubanqanda, kuba uBukumkani bukaThixo bobabantu abafana nabo.+ 17 Ndiyaniqinisekisa ukuba, nabani na ongabamkeli njengomntwana omncinci uBukumkani bukaThixo, soze angene kubo.”+
18 Omnye umlawuli wambuza wathi: “Mfundisi Olungileyo, yintoni endimele ndiyenze ukuze ndifumane ubomi obungunaphakade?”+ 19 UYesu wathi kuye: “Kutheni usithi ndilungile? Mnye kuphela umntu olungileyo, nguThixo.+ 20 Uyayazi imithetho ethi: ‘Uze ungakrexezi,*+ uze ungabulali,+ uze ungebi,+ uze ungangqini buxoki,+ hlonipha utata wakho nomama wakho.’”+ 21 Lo mlawuli wathi: “Ndaqala ukuzenza zonke ezi zinto ndisengumntwana.” 22 UYesu wathi kuye, “Kusashota into enye kuwe: Thengisa yonke into onayo, uze loo mali uyinike amahlwempu, utsho ube nobutyebi emazulwini; emva koko, uze kum, ube ngumlandeli wam.”+ 23 Uthe akuyiva loo nto, wakhathazeka gqitha, kuba wayesisityebi kakhulu.+
24 UYesu wamjonga wathi: “Kuza kuba nzima nyhani ngabantu abanemali ukungena eBukumkanini bukaThixo!+ 25 Kungalula ukuba inkamela ingene emngxunyeni wenaliti yokuthunga kunokuba isityebi singene eBukumkanini bukaThixo.”+ 26 Abo bamvayo bathi: “Ngubani ke onokusindiswa?”+ 27 Wathi: “Izinto ezibonakala zingenakwenzeka ebantwini zinokwenzeka kuThixo.”+ 28 Kodwa uPetros wathi: “Sishiye zonke izinto zethu, sakulandela.”+ 29 Wathi kubo: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, akukho mntu ushiye ikhaya lakhe, umfazi, abantakwabo, abazali okanye abantwana bakhe ngenxa yoBukumkani bukaThixo+ 30 ongazukubafumana ngokuphindwe kaninzi ngoku, afumane nobomi obungunaphakade kwihlabathi elizayo.”*+
31 Emva koko wabizela abapostile bakhe abayi-12 ecaleni, wathi kubo: “Jongani! Ngoku siya eYerusalem, ibe ziza kwenzeka zonke izinto ezibhalwe ngabaprofeti ngoNyana womntu.+ 32 Ngokomzekelo, uza kunikelwa kubantu beentlanga+ ukuze bahlekise ngaye,+ bamgezele bade bamthufele.+ 33 Baza kumkatsa kanobom, bambulale,+ kodwa uza kuvuka ngosuku lwesithathu.”+ 34 Kodwa babengazi ukuba zithetha ukuthini ezi zinto, kuba zazifihlakele kubo.
35 Wathi uYesu xa esondela eYeriko, kwabe kukho umntu ongaboniyo ehleli ecaleni kwendlela, ecela ebantwini.+ 36 Wathi akuva abantu abaninzi begqitha ngendlela, wabuza ukuba kwenzeka ntoni. 37 Bathi kuye: “Kudlula uYesu umNazarete!” 38 Ngoko wakhwaza esithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” 39 Abantu ababehamba phambili bamngxolisa besithi makathule, kodwa wakhwaza kakhulu esithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” 40 Ngoko uYesu wema, wathi makaziswe kuye. Wathi akusondela, uYesu wathi kuye: 41 “Ufuna ndikwenzele ntoni?” Wathi: “Nkosi, ndenze ndiphinde ndibone.” 42 UYesu wathi kuye: “Kulungile ke, bona; ukholo lwakho lukuphilisile.”+ 43 Ngoko nangoko waphinda wabona, waza wamlandela,+ ezukisa uThixo. Bathi besakuyibona le nto abantu, badumisa uThixo.+