ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi YokuQala YeziKronike
SELE kudlule iminyaka emalunga nama-77 emva kokuba amaYuda ebuyele kwikhaya lawo evela kuthinjwa eBhabhiloni. Itempile eyaphinda yakhiwa nguMlawuli uZerubhabheli ibikho kangangeminyaka engama-55. Esona sizathu sibalulekileyo esibangela ukuba amaYuda abuyele kukubuyiselwa konqulo oluyinyaniso eYerusalem. Noko ke, abantu abanayo inzondelelo yonqulo lukaYehova. Kukho imfuneko engxamisekileyo yokuba bakhuthazwe, yaye iBhayibhile inikela olo khuthazo kwincwadi yokuQala yeziKronike.
Ngaphandle kwengxelo engomnombo wokuzalwa, eyokuQala yeziKronike igubungela ixesha elingama-40 eminyaka, ukususela ekufeni kukaKumkani uSawule kuse ekufeni kuKumkani uDavide. Kukho inkolelo yokuba ngumbingeleli uEzra owabhala le ncwadi ngowama-460 B.C.E. EyokuQala yeziKronike ibangela umdla kuthi ngenxa yokuba isibonisa indlela ekunqulwa ngayo etempileni ize inikele iinkcukacha ngokuphathelele umlibo kaMesiya. Njengenxalenye yeLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, isigidimi sayo someleza ukholo size sandise indlela esiyiqonda ngayo iBhayibhile.—Hebhere 4:12.
INGXELO EBALULEKILEYO YAMAGAMA
Lo mnombo uchazwe ngeenkcukacha nguEzra ubalulekile ngenxa yezizathu ezithathu: ukuqinisekisa ukuba amadoda afanelekileyo akhonza njengababingeleli, ukunceda ekuchazeni ilifa lesizwe ngasinye, nokugcina ingxelo yomlibo okhokelela kuMesiya. Loo ngxelo ithetha ngemvelaphi yamaYuda ukususela kumntu wokuqala. Izizukulwana ezilishumi zisusela kwixesha lika-Adam ukusa kuNowa, zize ezinye ezilishumi ziye kutsho kuAbraham. Emva kokuchaza oonyana bakaIshmayeli, oonyana beshweshwe lika-Abraham uKetura, noonyana bakaEsawu, le ngxelo igxininisa koonyana abali-12 bakaSirayeli.—1 Kronike 2:1.
Kukho iinkcukacha ezingakumbi ezinikelwayo ngomnombo kaYuda ngenxa yokuba zalatha kuKumkani uDavide. Kukho izizukulwana ezili-14 ukususela kuAbraham ukusa kuDavide, nezinye ezili-14 ezisa ekuthinjelweni eBhabhiloni. (1 Kronike 1:27, 34; 2:1-15; 3:1-17; Mateyu 1:17) Emva koko uEzra uchaza ukulandelelana kwezizwe ezikwimpuma yeYordan, kuze kulandele umlibo woonyana bakaLevi. (1 Kronike 5:1-24; 6:1) Emva koko ushwankathela ingxelo yezinye iintlanga ezisentshona yoMlambo iYordan yaye ingxelo engoBhenjamin ichazwe ngokweenkcukacha. (1 Kronike 8:1) Amagama abantu abahlala eYerusalem emva kokuthinjelwa eBhabhiloni nawo abhaliwe.—1 Kronike 9:1-16.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:18—Yayingubani uyise kaShela—yayinguKayinan okanye yayinguArpakhishadi? (Luka 3:35, 36) UArpakhishadi wayenguyise kaShela. (Genesis 10:24; 11:12) Igama elithi “Kayinan” elikuLuka 3:36 lisenokuba lisuka kwelithi “amaKhaledi.” Ukuba oku kunjalo, umbhalo-ngqangi umele ukuba wawufundeka ngale ndlela, “unyana womKhaledi uArpakhishadi.” Okanye kusenokwenzeka ukuba igama elithi Kayinan nelithi Arpakhishadi abhekisela kumntu omnye. Noko ke, simele siyiqonde into yokuba igama elithi “unyana kaKayinan” alikho kweminye imibhalo-ngqangi.—Luka 3:36, umbhalo osemazantsi.
2:15—Ngaba uDavide wayengunyana wesixhenxe kaYese? Akunjalo. UYese wayenoonyana abasibhozo, yaye uDavide wayengoyena mncinane. (1 Samuweli 16:10, 11; 17:12) Kuyabonakala ukuba omnye woonyana bakaYese wafa engenabantwana. Ekubeni loo nyana wayengenakuba nalo igalelo kwingxelo yomnombo, uEzra walikhupha igama lakhe.
3:17—Kutheni uLuka 3:27 ebhekisela kunyana kaYekoniya uShelatiyeli njengonyana kaNeri? UYekoniya nguyise kaShelatiyeli. Noko ke, uNeri kuyabonakala ukuba wanika uShelatiyeli intombi yakhe ukuba ibe ngumfazi wakhe. ULuka ubhekisela kumkhwenyana kaNeri njengonyana kaNeri kanye njengokuba wenzayo kwimeko kaYosefu, embiza ngokuba ngunyana kayise kaMariya, uHeli.—Luka 3:23.
3:17-19—Wayezalana njani uZerubhabheli, uPedaya noShelatiyeli? UZerubhabheli wayengunyana kaPedaya, owayengumntakwaboShelatiyeli. Noko ke, maxa wambi iBhayibhile ithi uZerubhabheli ngunyana kaShelatiyeli. (Mateyu 1:12; Luka 3:27) Oku kusenokubangelwa kukuba uPedaya wafa yaye uShelatiyeli wakhulisa uZerubhabheli. Okanye mhlawumbi ekubeni uShelatiyeli wafa engenamntwana, uPedaya watshata nenkosikazi yomntakwabo, ngoko uZerubhabheli wayelizibulo kulo mtshato.—Duteronomi 25:5-10.
5:1, 2—Kwakuthetha ntoni kuYosefu ukufumana ilungelo lokuba yinkulu? Kwakuthetha ukuba uYosefu wayeza kufumana ilifa eliphindwe kabini. (Duteronomi 21:17) Ngaloo ndlela waba nguyise wezizwe ezibini—esakwaEfrayim nesakwaManase. Abanye oonyana bakaSirayeli bafumana isizwe esinye kuphela.
Oko Sikufundayo:
1:1–9:44. Umnombo wabantu bokwenene ungqina ukuba ilungiselelo lonqulo lokwenyaniso lisekelwe kwizibakala kungekhona kwintsomi.
4:9, 10. UYehova wawuphendula umthandazo kaYabhetse onyanisekileyo wokwandisa umhlaba wakhe ukuze akwazi ukuhlalisa abantu abangakumbi aboyik’ uThixo. Nathi simele sithandaze ngokusuka entliziyweni ukuze kubekho ulwando njengoko siwenza ngenzondelelo lo msebenzi wokwenza abafundi.
5:10, 18-22. Ngemihla kaKumkani uSawule, izizwe ezazisempuma yeYordan zoyisa amaHagri nangona ayephindaphindene. Oku kungenxa yokuba amadoda akhaliphileyo ezi zizwe ayethembele kuYehova efuna uncedo kuye. Masimthembe ngokupheleleyo uYehova njengoko sisemlweni nabo baninzi kunathi.—Efese 6:10-17.
9:26, 27. Abagcini-masango abangabaLevi babenesabelo esibaluleke gqitha. Banikwa isitshixo sokungena kwiindawo ezingcwele zetempile. Babethembekile ekuvuleni amasango yonke imihla. Sinikwe imbopheleleko yokufikelela abantu kummandla wethu size sibancede banqule uYehova. Ngaba asifanele sithembeke kanye njengabagcini-masango abangabaLevi?
UDAVIDE ULAWULA NJENGOKUMKANI
Le ngxelo iqala ngebali likaKumkani uSawule noonyana bakhe abathathu abafela edabini xa kwakusiliwa namaFilisti kwiNtaba iGilibhowa. UDavide unyana kaYese, wenziwa ukumkani kwisizwe sakwaYuda. Amadoda ezizwe zonke eza eHebron ukuze amenze ukumkani kwaSirayeli. (1 Kronike 11:1-3) Kungekudala emva koko, uthimba iYerusalem. Kamva, amaSirayeli asa ityeya yomnqophiso eYerusalem ‘ngemikhwazo yovuyo nesandi sesigodlo, edlala ngokuvakalayo imirhubhe neehadi.’—1 Kronike 15:28.
UDavide uvakalisa umnqweno wokwakha indlu kaThixo oyinyaniso. Ekubeni wayeligcinele uSolomon ilungelo elinjalo, uYehova wenza umnqophiso noDavide ngoBukumkani. Njengoko uDavide wayeqhubeka nomsebenzi wakhe ngokunxamnye neentshaba zikaSirayeli, uYehova wamnika amandla okoyisa. Ubalo olungekho mthethweni lwabangela ukuba kufe abantu abangama-70 000. Emva kokuba efumene ulwalathiso lokwakhela uYehova isibingelelo, uDavide uthenga indawo kuOrnan umYebhusi. UDavide uqalisa ukwenza ‘amalungiselelo amakhulu ukuze kwakhelwe uYehova indlu enobungangamela ngokugqithiseleyo.’ (1 Kronike 22:5) UDavide uyichaza kakuhle gqitha imisebenzi yabaLevi, ayikho enye indawo echazwe kakuhle kuyo eZibhalweni. Ukumkani nabantu banikela ngokusuka entliziyweni ukuze kwakhiwe itempile. Emva kokulawula kangangama-40 eminyaka uDavide wafa “anelisekile, enobutyebi nozuko; yaye uSolomon unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.”—1 Kronike 29:28.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
11:11—Kutheni inani labo babulawayo lingama-300 kungekhona ama-800 njengoko kuchazwe kwingxelo efanayo kweyesi-2 kaSamuweli 23:8? Intloko yamadoda amathathu anamandla kaDavide yayinguYashobheyam okanye uYoshebhi-bhashebheti. Amanye amadoda amabini akhaliphileyo yayinguEleyazare noShama. (2 Samuweli 23:8-11) Kusenokwenzeka ukuba isizathu sokuba kubekho umahluko kwezi ngxelo zimbini kungenxa yokuba kuthethwa ngezinto ezimbini ezenziwa ngumntu omnye.
11:20, 21—Sasiyintoni isikhundla sika-Abhishayi ngokuphathelele amadoda amathathu anamandla kaDavide? UAbhishayi wayengenguye omnye wamadoda amathathu anamandla kaDavide. Noko ke, njengokuba kuchaziwe kweyesi-2 kaSamuweli 23:18, 19, wayeyintloko yamajoni angama-30 yaye wayebalasele ngaphezu kwawo. UAbhishayi waba lutshaba lwala madoda mathathu anamandla ngenxa yokuba wenza isenzo esasifana neso sikaYashobheyam.
12:8—Ubuso bamajoni amaGadi babufana njani ‘nobeengonyama’? La madoda angamakroti ayengakuDavide entlango. Iinwele zawo zazikhule zande. Ekubeni ayeneenwele ezinjalo ayengathi ziingonyama.
13:5—Yintoni ‘umlambo waseYiputa’? Abanye bacinga ukuba eli binzana libhekisela kwisebe loMlambo umNayile. Noko ke, ngokuqhelekileyo kukho inkolelo yokuba libhekisela ‘kwintlambo yaseYiputa’—umwonyo omde owahlula umzantsi-ntshona weLizwe Lesithembiso.—Numeri 34:2, 5; Genesis 15:18.
16:30—Kuthetha ukuthini ‘ukuba sezintlungwini’ ngenxa kaYehova? Ibinzana elithi ‘iintlungu’ apha lisetyenziswe ngokomfuziselo ukuchaza ukuba noloyiko nokumhlonela ngokunzulu uYehova.
16:1, 37-40; 21:29, 30; 22:19—Liliphi ilungiselelo lonqulo elahlala likho kwaSirayeli ukususela ngexesha lokuziswa kweTyeya eYerusalem kuse kwixesha lokwakhiwa kwetempile? Xa uDavide wazisa iTyeya eYerusalem waza wayibeka ngaphakathi kwentente eyayenziwe nguye, iTyeya yayingekho semnqubeni kangangeminyaka eliqela. Emva kokuba isusiwe iTyeya yahlala kuloo ntente eYerusalem. Umnquba wawuseGibheyon, apho uMbingeleli Omkhulu uTsadoki nabantakwabo babesenza imibingelelo echazwe eMthethweni. Eli lungiselelo laqhubeka likho de kwagqitywa itempile eYerusalem. Xa itempile yayilungile, umnquba waziswa eYerusalem uvela eGibheyon, yaye iTyeya yafakwa kweYona Ngcwele yetempile.—1 Kumkani 8:4, 6.
Oko Sikufundayo:
13:11. Kunokuba sibe nomsindo size sigxeke uYehova xa imizamo yethu ingaphumeleli, simele sihlolisise iimeko size sibone isizathu sokuba ingaphumeleli. Alithandabuzeki elokuba uDavide wenza kanye oko. Wafunda kwimpazamo yakhe yaye kamva waphumelela ekuziseni iTyeya eYerusalem esebenzisa indlela efanelekileyo.a
14:10, 13-16; 22:17-19. Simele sisoloko sithetha noYehova ngomthandazo size sifune ukhokelo lwakhe ngaphambi kokuba senze nantoni na enokusichaphazela ngokomoya.
16:23-29. Ukunqula uYehova kufanele kube kokona kubalulekileyo ebomini bethu.
18:3. UYehova nguMzalisekisi wezithembiso zakhe. Wagcina isithembiso sakhe esebenzisa uDavide ngokunika imbewu ka-Abraham lonke ilizwe lakwaKanan, “ukususela kumlambo waseYiputa kuse kumlambo omkhulu, umlambo umEfrate.”—Genesis 15:18; 1 Kronike 13:5.
21:13-15. UYehova wayalela ingelosi ukuba imise isibetho ngenxa yokuba uyavakalelwa xa bebandezeleka abantu bakhe. Eneneni, “zininzi kakhulu iinceba zakhe.”b
22:5, 9; 29:3-5, 14-16. Nangona wayengayalelwanga ukuba akhe itempile kaYehova, uDavide wazibhokoxa kulo msebenzi. Kwakutheni? Kungenxa yokuba wayeqonda ukuba yonke into awayifumanayo yayibangelwa kukulunga kukaYehova. Umbulelo ufanele usishukumisele ukuba sibe nomoya wokupha.
24:7-18. Ilungiselelo lababingeleli abangama-24 elamiselwa nguDavide lalisele lisebenza xa ingelosi kaYehova yabonakala kuZekariya, uyise kaYohane uMbhaptizi, yaza yamchazela ngokuzalwa kukaYohane. Ekubeni wayelilungu ‘lesahlulo sika-Abhiya,’ uZekariya wayekhonza etempileni ngelo xesha. (Luka 1:5, 8, 9) Unqulo lokwenyaniso lusekelwe kwimbali—kungekhona kwiintsomi. Siya kufumana iintsikelelo ezingakumbi ukuba silithobela ngokunyaniseka ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ ngokuphathelele ukulungelelanisa ukunqula kwethu uYehova namhlanje.—Mateyu 24:45.
Khonza UYehova ‘Ngomphefumlo Onoyolo’
EyokuQala yeziKronike ayithethi ngomlibo wokuzalwa kwabantu kuphela. Iphinda ithethe ngebali likaDavide lokuzisa ityeya yomnqophiso eYerusalem, ngoloyiso lwakhe, ngokulungiselela ukwakhiwa kwetempile, nokulungiselela ukwahlulwa kwemisebenzi yabaLevi. Ngokuqinisekileyo amaSirayeli angenelwa koko kubhalwe nguEzra kwincwadi yokuQala yeziKronike, ewanceda ukuba avuselele inzondelelo awayenayo ngonqulo lukaYehova etempileni.
Onjani ukuba mhle wona umzekelo owamiselwa nguDavide ngokukubeka phambili ukunqula uYehova ebomini bakhe! Kunokuba azifunele amalungelo akhethekileyo, uDavide wafuna ukwenza ukuthanda kukaThixo. Sikhuthazwa ukuba sisebenzise icebiso lakhe ukuze sikhonze uYehova “ngentliziyo epheleleyo.”—1 Kronike 28:9.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ubone ezinye izifundo ngokuthumela kukaDavide iTyeya eYerusalem, funda IMboniselo, kaMeyi 15, 2005, iphepha 16-19.
b Ukuze ubone esinye isifundo ngokuphathelele ukubala kukaDavide abantu ngokungekho mthethweni funda IMboniselo kaMeyi 15, 2005, iphepha 16-19.
[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 8-11]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
4026 B.C.E. UAdam Ukususela kuAdam kuse kuNowa
(iminyaka eli-1 056)
Iminyaka eli-130 ⇩
USete
105 ⇩
UEnoshi
90 ⇩
UKenan
70 ⇩
UMahalaleli
65 ⇩
UYaredi
162 ⇩
UEnoki
65 ⇩
UMethusela
187 ⇩
ULameki
182 ⇩
2970 B.C.E. UNowa 2970 B.C.E. kuzalwa uNOWA
Ukususela kuNowa kuse kuAbraham
Iminyaka engama-502 ⇩ (iminyaka engama-952)
UShem
UMKHUKULA 2370 B.C.E.
100 ⇩
UArpakhishadi
35 ⇩
UShela
30 ⇩
UEbhere
34 ⇩
UPelege
30 ⇩
URewu
32 ⇩
USerugi
30 ⇩
UNahore
29 ⇩
UTera
130 ⇩
2018 B.C.E. UAbraham 2018 B.C.E. kuzalwa uABRAHAM
Ukususela kuAbraham kuse
kuDavide: izizukulwana ezili-14
Iminyaka eli-100 ⇩ (iminyaka engama-911)
UIsake
60 ⇩
UYakobi
malunga nama-88 ⇩
UYuda
⇩
UPeretse
⇩
UHetseron
⇩
URam
⇩
UAminadabhi
⇩
UNashon
⇩
USalmon
⇩
UBhohazi
⇩
UObhedi
⇩
UYese
⇩
1107 B.C.E. kuzalwa uDAVIDE