ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zenxalenye Yokuqala Yencwadi YeeNdumiso
NGUWUPHI umxholo ofanelekileyo enokubizwa ngawo incwadi yeBhayibhile ezaliswe ziindumiso eziya kuMdali wethu, uYehova uThixo? Alikho elinye igama ebelinokufaneleka ngaphezu kwelithi IiNdumiso. Le ncwadi yeyona inde kwiincwadi zeBhayibhile yaye ineengoma ezivakala kamnandi ezithetha ngeempawu ezibalaseleyo zikaThixo nezenzo ezibonisa amandla akhe, ikwabalisa nangeziprofeto eziliqela. Iingoma ezininzi zithetha ngendlela ababevakalelwa ngayo ababhali bazo xa bebandezeleka. Ezi ngcamango zigubungela isihlandlo esimalunga neminyaka eliwaka—ukususela kwimihla yomprofeti uMoses ukusa kumaxesha asemva kokubuya kwamaYuda ekuthinjweni. Aba babhali yayinguMoses, uKumkani uDavide, nabanye. Umbingeleli uEzra wothulelw’ umnqwazi ngokuyilungelelanisa kakuhle le ncwadi ngokwendlela eyiyo namhlanje.
Kudala incwadi yeeNdumiso yahlulahlulwa yangamacandelo amahlanu: (1) IiNdumiso 1-41; (2) IiNdumiso 42-72; (3) IiNdumiso 73-89; (4) IiNdumiso 90-106; (5) neeNdumiso 107-150. Eli nqaku lithetha ngecandelo lokuqala. Zonke iindumiso ezikweli candelo, ngaphandle kwezintathu, zezikaKumkani uDavide wakwaSirayeli wamandulo. Abaziwa abantu ababhala IiNdumiso 1, 10, neyama-33.
“UTHIXO WAM LILIWA LAM”
Indumiso yokuqala ithetha ngomntu oyoliswa ngumthetho kaYehova, ize eyesibini ithethe ngokukhethekileyo ngoBukumkani.a Eli candelo leendumiso libalaselisa izibongozo eziya kuThixo. Ngokomzekelo, kwiiNdumiso 3-5, 7, 12, 13, neye-17, kubongozwa uThixo ukuba ahlangule kwiintshaba. INdumiso 8 ibalaselisa indlela abangeyonto ngayo abantu xa bethelekiswa noYehova.
Echaza indlela uYehova abakhusela ngayo abantu bakhe, uDavide wavuma le ngoma: “UThixo wam liliwa lam. Ndiya kusabela kuye.” (IiNdumiso 18:2) KwiNdumiso 19 uYehova udunyiswa njengoMdali noMniki-mthetho, kweyama-20 kuthethwa ngaye njengoMsindisi, kuze kuthiwe kwiNdumiso 21 unguMsindisi woKumkani wakhe othanjisiweyo. INdumiso 23 ithetha ngaye njengoMalusi Omkhulu, ngoxa eyama-24 isithi nguKumkani ozukileyo.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:1, 2—Yintoni le ‘nto ingento’ eziqhubeka zidumzela ngayo iintlanga? “Into engento” yinkxalabo yoorhulumente engapheliyo yokungafuni nto eza kuphazamisana negunya labo. Le yinto engento kuba injongo yabo ayinakuze iphumelele. Ngaba ngokwenene amaqela eentlanga acinga ukuba aya kuphumelela xa esima “nxamnye noYehova nomthanjiswa wakhe”?
2:7—Uyintoni ‘ummiselo kaYehova’? Ummiselo ngumnqophiso woBukumkani owenziwa nguYehova noNyana wakhe oyintanda, uYesu Kristu.—Luka 22:28, 29.
2:12—Abalawuli beentlanga ‘banokumanga njani unyana’? Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ukwanga kwakubonisa ubuhlobo nokunyaniseka. Le yayiyindlela ezazisamkelwa ngayo iindwendwe. Ookumkani bomhlaba bayalelwa ukuba bange uNyana—oko kukuthi, bamamkele njengoKumkani onguMesiya.
3:umbhalo osemantla—Yintoni injongo yombhalo osemantla kwezinye izahluko zeendumiso? Maxa wambi umbhalo osemantla uchaza umbhali okanye unika inkcazelo ngeemeko eyabhalelwa phantsi kwazo indumiso leyo, njengakwiNdumiso 3. Kwakhona umbhalo osemantla usenokucacisa injongo okanye ukusetyenziswa kwengoma ethile ekhethekileyo (INdumiso 4 neyesi-5) yaye unokunikela nemiyalelo yomculo (INdumiso 6).
3:2—Yintoni ‘iSelah’? Ngokuqhelekileyo eli binzana kucingwa ukuba limela unqumamo olwenziwa ngenjongo yokucamngca uthe cwaka, mhlawumbi xa uziculela okanye xa ucula ngezixhobo zomculo. Umntu wayenqumama xa efuna ukubethelela iingcamango. Akukho mfuneko yokuba ulifunde eli gama xa ufunda IiNdumiso esidlangalaleni.
11:3—Ziziphi iziseko ezichithwayo? Ziziseko elizinze kuzo ibutho labantu—umthetho, ukulungelelana nokusesikweni. Xa ezi zinto zingahambi kunye, kubakho isiphithiphithi nokungabikho kokusesikweni. Kwiimeko ezinjalo, “nabani na olilungisa” umele akholose ngoThixo ngokupheleleyo.—INdumiso 11:4-7.
21:3—Yintoni le sibalasele ngayo “isithsaba segolide esulungekisiweyo”? Akuchazwanga enoba eso yayisisithsaba sokwenene okanye sasingumfuziselo wozuko olungakumbi ngenxa yoloyiso lukaDavide. Noko ke, le ndinyana iprofeta ngesithsaba sobukumkani uYehova awabujizeka uYesu ngowe-1914. Isibakala sokuba esi sithsaba senziwe ngegolide sibonisa ukuba ulawulo lwakhe lufaneleke ngendlela ebalaseleyo.
22:1, 2—Kwakutheni ukuze uDavide acinge ukuba uYehova umshiyile? UDavide wayekwembi ingcinezelo yeentshaba zakhe kangangokuba ‘intliziyo yakhe yafana nomthwebeba yaza yanyibilika ngaphakathi kuye.’ (INdumiso 22:14) Usenokuba wayebona ngathi uYehova umshiyile. NoYesu wavakalelwa ngokufanayo xa wayebethelelwa kwisibonda sentuthumbo. (Mateyu 27:46) Amazwi kaDavide abonisa indlela eqhelekileyo umntu asabela ngayo xa esengxakini. Noko ke, kumthandazo wakhe okwiNdumiso 22:16-21, kuyabonakala ukuba uDavide wayengaphelelwanga lukholo.
Oko Sikufundayo:
1:1. Sifanele sikulumkele ukunxulumana nabantu abangamthandiyo uYehova.—1 Korinte 15:33.
1:2. Usuku malungadluli singakhange sihlolisise izinto zokomoya.—Mateyu 4:4.
4:4. Xa sinomsindo, kububulumko ukuba sizibambe ukuze singathethi into esiya kuzisola ngayo kamva.—Efese 4:26.
4:5. Imibingelelo yethu yokomoya iba ‘yimibingelelo yobulungisa’ kuphela xa siyenza ngeentshukumisa ezifanelekileyo yaye sisenza ngokuvisisana nezinto ezifunwa nguYehova.
6:5. Asikho esinye isizathu esibangela ukuba sinqwenele ukuhlala siphila.—INdumiso 115:17.
9:12. UYehova ukhangela uphalazo-gazi ukuze ohlwaye abo banetyala legazi, kodwa akasilibali “isikhalo sabaxhwalekileyo.”
15:2, 3; 24:3-5. Abanquli bokwenyaniso bamele bathethe inyaniso baze bangenzi isifungo sobuxoki okanye banyelise.
15:4. Sifanele senze konke okusemandleni ethu ukuze sifeze izibhambathiso zethu nokuba sekunzima kangakanani na, ngaphandle kokuba siye safumanisa ukuba sithembise ngento echaseneyo neBhayibhile.
15:5. Njengabanquli bakaYehova, simele sikulumkele ukusebenzisa imali ngendlela engafanelekanga.
17:14, 15. ‘Amadoda ale nkqubo yezinto’ azibhokoxa ekufuneni ubomi obutofotofo, ekukhuliseni iintsapho yaye asebenzela ilifa labantwana bawo. Eyona nto yayiphambili kubomi bukaDavide yayikukuzenzela igama elihle noThixo ukuze ‘abubone ubuso bakhe,’ okanye amkeleke kuye. Xa uDavide ebona izithembiso zikaYehova ‘ekuvukeni’ kwakhe, uya ‘kwaneliswa kukubona imbonakalo Yakhe,’ yaye uya kuvuyiswa kukwazi ukuba uYehova unaye. NjengoDavide, ngaba iintliziyo zethu azifanele zibe kubutyebi bokomoya?
19:1-6. Ukuba indalo, engathethiyo okanye engaqiqiyo izukisa uYehova, kukangakanani kuthi bacingayo, bathethayo nabakwaziyo ukunqula.—ISityhilelo 4:11.
19:7-11. Hayi indlela ezilunge ngayo izinto ezifunwa nguYehova!
19:12, 13. Iimpazamo kwanezenzo zokukhukhumala sisono esifanele sisilumkele.
19:14. Sifanele singaxhalabeli oko sikwenzayo kuphela kodwa nento esiyithethayo nesiyicingayo.
“UNDIPHAKAMISILE NGENXA YENGQIBELELO YAM”
Kwizahluko ezibini zokuqala zale nxalenye yeeNdumiso uDavide ubonisa indlela awayekulangazelela nawayezimisele ngayo ukugcina ingqibelelo! Wavuma: “Ke mna ndiya kuhamba engqibelelweni yam.” (INdumiso 26:11) Xa wayethandazela ukuxolelwa izono, wathi: “Ndithi ndakuthi cwaka aphele amathambo am kukugcuma kwam imini yonke.” (INdumiso 32:3) UDavide uqinisekisa abanyanisekileyo bakaYehova esithi: “Amehlo kaYehova akumalungisa, neendlebe zakhe zibhekiswe ekukhaleleni kwawo uncedo.”—INdumiso 34:15.
Hayi indlela elalibaluleke ngayo kumaSirayeli icebiso elikwiNdumiso 37, ukanti kwanakuthi baphila ‘kule mihla yokugqibela’ yale nkqubo! (2 Timoti 3:1-5) Iprofeta ngoYesu Kristu iNdumiso 40:7, 8 ithi: “Ndizile, emqulwini wencwadi kubhaliwe ngam. Ukwenza ukuthanda kwakho, Thixo wam, kundiyolisile, nomthetho wakho ungaphakathi ezibilinini zam.” Le nxalenye iqukumbela ngoDavide ecela uncedo kuYehova ebudeni bokubandezeleka kwakhe emva kwesono awasenza noBhatshebha. Wathi: “Ke mna undiphakamisile ngenxa yengqibelelo yam.”—INdumiso 41:12.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
26:6—NjengoDavide, sinokusijikeleza njani ngokufuziselayo isibingelelo sikaYehova? Isibingelelo simela ukwamkela kukaYehova idini lentlawulelo likaYesu Kristu ukuze kuhlawulelwe uluntu. (Hebhere 8:5; 10:5-10) Sijikeleza isibingelelo sikaYehova ngokuba nokholo kwelo dini.
29:3-9—Kubonisa ntoni ukufanisa ilizwi likaYehova neendudumo ezoyikekayo? Kubonisa amandla kaYehova angummangaliso!
31:23—Yiyiphi indlela avuzwa ngokugqithiseleyo ngayo onekratshi? Lo mvuzo kuthethwa ngawo apha sisohlwayo. Ilungisa elenza iimpazamo ngokungaqondi uYehova ulivuza ngokuliqeqesha. Ngenxa yokuba umntu onekratshi akajiki kwindlela yakhe embi, uvuzwa ngokugqithiseleyo ngesohlwayo esiqatha.—IMizekeliso 11:31; 1 Petros 4:18.
33:6;—Uyintoni ‘umoya’ womlomo kaYehova? Ngamandla asebenzayo kaThixo, okanye umoya oyingcwele, awawusebenzisa xa wayedala amazulu. (Genesis 1:1, 2) Kuthiwa ngumoya womlomo wakhe kuba njengomoya ovuthelwa ngamandla unokuthunyelwa kwiindawo ezikude.
35:19—Yintoni intsingiselo yesicelo sikaDavide sokuba uYehova angavumeli abo baziintshaba zakhe baqobe iliso? Ukuqoba iliso kubonisa ukuba iintshaba zikaDavide zaziyoliswa kukuphumelela kwamacebo azo olunya nxamnye noDavide. UDavide wacela ukuba kungenzeki oku.
Oko Sikufundayo:
26:4. Senza ngobulumko xa siphepha ukunxulumana nabo bazifihlayo ukuba bangoobani kwi-Internet, nabo sifunda nabo okanye esisebenza nabo abazenza abahlobo bethu ngezizathu zokuzingca, nabawexuki abazenza abantu abanyanisekileyo kunye nabo baphila ubomi obumbaxa.
26:7, 12; 35:18; 40:9. Simele sidumise uYehova esidlangalaleni kwiintlanganiso zamaKristu.
26:8; 27:4. Ngaba siyakuvuyela ukuya kwiintlanganiso zamaKristu?
26:11. Ngoxa uDavide wayevakalisa indlela azimisele ngayo ukugcina ingqibelelo, wacela nokukhululwa. Nathi sinako ukugcina ingqibelelo nakubeni singafezekanga.
29:10. Ukuhlala phezu “konogumbe,” kubonisa ukuba uYehova uwasebenzisa ngokupheleleyo amandla akhe.
30:5. Uphawu abalasele ngalo uYehova luthando—kungekhona umsindo.
32:9. UYehova akathandi ukuba sifane nemeyile okanye idonki ethobela xa ifakwe umkhala okanye intambo. Kunoko, ufuna ukuba simthobele kuba siyazi into ayithandayo.
33:17-19. Umntu akanakukwazi ukusindisa abantu, enoba angasebenzisa inkqubo enamandla kangakanani na. Simele sikholose ngoYehova nelungiselelo asenzele lona loBukumkani bakhe.
34:10. Hayi indlela okusisiqinisekiso ngayo oku kwabo babeka izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala ebomini babo!
39:1, 2. Xa abangendawo befuna into abanokubabamba ngayo abo sikholwa nabo, senza ngobulumko xa ‘sibeka isicheme njengomlindi emlonyeni wethu,’ sithi cwaka.
40:1, 2. Ukuthembela kuYehova kunokusinceda sikwazi ukuhlangabezana nodandatheko size siphume “emhadini ogqumayo, eludakeni lomgxobhozo.”
40:5, 12. Enoba sifumana iintlekele ezingakanani na okanye sineentsilelo ezingakanani na, zonke ezi zinto azinakusoyisa ukuba ihlala ithe thaa ezingqondweni zethu into yokuba iintsikelelo esizifumanayo ‘zininzi kakhulu kunokuba besinokubalisa.’
“Makabongwe UYehova”
Hayi indlela ezithuthuzela nezikhuthaza ngayo iindumiso ezingama-41 ezikwicandelo lokuqala lale ncwadi! Enoba siyavavanywa okanye siziva sinetyala, sifumana amandla nokhuthazo kule nxalenye yeLizwi likaThixo elinamandla. (Hebhere 4:12) Le ncwadi yeendumiso inenkcazelo equlethe ukhokelo esinokuluthemba. Apha siqinisekiswa ngokuphindaphindiweyo ukuba kungakhathaliseki ukuba bubunzima obunjani na esihlangabezana nabo, uYehova uya kusoloko enathi.
Inxalenye yokuqala yeendumiso iqukumbela ngamazwi athi: “Makabongwe uYehova uThixo kaSirayeli ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo. Amen, Amen.” (INdumiso 41:13) Emva kokuba siyifundile le nxalenye, ngaba ayisishukumiseli ukuba simdumise uYehova?
[Umbhalo osemazantsi]
a INdumiso 2 yaqala ukuzaliseka ngexesha likaDavide.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 19]
Ukuba indalo engathethiyo idumisa uYehova, kukangakanani kuthi!
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Inkoliso yenxalenye yokuqala yeendumiso ezingama-41 yabhalwa nguDavide
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Uyayazi indumiso ethetha ngoYehova njengoMalusi Omkhulu?
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Usuku malungadluli singakhange sihlolisise izinto zokomoya
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 17]
Stars: Courtesy United States Naval Observatory
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 19]
Stars, pages 18 and 19: Courtesy United States Naval Observatory
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 20]
Stars: Courtesy United States Naval Observatory