ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi KaHezekile—I
IXESHA ngunyaka wama-613 B.C.E. Umprofeti uYeremiya ukwaYuda, evakalisa ngesibindi ukutshatyalaliswa okusemnyango kweYerusalem nokuba yinkangala kwelakwaYuda. Maninzi amaYuda asele ethinjwe nguKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni. Phakathi kwawo kukho uDaniyeli oselula namaqabane akhe amathathu, akhonza kwikomkhulu lamaKhaledi. Inkoliso yamaYuda asekuthinjweni ihlala ngakumlambo iKebhare, “kwilizwe lamaKhaledi.” (Hezekile 1:1-3) UYehova akabashiyi kwesinomhlwa aba bathinjwa. Umisela uHezekile ominyaka ingama-30 ubudala abe ngumprofeti.
Incwadi kaHezekile eyagqitywa ngowama-591 B.C.E., igubungela iminyaka engama-22. UHezekile ubhala zonke iinkcukacha. Xa ebhala iziprofeto zakhe, ubhala umhla, inyanga nonyaka. Kwinxalenye yokuqala yesiprofeto sakhe uHezekile uthetha ngokutshatyalaliswa kweYerusalem. Kweyesibini ubhengeza imigwebo nxamnye nezizwe ezingabamelwane, aze kweyokugqibela achaze ngokubuyiselwa konqulo lukaYehova. Eli nqaku lixubusha ngeembalasane zencwadi kaHezekile 1:1–24:27, ezigubungela imibono, iziprofeto nezinto ezaziza kwehlela iYerusalem.
“NDIKWENZE UMLINDI”
Emva kokubona umbono owoyikekayo wetrone kaYehova, uHezekile uyathunywa. UYehova uthi kuye: “Ndikwenze umlindi kwindlu kaSirayeli, yaye umele uve intetho emlonyeni wam uze ke ubalumkise bona ngokusuka kum.” (Hezekile 3:17) Ukuze aprofete ngokungqingwa kweYerusalem nemiphumo yoko, uHezekile uyalelwa ukuba abonise indlela ekuza kwenzeka ngayo oko. Ebhekisa kwilizwe lakwaYuda, uYehova uthetha ngoHezekile athi: “Yabonani! Ndinizisela ikrele, yaye ngokuqinisekileyo ndiya kuzitshabalalisa iindawo zenu eziphakamileyo.” (Hezekile 6:3) Kubemi beli lizwe, uthi: “Isidanga seentyatyambo [esiyintlekele] simele sikufikele.”—Hezekile 7:7.
Ngowama-612 B.C.E., uHezekile ubona iYerusalem embonweni. Kunzima ukukholelwa izinto ezicekisekayo azibona zisenzeka etempileni kaThixo. Xa uYehova ethumela imikhosi yakhe yasezulwini (emelwa ‘ngamadoda amathandathu’) ukuba yohlwaye abo bawexuki, ngabo ‘banophawu emabunzini’ kuphela abaya kusinda. (Hezekile 9:2-6) Noko ke, okokuqala, “amalahle omlilo”—isigidimi sikaThixo somgwebo esifana nomlilo—amele aphoswe phezu kwesixeko. (Hezekile 10:2) Ngoxa ‘uYehova eya kuzisa indlela yabangendawo entlokweni yabo,’ uthembisa ukubahlanganisa kwakho abo bachithachithekileyo bakwaSirayeli.—Hezekile 11:17-21.
Umoya kaThixo ubuyisela uHezekile kwelamaKhaledi. Kulo mbono ubona uKumkani uZedekiya nabantu bakhe besaba eYerusalem. Abaprofeti nabaprofetikazi bobuxoki bayagxekwa. Abanquli bezithixo bayagatywa. ElakwaYuda lifaniswa nomdiliya ongenaziqhamo. Umzekeliso wokhozi nomdiliya ubonisa imiphumo ebuhlungu yokufuna uncedo kweYerusalem eYiputa. Lo mzekeliso uqukumbela ngesithembiso sokuba ‘uYehova uya kufudusela isetyana elithambileyo entabeni ephakamileyo.’ (Hezekile 17:22) Noko ke, kwaYuda akuyi kubakho “ntonga yasebukhosini yokulawula.”—Hezekile 19:14.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:4-28—Ifanekisela ntoni inqwelo yasezulwini? Ifanekisela inxalenye esezulwini yentlangano kaYehova eyilwa zizidalwa ezithembekileyo zokomoya. Amandla ayo avela kumoya oyingcwele kaYehova. UMkhweli wayo, omela uYehova, unobuqaqawuli obungathethekiyo. Kukho nomnyama omhle ofuzisela ubuqaqawuli bakhe.
1:5-11—Ngoobani izidalwa eziphilayo ezine? Kumbono wesibini wenqwelo uHezekile uthi ezi zidalwa ziphilayo zine ziikherubhi. (Hezekile 10:1-11; 11:22) Kule yamva inkcazelo uthi ubuso benkunzi yenkomo “bubuso bekherubhi.” (Hezekile 10:14) Oku kuyafaneleka kuba inkunzi yenkomo ifanekisela amandla nokomelela, ibe iikherubhi zizidalwa zomoya ezinamandla.
2:6—Kutheni uHezekile emana ebizwa ngokuba ‘ngunyana womntu’? UYehova umbiza njalo ukuze amkhumbuze ukuba ungumntu owenziwe ngenyama negazi, ngoko ebonisa umahluko omkhulu ophakathi komthunywa ongumntu noThixo omthumileyo. Esi sibizo sisetyenziswe nakuYesu Kristu izihlandlo ezingama-80 kwiincwadi zeVangeli, sibona ngokucacileyo ukuba uNyana kaThixo weza njengomntu, kungekhona njengengelosi ezambathise inyama.
2:9–3:3—Kwakutheni ukuze ube mnandi kuHezekile umqulu wezimbonono nokudumzela? Into eyabangela ukuba loo mqulu ube mnandi kuHezekile sisimo sengqondo awayenaso ngothumo lwakhe. Wayekuxabisa ukuba ngumprofeti kaYehova.
4:1-17—Ngaba uHezekile wakwenza ngokwenene oko kwakufuzisela ukungqingwa kweYerusalem? Isicelo sikaHezekile sokuba atshintshe izinto zokubasa umlilo wokupheka nokuvuma kukaYehova isicelo sakhe, kubonisa ukuba lo mprofeti wakwenza ngokwenene oko. Ukulala ngecala lasekhohlo kwakufuzisela iminyaka engama-390 yokukreqa kobukumkani bezizwe ezilishumi—ukususela ngowama-997 B.C.E. ukusa ekutshatyalalisweni kweYerusalem ngowama-607 B.C.E. Ukulala ngecala lasekunene kwakufuzisela iminyaka engama-40 yokona kukaYuda, ukususela kwixesha lokumiselwa kukaYeremiya njengomprofeti ngowama-647 B.C.E. ukusa kowama-607 B.C.E. Ngezoo ntsuku zingama-430, uHezekile wayephila ngomxhesho omncinane namanzi, nto leyo eyayibonisa ukuba kwakuza kubakho indlala ebudeni bokungqingwa kweYerusalem.
5:1-3—Kufuzisela ntoni ukuthabatha kukaHezekile iinwele ezimbalwa azichithachithe emoyeni aze ezinye azisongele embhinqweni wakhe? Oku kwakubonisa ukuba intsalela yayiza kubuyela kwaYuda ize kumnqula ngokwenyaniso uThixo emva kweminyaka engama-70 yokuphanziswa.—Hezekile 11:17-20.
17:1-24—Ngoobani iinkozi ezimbini ezinkulu, aqhawulwa njani amagqabi amatsha omsedare, ibe ngubani isetyana “elithambileyo” elifuduswa nguYehova? Ezi nkozi zimbini zifuzisela abalawuli baseBhabhiloni nabaseYiputa. Ukhozi lokuqala luza kwincopho yomthi womsedare, ofuzisela ukumkani womnombo kaDavide. Olu khozi luqhawula eliphezulu kumagqabi amatsha ngokubeka uZedekiya ezihlangwini zikaKumkani uYehoyakin. Nangona uZedekiya enze isifungo sokunyaniseka, ufuna uncedo kolunye ukhozi, olufuzisela umlawuli waseYiputa, kodwa ufa namthanyana. Uza kuthinjwa aze afele eBhabhiloni. NoYehova uqhawula isetyana “elithambileyo,” uKumkani onguMesiya. Yena ufuduselwa “entabeni ephakamileyo nende,” iNtaba yaseZiyon esezulwini, apho aya kuba “ngumsedare omkhulu,” oza kuba yintsikelelo yokwenene emhlabeni.—ISityhilelo 14:1.
Oko Sikufundayo:
2:6-8; 3:8, 9, 18-21. Asimele soyikiswe ngabangendawo okanye sirhoxe ekuvakaliseni isigidimi sikaThixo, esisisilumkiso kubo. Xa sichaswa kufuneka somelele njengedayimani. Kodwa, silumke singaphelelwa luvelwano, ubuntu nenceba. UYesu waba novelwano kubantu awayeshumayela kubo, ibe nathi olo velwano lumele lusenze sishumayele kwabanye.—Mateyu 9:36.
3:15. Emva kokuthunywa kwakhe, uHezekile wahlala eTele-abhibhi, ‘eqhiphuke umbilini kangangeentsuku ezisixhenxe,’ ecamngca ngesigidimi aza kusivakalisa. Ngaba asimele siziphe ixesha lokufunda nokucamngca ukuze sikwazi ukuqonda iinyaniso ezinzulu zokomoya?
4:1–5:4. Kwafuneka athobeke aze abe nenkalipho uHezekile ukuze akwazi ukwenza imiboniso emibini yezinto ezaziprofetiwe. Nathi sifanele sithobeke sibe nesibindi xa sisenza nawuphi na umsebenzi esiwunikwe nguThixo.
7:4, 9; 8:18; 9:5, 10. Asimele sibe novelwano okanye usizi xa uThixo esohlwaya abantu.
7:19. Xa uYehova egweba le nkqubo yezinto, imali ayisayi kuba luncedo.
8:5-18. Uwexuko lonakalisa ulwalamano lomntu noThixo. “Ngomlomo wakhe umwexuki uyalonakalisa idlelane lakhe.” (IMizekeliso 11:9) Senza ngobulumko xa singacingi nakancinane ukuphulaphula abawexuki.
9:3-6. Kufuneka sibe nophawu—ubungqina bokuba singabakhonzi bakaThixo abazahluleleyo nababhaptiziweyo ibe sinobuntu bobuKristu—ukuze sisinde ‘kwimbandezelo enkulu.’ (Mateyu 24:21) AmaKristu athanjisiweyo, amelwa yindoda enophondo lweinki lukanobhala, ayakhokela kumsebenzi wokuphawula, umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi. Ukuba sifuna ukuhlala sinolu phawu, simele siwancedise ngenzondelelo kulo msebenzi.
12:26-28. Nakwabo bagculela isigidimi sakhe, uHezekile wayemele athi: “Nawaphi na amazwi [kaYehova] akayi kubekelwa elinye ixesha kwakhona.” Simele senze konke esinako sincede abanye bakholose ngoYehova ngaphambi kokuba aphelise le nkqubo yezinto.
14:12-23. Ngamnye kuthi unembopheleleko yokuzabalazela ukusinda.—Roma 14:12.
18:1-29. Simele siziphendulele ngezenzo zethu.
“NDIYA KUKONAKALISA, NDIKONAKALISE, NDIKONAKALISE”
Kunyaka wesixhenxe besekuthinjweni, ngowe-611 B.C.E., iinkonde zakwaSirayeli ziza kuHezekile ‘zize kubuzisa kuYehova.’ UHezekile uzixelela ngembali ende yokuvukela kwamaSirayeli aze azilumkise esithi ‘uYehova uza kurhola ikrele lakhe’ nxamnye nawo. (Hezekile 20:1; 21:3) Ethetha nenkosana yakwaSirayeli (uZedekiya), uYehova uthi: “Shenxisa unkontsho, uze uphakamise ususe isithsaba. Oku akuyi kufana. Beka phezulu oko kanye kuthotyiweyo, uze uhlise lowo kanye uphakamileyo. Ndiya kukonakalisa, ndikonakalise, ndikonakalise. Nako oku ke, ngokuqinisekileyo akuyi kuba kokukabani ade afike lowo unelungelo elisemthethweni [uYesu Kristu], yaye ndimele ndikunike yena.”—Hezekile 21:26, 27.
IYerusalem imangalelwa ngokwenza izinto ezimbi. Ityala likaOhola (uSirayeli) no-Oholibha (uYuda) liyabhencwa. UOhola sele enikelwe “esandleni sabo bathandana naye, esandleni soonyana baseAsiriya.” (Hezekile 23:9) Sekumbovu ukuba naye uOholibha atshatyalaliswe. Ngowama-609 B.C.E., kuyaqala ukungqingwa kweYerusalem iinyanga ezili-18. Xa esi sixeko sitshatyalaliswa ekugqibeleni, amaYuda aya kukhwankqiswa de angakwazi nokuyibonisa intlungu akuyo. UHezekile umele angathethi ngesigidimi sikaThixo kubathinjwa de afumane ingxelo yokutshatyalaliswa kwesixeko “kulowo usindileyo.”—Hezekile 24:26, 27.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
21:3—Liliphi “ikrele” uYehova alirhola esingxotyeni salo? “Ikrele” elisetyenziswa nguYehova ukuphumeza umgwebo nxamnye neYerusalem noYuda nguKumkani waseBhabhiloni uNebhukadenetsare nomkhosi wakhe. Lalisenokuquka inxalenye esezulwini yentlangano kaThixo eyilwa zizidalwa zokomoya ezinamandla.
24:6-14—Ufuzisela ntoni umhlwa okwimbiza yokupheka? Ukungqingwa kweYerusalem kufaniswa nembiza yokupheka emlomo ubanzi. Umhlwa okuyo ufuzisela ukuwohloka kokuziphatha kubemi besi sixeko—ukungcola, ihambo evakalala nokuphalazwa kwegazi. Esi sixeko singcole kangangokuba ukubeka imbiza engenanto phezu kwamalahle ashushu gqitha akunakuwususa lo mhlwa.
Oko Sikufundayo:
20:1, 49. Indlela ezisabela ngayo ezi nkonde zakwaSirayeli ibonisa ukuba zazingakukholelwa oko kuthethwa nguHezekile. Kwanga singangaze sizithandabuze izilumkiso zikaThixo.
21:18-22. Nakuba uNebhukadenetsare wayevumisa, uYehova waqinisekisa ukuba iYerusalem itshatyalaliswa ngumlawuli ongumhedeni. Oku kubonisa ukuba kwaneedemon azinako ukuthintela abo uYehova aya kubasebenzisa ukuphumeza umgwebo wakhe.
22:6-16. UYehova uyakucekisa ukuhleba, ihambo evakalala, ukusebenzisa kakubi igunya nokwamkela ukunyotywa. Simele sizimisele ngamandla ukuphepha ezo zinto zimbi.
23:5-49. Ukwakha ubuhlobo nezopolitiko kwenza uSirayeli noYuda bawela kunqulo lobuxoki. Masikuphephe ukwakha ubuhlobo nabantu behlabathi abanokonakalisa ukholo lwethu.—Yakobi 4:4.
Isigidimi Esiphilileyo Nesinamandla
Izahluko zokuqala ezingama-24 zencwadi yeBhayibhile kaHezekile zinezifundo ezibalulekileyo. Imigaqo ekwezi zahluko ibonisa izinto ezingamkholisiyo uThixo, indlela anokusenzela ngayo inceba nesizathu sokuba simele sibalumkise abangendawo. Isiprofeto sokutshatyalaliswa kweYerusalem sibonisa phandle ukuba uYehova unguThixo ‘obangela abantu bakhe bazi izinto ezintsha ngaphambi kokuba ziqalise ukuntshula.’—Isaya 42:9.
Iziprofeto ezifana nezo zikuHezekile 17:22-24 nesama-21:26, 27 zithetha ngokumiselwa koBukumkani bukaMesiya ezulwini. Kungekudala, olo lawula luya kubangela kwenziwe ukuthanda kukaThixo emhlabeni. (Mateyu 6:9, 10) Xa sinokholo olomeleleyo yaye seyisekile, sinokulindela iintsikelelo zoBukumkani. Ewe, “ilizwi likaThixo liphilile, linamandla.”—Hebhere 4:12.
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ifanekisela ntoni inqwelo yasezulwini?
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Ukuba nenzondelelo kumsebenzi wokushumayela kusinceda sihlale ‘sinophawu’