“Lihambahambe Ilizwe”
“Lihambahambe ilizwe elo ngobude balo nangobubanzi balo.”—GENESIS 13:17.
1. Yintoni ebangel’ umdla uThixo awamyalela yona uAbraham?
NGABA uya kuthanda ukuhamba emaphandleni, mhlawumbi ukuhamba ngemoto ngempelaveki? Abanye bakhetha ukuhamba ngebhayisikile ukuze benze umthambo nokuze babuke kakuhle. Abanye bathand’ ukuhamba ngeenyawo ukuze bayibuke loo ndawo bengangxamanga. Uhambo olunjalo aludli ngokuba luhambo olude. Kodwa cinga ngendlela amele ukuba waziva ngayo uAbraham emva kokuba uThixo ethe kuye: “Suka ke, ulihambahambe ilizwe elo ngobude balo nangobubanzi balo, kuba ndiya kukunika lona”!—Genesis 13:17.
2. Emva kokuba uAbraham endulukile eYiputa, waya phi?
2 Cinga ngomongo waloo mazwi. UAbraham nomfazi wakhe nabanye, babephambukele eYiputa. KwiGenesis isahluko 13 sixelelwa ukuba banduluka eYiputa baza imihlambi yabo bayifudusela “eNegebhi.” Emva koko uAbraham “wahamba emisa iinkampu ngeenkampu ekuphumeni kwakhe eNegebhi esingise eBheteli.” Xa abalusi bakhe baxabana nabomtshana wakhe uLote kwaza kwabonakala ukuba aba babini bamele bafumane amadlelo awahlukahlukeneyo, ngobubele uAbraham wamvumela uLote ukuba akhethe kuqala. ULote wakhetha “iSithili saseYordan” intlambo echumileyo ‘eyayinjengomyezo kaYehova,’ yaye ekuhambeni kwexesha waya kuhlala eSodom. UThixo wathi kuAbraham: “Nceda, uphakamise amehlo akho kuloo ndawo ukuyo, uze ukhangele emntla nasemzantsi nasempuma nasentshona.” Kusenokwenzeka ukuba kummandla ophakamileyo waseBheteli, uAbraham wayenokubona neminye imimandla yelo lizwe. Kanti kwakungekabi phi. UThixo wamyalela ukuba ‘alihambahambe ilizwe elo’ aze aqhelane nendalo ekulo nemimandla yalo.
3. Kutheni kusenokuba nzima ukuba nomfanekiso-ngqondweni weendawo awayehamba kuzo uAbraham?
3 Enoba uAbraham wakwenza oko izihlandlo ezingaphi ngaphambi kokuba afike eHebron, ngokuqinisekileyo wayeqhelene ngakumbi neLizwe Lesithembiso kunaye nabani kuthi. Cinga ngeendawo ezikhankanywe kule ngxelo—iNegebhi, iBheteli, iSithili saseYordan, iSodom, neHebron. Ngaba kunzima ukuba nomfanekiso-ngqondweni wendawo eyayikuyo loo mimandla? Kwabaninzi kunzima ngenxa yokuba bambalwa kubantu bakaYehova abaye batyelela iindawo abafunda ngazo eBhayibhileni, balihambahambe ngobude nangobubanzi elo lizwe. Sekunjalo, sinesizathu sokuba nomdla wokwazi amazwe ekuthethwe ngawo eBhayibhileni. Ngoba?
4, 5. (a) IMizekeliso 18:15 inxulumene njani nolwazi nokuqonda amazwe ekuthethwa ngawo eBhayibhileni? (b) Yintoni ezekeliswa kuZefaniya isahluko 2?
4 ILizwi likaThixo lithi: “Intliziyo yoqondayo izuza ukwazi, nendlebe yezilumko ifuna ukufumana ukwazi.” (IMizekeliso 18:15) Mininzi imibandela ubani anokufumana kuyo ulwazi, ukanti ulwazi oluchanileyo oluphathelele uYehova uThixo lolona lubalulekileyo. Ngokuqinisekileyo oko sikufunda eBhayibhileni kuphathelele olo lwazi. (2 Timoti 3:16) Noko ke, phawula ukuba oku kuhambisana nokuqonda. Oku kuthetha ukuwuphonononga umbandela, uqonde ukunxulumana kweenkalo ezithile zawo nawo uphela. Oku kunjalo nangeengongoma eziphathelele iindawo ekuthethwa ngazo eBhayibhileni. Ngokomzekelo, inkoliso yethu iyazi apho ikhoyo iYiputa, kodwa siwaqonda kangakanani amazwi athi uAbraham waphuma eYiputa ‘esiya eNegebhi,’ kamva waya eBheteli, wandula ke waya eHebron? Ngaba uyayiqonda indlela ezinxulumene ngayo ezo ndawo?
5 Okanye usenokuba ubulandela ucwangciso lokufunda iBhayibhile oluquka uZefaniya isahluko 2. Apho ufunda amagama ezixeko, awabantu naweendawo. Kweso sahluko nje sinye, kuthethwa ngeGaza, iAshkelon, iAshdode, iEkron, iSodom neNineve kuquka iKanan, kwaMowabhi, iAmoni neAsiriya. Ngaba uzibonile ezi ndawo ngeliso lengqondo, iindawo ekwakuhlala kuzo abantu, abantu ababenokuthanani nokuzaliseka kweziprofeto zikaThixo?
6. Yintoni ebangela amanye amaKristu azixabise iimaphu? (Bona ibhokisi.)
6 Abafundi abaninzi beLizwi likaThixo baye bazuza gqitha ngokuqwalasela iimaphu zamazwe ekuthethwa ngawo eBhayibhileni. Oku abakwenzi nje ngenxa yokuzithanda kwabo iimaphu, kodwa ngenxa yokuqonda ukuba ngokusebenzisa kwabo iimaphu, basenokwandisa ulwazi abanalo ngeLizwi likaThixo. Kwakhona iimaphu zinokubanceda ukuze bandise ulwazi lwabo, babone iindlela iingongoma abazaziyo ezinxulumana ngayo nenye inkcazelo. Njengokuba siqwalasela eminye imizekelo, mhlawumbi usenokulwenza nzulu uxabiso lwakho ngoYehova uze uzuze ukuqonda okungakumbi koko kuthethwa liLizwi lakhe.—Bona ibhokisi kwiphepha 14.
Ukwazi Umgama Kusenokulwandisa Ulwazi Lwakho
7, 8. (a) Yintoni emangalisayo uSamson awayenza eGaza? (b) Yiyiphi inkcazelo enokubangela oko kwenziwa nguSamson kubangele umdla? (c) Ukwazi nokuyiqonda le ngxelo iphathelele uSamson kusinceda njani?
7 KuBagwebi 16:2, usenokufunda ngoMgwebi uSamson eseGaza. Ezindabeni zamvanje kuthethwa gqitha ngeGaza, ngoko usenokuba nofifi lwendawo awayekuyo uSamson, kummandla wamaFilisti kufuphi noNxweme lweMeditera. [11] Ngoku funda ABagwebi 16:3: “USamson walala de kwaba sezinzulwini zobusuku waza wavuka ezinzulwini zobusuku wabamba iingcango zesango lesixeko nezibonda ezisecaleni ezibini, wazincothula kunye nomvalo waza wazibeka emagxeni akhe, wahamba ezithwele waya phezulu entabeni engaphambi kweHebron.”
8 Alithandabuzeki elokuba, amasango nezibonda ezisecaleni kwenqaba enjengeGaza ayemakhulu yaye enzima. Khawuzibone uzama ukuwathwala! USamson wawathwala, kodwa wayesiya phi nawo, yaye lwaluza kuba njani uhambo lwakhe? Kaloku, iGaza iselunxwemeni phantse ngaselwandle. [15] Noko ke, iHebron ingasempuma kumphakamo oziimitha ezingama-900 ukuphakama—umnqantsa wokwenene! Asiyazi kakuhle indawo ekuyo ‘intaba engaphambi kweHebron,’ kodwa isixeko sikumgama onokuba ziikhilomitha ezingama-60 ukusuka eGaza—yaye eli liqhina lokwenene! Ukwazi umgama owawubandakanyekile kwinquleqhu kaSamson kubangel’ umdla ngokwenene. Yaye khumbula into eyabangela ukuba uSamson akwazi ukwenza ezi zinto—“umoya kaYehova wasebenza kuye.” (ABagwebi 14:6; 19; 15:14) NjengamaKristu namhlanje, asilindelanga ukuba umoya kaThixo usenze sibe namandla akhethekileyo. Ukanti, loo moya unamandla afanayo unokwandisa ukuziqonda kwethu izinto ezingokomoya uze usenze sibe namandla ngokuvumelana nomntu esinguye ngaphakathi. (1 Korinte 2:10-16; 13:8; Efese 3:16; Kolose 1:9, 10) Ewe, ukuyiqonda kwethu ingxelo engoSamson kubethelela ingongoma yokuba umoya kaThixo unokusinceda nathi.
9, 10. (a) Yintoni eyayiqukiwe ekoyiseni kukaGidiyon amaMidiyan? (b) Ukuzazi kwethu iindawo ekuthethwa ngazo kunokusinceda njani ukuze le nkcazelo ibe nentsingiselo engakumbi?
9 Ukoyisa kukaGidiyon amaMidiyan yenye ingxelo ebalulekileyo ngenxa yomgama. Inkoliso yabafundi beBhayibhile iyazi ukuba uMgwebi uGidiyon neqela lakhe lamadoda angama-300 woyisa umkhosi wamadoda angama-135 000—amaMidiyan, ama-Amaleki namanye awayemise iintente zawo kumathafa aseYizereli, kufuphi nenduli iMore. [18] Amadoda kaGidiyon avuthela amaxilongo, aphula iingqayi ukuze abonise izibane zawo, aze adanduluka athi: “Ikrele likaYehova nelikaGidiyon!” Oku kwabangela isiphithiphithi noloyiko olukhulu kutshaba, kangangokuba lwaqalisa ukubulalana. (ABagwebi 6:33; 7:1-22) Ngaba sonke esi siganeko senzeka nje ngobusuku obunye? Funda ABagwebi isahluko 7 nesesi-8. Uya kubona ukuba uGidiyon wazingisa kolu hlaselo lwakhe. Kwiindawo ezininzi ezikhankanyiweyo, ezinye zazo ayaziwa indawo ezazikuyo namhlanje, ngoko ke zisenokungaboniswa kwiimaphu zeBhayibhile. Sekunjalo, zininzi ngokwaneleyo ezaziwayo kangangokuba sinokukulandela oko kwenziwa nguGidiyon.
10 UGidiyon wawusukela umkhosi oseleyo waya kudlula eBhete-shita nangasemazantsi ukuya kutsho eAbheli-mahole, kufuphi neYordan. (ABagwebi 7:22-25) Le ngxelo ithi: “UGidiyon weza eYordan, wayiwela, yena namadoda angamakhulu amathathu awayekunye naye, bediniwe kodwa beqhubeka nokusukela.” Athi akuwela, amaSirayeli azisukela iintshaba zawo ukuhla ukuya ngaseSukoti nasePenuweli, kufuphi neYabhoki, nokunyuka iinduli zaseYogebheha (kufuphi naseAmman yanamhlanje, eYordan). Lowo yayingumgama onokuba ziikhilomitha ezingama-80 abantu besukela yaye besilwa. UGidiyon wababamba waza wababulala ookumkani ababini bakwaMidiyan; wandula ke wabuyela kwisixeko sakhe, iOfra, kufuphi nendawo umlo owaqalela kuyo. (ABagwebi 8:4-12, 21-27) Licacile elokuba, uGidiyon akazange nje avuthele amaxilongo, abhenguze izibane aze akhwaze kangangemizuzu nje embalwa. Yaye cinga indlela oku okukugxininisa ngayo oko kwathethwa ngamadoda okholo: “Lingaphela ixesha ndibalisa ngoGidiyon [nabanye abathi] bekwimo yobuthathaka basuka benziwa baba namandla, baba nobukroti emfazweni.” (Hebhere 11:32-34) Nawo amaKristu angadinwa emzimbeni, kodwa ngaba akubalulekanga ukuba siqhubeke sisenza ukuthanda kukaThixo?—2 Korinte 4:1, 16; Galati 6:9.
Abantu Bacinga Baze Bazenze Njani Izinto?
11. Lwalunjani uhambo ekwafuneka amaSirayeli aluthabathe ngaphambi nasemva kokuba afike eKadeshe?
11 Bambi basenokutyhila kwiimaphu zeBhayibhile ukuze bafumane iindawo ekuthethwa ngazo, kodwa ngaba ucinga ukuba iimaphu zinokuba luncedo kwindlela abantu abacinga ngayo? Ngokomzekelo cinga ngamaSirayeli awanduluka kwiNtaba yeSinayi esinge kwiLizwe Lesithembiso. Ehamba esima endleleni, ekugqibeleni afika eKadeshe (okanye, iKadeshe-barneya). [9] IDuteronomi 1:2 ithi olu yayiluhambo lweentsuku ezili-11, umgama onokuba ziikhilomitha ezingama-270. Elapho uMoses wathumela iintlola ezili-12 kwiLizwe Lesithembiso. (Numeri 10:12, 33; 11:34, 35; 12:16; 13:1-3, 25, 26) Ezo ntlola zaya ngasentla zinqumla eNegebhi, mhlawumbi zadlula eBher-shebha, zandula zaya kufika eHebron, yaye zaya kufika emantla ngasekupheleni kweLizwe Lesithembiso. (Numeri 13:21-24) Ngenxa yokwamkela kwawo ingxelo engentle ngeentlola ezilishumi, amaSirayeli abhadula entlango kangangeminyaka engama-40. (Numeri 14:1-34) Oku kutyhila ntoni ngokholo lwawo nokukulungela kwawo ukukholosa ngoYehova?—Duteronomi 1:19-33; INdumiso 78:22, 32-43; Yude 5.
12. Sinokugqiba ngelithini ngokholo lwamaSirayeli, yaye kutheni leyo iyinto esifanele sicinge ngayo?
12 Cinga nje ngomgama owawubandakanyekile. Ukuba amaSirayeli ayenokholo aze alilandela icebiso likaYoshuwa noKalebhi, ngaba ngewayehambe umgama omde ngaphambi kokuba afike kwiLizwe Lesithembiso? IKadeshe yayinokuba ziikhilomitha ezili-16 ukusuka eBhere-lahayi-royi, apho wayehlala khona uIsake noRebheka. [7] Lo yayingumgama ongaphantsi kweekhilomitha ezingama-95 ukuya eBher-shebha, ekuthiwa yayingasemazantsi ekugqibeleni kweLizwe Lesithembiso. (Genesis 24:62; 25:11; 2 Samuweli 3:10) Ekubeni ayehambe ukusuka eYiputa esiya kwiNtaba yeSinayi nezinye iikhilomitha ezingama-270 ukuya eKadeshe, kwakungathi asemgubasini weLizwe Lesithembiso. Thina sisemgubasini womhlaba othenjisiweyo oyiParadesi. Yintoni esiyifundayo? Umpostile uPawulos wanxulumanisa imeko yamaSirayeli nesi siluleko: “Ngoko ke masenze unako-nako wokungena koko kuphumla, ukuze kungabikho namnye ubuya eyele kwakuloo mzekelo wokungathobeli.”—Hebhere 3:16–4:11.
13, 14. (a) AmaGibheyon athabatha inyathelo elingqalileyo kwiyiphi imeko? (b) Yintoni etyhila isimo sengqondo samaGibheyon, yaye yintoni esimele siyifunde koku?
13 Isimo sengqondo esingafaniyo—esokukholosa ngoThixo ukuze enze ukuthanda kwakhe—sibonakala kwingxelo yeBhayibhile ngoko kwenzeka kumaGibheyon. Emva kokuba uYoshuwa ekhokele amaSirayeli awela uMlambo iYordan engena kwilizwe uThixo awayelithembise intsapho ka-Abraham, ngoku yayilixesha lokuba agxothe amaKanan. (Duteronomi 7:1-3) Oku kwakuquka amaGibheyon. AmaSirayeli ayibhukuqa iYeriko neAyi yaye ayegxumeke iintente zawo kufuphi naseGiligali. AmaGibheyon akazange afune ukufa njengamaKanan aqalekisiweyo, ngoko athumela abathunywa kuYoshuwa eGiligali. Enza ngathi asuka ngaphandle kommandla waseKanan ngoko ke aze kudala ubuhlobo namaHebhere.
14 Abo bathunywa bathi: “Abakhonzi bakho bavela kwilizwe elikude kakhulu ngenxa yegama likaYehova uThixo wakho.” (Yoshuwa 9:3-9) Iimpahla nokutya kwabo kwaba ngathi kungqina ukuba basuka kude, kodwa eneneni iGibheyon yayikumgama onokuba ziikhilomitha ezingama-30 ukusuka eGiligali. [19] Eyisekile, uYoshuwa neenkosana zakhe benza umnqophiso woxolo neGibheyon nezixeko ezaziyingqongile. Ngaba amaGibheyon ayesenza iqhinga nje lokuphepha ukubulawa? Akunjalo, kodwa oku kwabonisa umnqweno wokufuna ukwamkelwa nguThixo kaSirayeli. UYehova wawavumela amaGibheyon ukuba abe “ngabathezi beenkuni nabakhi bamanzi bendibano nesibingelelo sikaYehova,” betheza iinkuni ezazisetyenziswa kwisibingelelo. (Yoshuwa 9:11-27) AmaGibheyon aqhubeka ebonisa ukukulungela ukwenza imisebenzi ephantsi enkonzweni kaYehova. Kusenokwenzeka ukuba, abanye kuwo babephakathi kwamaNethinim abuyayo esuka eBhabhiloni nawasebenza xa kwakuphinda kusakhiwa itempile. (Ezra 2:1, 2, 43-54; 8:20) Sinokusixelisa isimo sawo sengqondo ngokuzabalazela ukuba seluxolweni noThixo nokukulungela ukwenza imisebenzi ephantsi enkonzweni yakhe.
Masibe Nomoya Wokuzincama
15. Kutheni kubalulekile ukuzazi iindawo ekuthethwa ngazo kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike?
15 Ukuzazi iindawo zeBhayibhile ekuthethwa ngazo kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike kubalulekile, njengohambo nobulungiseleli bukaYesu nobukampostile uPawulos. (Marko 1:38; 7:24, 31; 10:1; Luka 8:1; 13:22; 2 Korinte 11:25, 26) Kwiingxelo ezilandelayo, zama ukuba nomfanekiso-ngqondweni wohambo lwabo.
16. AmaKristu aseBhereya alubonakalisa njani uxabiso ngoPawulos?
16 Kuhambo lwakhe lwesibini lobuvangeli basemazweni (umgca omfusa emaphini), uPawulos wafika eFilipi, ngoku eseGrisi. [33] Apho washumayela, wabanjwa waza wakhululwa, wanduluka waya eTesalonika. (IZenzo 16:6–17:1) Xa amaYuda adala uqhushululu, abazalwana baseTesalonika bambongoza uPawulos ukuba aye eBhereya, umgama onokuba ziikhilomitha ezingama-65 ukusuka apho. UPawulos washumayela ngendlela ephumelelayo eBhereya, kodwa amaYuda adal’ uqhushululu. Ngenxa yoko, “abazalwana ngoko nangoko bathumela uPawulos ukuba ahambe de afikelele elwandle” yaye “abo babekhaphe uPawulos bamzisa eAthene.” (IZenzo 17:5-15) Kubonakala ukuba, abathile ababesandul’ uguquka babekulungele ukuhamba iikhilomitha ezingama-40 ukuya kuLwandle iAegean, bahlawule enqanaweni, baze bahambe ngenqanawa iikhilomitha ezinokuba ngama-500. Olo hambo lwalunokuba yingozi, kodwa abazalwana babekulungele ukujamelana nezo ngozi ukuze babe nexesha elingakumbi nalo mmeli kaThixo uhambahambayo.
17. Yintoni esinokuyixabisa ngakumbi xa sinokuwuqonda umgama ophakathi kweMileto ne-Efese?
17 Kuhambo lwakhe lwesithathu (umgca oluhlaza emaphini), uPawulos wafika kwizibuko laseMileto. Wathumela ukuba kubizwe amadoda amakhulu ebandla lase-Efese, kwiikhilomitha ezinokuba ngama-50 mgama. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wabo badala beyeka imicimbi yabo ukuze baye kuPawulos. Kusenokwenzeka ukuba babethetha benochulumanco ngentlanganiso ababeza kuba nayo ebudeni bolu hambo. Emva kokuhlanganisana noPawulos baza bamva ethandaza, “balila kakhulu bonke, yaye bawela entanyeni kaPawulos baza bamanga.” Bandula ke “bamkhapha esiya esikhepheni” ekubeni wayesiya eYerusalem. (IZenzo 20:14-38) Zazininzi izinto ababenokucinga baze bathethe ngazo ngoxa besendleleni ebuyela e-Efese. Ngaba akuchukumiseki luxabiso olwaboniswa ngaba badala ngokuhamba umgama umde kangaka ukuze babe kunye nalo mlungiseleli uhambahambayo owayenokubachazela izinto ezithile aze abakhuthaze? Ngaba kukho nto ithile oyibonayo koku onokuyisebenzisa ebomini bakho nakwindlela ocinga ngayo?
Funda Ngelo Lizwe Noko Siya Kukufumana Kwixesha Elizayo
18. Yintoni esinokuzimisela ukuyenza ngemimandla ekuthethwe ngayo eBhayibhileni?
18 Imizekelo ekuthethwe ngayo ngaphambili ibonisa ukubaluleka kokuqhelana nelizwe uThixo awalinika amaSirayeli nelichaphazela iingxelo zeBhayibhile ezininzi. (Yaye sinokuwandisa umbono esinawo ukuze uquke ukufunda ngamazwe alingqongileyo ekuthethwa ngawo kwiingxelo zeBhayibhile.) Njengokuba sisongezelela kulwazi esinalo ngeLizwe Lesithembiso, sisenokucinga ngoko ngokusisiseko kwakufuneka kumaSirayeli ukuze angene aze aphile ngolonwabo kwilizwe “lobisi nobusi.” Kwakufanele amoyike uYehova agcine imiyalelo yakhe.—Duteronomi 6:1, 2; 27:3.
19. Ziziphi iiparadesi ezimbini esifanele sisoloko sicinga ngazo?
19 Ngokufanayo namhlanje, sifanele sifeze inxalenye yethu, simoyike uYehova size sibambelele kwiindlela zakhe. Ngokwenjenjalo, siya kufak’ isandla ekuyiphuculeni iparadesi yethu yokomoya eliphila kuyo ngoku ibandla lamaKristu ehlabathini liphela. Siya kwandisa ulwazi esinalo ngeenkalo zayo neentsikelelo ezifumaneka kuyo. Yaye siyazi ukuba oku kuseziziqalelo nje. UYoshuwa wawakhokela amaSirayeli aza awela iYordan esiya kwilizwe elichumileyo nelihle. Ngoku sinezizathu ezibambekayo zokukhangela phambili ngentembelo kwiParadesi yokoqobo, ilizwe elihle esiza kungena kulo.
Ngaba Usakhumbula?
• Kutheni sifanele sibe nomnqweno wokwandisa ulwazi lwethu nendlela esiwaqonda ngayo amazwe ekuthethwa ngawo eBhayibhileni?
• Yiyiphi inkcazelo ephathelele ummandla othile ekuthethwe ngayo kweli nqaku eye ngokukhethekileyo yandisa ulwazi lwakho?
• Yintoni oyifundileyo njengoko uye wawazi ngakumbi ummandla ophathelele isiganeko esithile?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 14]
‘Khawubone Eli Lizwe Lihle’
Kwiindibano zowama-2003 nama-2004, amaNgqina kaYehova akuvuyela ukufumana incwadana enemifanekiso ethi ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle.’ Le mpapasho intsha, efumaneka ngeelwimi ezinokuba ngama-80, izaliswe ziimaphu ezinemibalabala nezicangca ezibonisa imimandla eyahlukahlukeneyo yamazwe ekuthethwa ngawo eBhayibhileni, ingakumbi iLizwe Lesithembiso ngamaxesha ahlukahlukeneyo.
Inqaku elihambisana nale bhokisi libhekisela kwiimaphu ezithile ngokusebenzisa iinombolo zamaphepha ezibhalwe ngqindilili, njengale [15]. Ukuba unayo le ncwadana intsha inemifanekiso, ziphe ixesha lokuqhelana neenkalo ezibalulekileyo ezinokukunceda ukuba wandise ulwazi lwakho nendlela oliqonda ngayo iLizwi likaThixo.
(1) Iimaphu ezininzi zinenkcazelo okanye ibhokisi echaza imiqondiso ethile ekhethekileyo okanye iimpawu ezithile ezisemaphini [18]. (2) Inkoliso yeemaphu iquka umlinganiselo weemayile neekhilomitha nto leyo eya kukwenza ukwazi ukuqonda ubukhulu okanye imigama ekuthethwa ngayo [26]. (3) Ngokuqhelekileyo uphawu lujonge ngasentshona, nto leyo ekwenza ukwazi ukwalatha icala ekuthethwa ngalo [19]. (4) Ngokuqhelekileyo iimaphu zinemibala ukuze ukwazi ukubona iindawo eziphakamileyo [12]. (5) Ngasekupheleni kwayo, imaphu isenokuba noonobumba namanani ukuze ukwazi ukubona ummandla, nto leyo onokuyisebenzisa ukuze ubone izixeko okanye amagama eendawo [23]. (6) Kumaphepha amabini anesalathiso samagama eendawo [34-5], usenokubona inombolo yephepha ebhalwe ngqindilili, edla ngokulandelwa ngumqondiso wommandla, njengokuthi E2. Emva kokusebenzisa le miqondiso kangangezihlandlo eziliqela, uya kumangaliswa indlela esenokuba luncedo ngayo ekwandiseni ulwazi onalo ize iyenze nzulu indlela oyiqonda ngayo iBhayibhile.
[Isicangca/Imaphu ekwiphepha 16, 17]
ISICANGCA SEMIMANDLA YEMVELO
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
A. Unxweme LoLwandle Olukhulu
B. Amathafa Akwintshona YeYordan
1. Ithafa LaseAshere
2. Unxweme LwaseDore
3. Amadlelo AseSharon
4. Ithafa LaseFilisti
5. Phakathi KweMpuma NeNtshona YeNtlambo
a. Ithafa LaseMegido
b. Intili YaseYizereli
C. IiNtaba EziseNtshona YeYordan
1. Iinduli zaseGalili
2. Iinduli zaseKarmele
3. Iinduli zaseSamariya
4. IShefela (iindulana)
5. Ilizwe Elineenduli LakwaYuda
6. Intlango YakwaYuda
7. INegebhi
8. Intlango YaseParan
D. IArabha (Umwonyo)
1. IChibi IHula
2. Ummandla Wolwandle LwaseGalili
3. Intlambo YaseYordan
4. Ulwandle LweTyuwa (Ulwandle Olufileyo)
5. IArabha (kumazantsi oLwandle lweTyuwa)
E. Iintaba/Amahewu Akwimpuma YeYordan
1. IBhashan
2. IGiliyadi
3. Kwa-Amoni NakwaMowabhi
4. Ihewu LakwaEdom
F. Iintaba ZaseLebhanon
[Imaphu]
INtaba YeHermon
IMore
IAbheli-mehola
ISukoti
IYogebheha
IBheteli
IGilgali
IGibheyon
IYerusalem
IHebron
IGaza
IBher-shebha
ISodom?
IKadeshe
[Imaphu/Umfanekiso okwiphepha 15]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
IKANAN
IMegido
IGILIYADI
IDotan
KwaShekem
IBheteli (iLuzi)
IAyi
IYerusalem (iSalem)
IBhetelehem (iEfrata)
IMamre
IHebron (iMakaphela)
IGerare
IBher-shebha
ISodom?
INEGEBHI
IRehobhoti?
[Iintaba]
IMoriya
[Amanzi]
ULwandle Lwetyuwa
[Imilambo]
IYordan
[Umfanekiso]
UAbraham walityhutyha ilizwe
[Imaphu ekwiphepha 18]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
ITrowa
ISAMOTRAKI
INeyapoli
IFilipi
IAmfipoli
ITesalonika
IBhereya
IAthene
IKorinte
IEfese
IMileto
IRODO