ISAHLUKO SESHUMI ELINESINE
Unako Ukuzuza Kumnqophiso Omtsha
1. Luluphi uthumo oluntlu-mbini olwazalisekiswa nguYeremiya?
UYEHOVA wathuma uYeremiya isigidimi esintlu-mbini. Kwinxalenye yokuqala wayeza ‘kuncothula, adilize, atshabalalise aze achithe.’ Kweyesibini wayeza ‘kwakha aze atyale.’ Lo mprofeti wafeza inxalenye yokuqala ngokubhenca ubungendawo bamaYuda awayenekratshi, evakalisa ukuba uThixo uza kuwagweba loo maYuda neBhabhiloni. Sekunjalo, iziprofeto zikaYeremiya zazikwathetha ngethemba lekamva. Waprofeta ngokwakha oko uThixo wayenenjongo yokukwakha nokutyala oko wayenenjongo yokukutyala. Ngokomzekelo, uYeremiya wayezalisekisa inxalenye yesibini yesabelo sakhe xa wayenikela ingqalelo ekubuyiselweni kwamaYuda kwilizwe lawo.—Yer. 1:10; 30:17, 18.
2. Kwakutheni ukuze uYehova abagwebe abantu bakhe, yaye wakwenza njani oko?
2 Ukuvakalisa kukaYeremiya ukubuyiselwa kukaYuda kwakungathethi ukuba uThixo wayeza kuqala ngokubafekethisa abantu bakhe okanye ayekelele kwimilinganiselo yakhe yokusesikweni. Wayeza kuwagweba amaYuda anxaxhayo. (Funda uYeremiya 16:17, 18.) Ngomhla kaYeremiya, babembalwa abantu ‘abenza okusesikweni’ okanye ‘abafuna ukuthembeka,’ yaye oko kwabangela ukuba uYehova aphelelwe ngumonde. Wathi: “Ndidiniwe kukuzisola.” (Yer. 5:1; 15:6, 7) Loo maYuda ‘ayebuyele kwiziphoso zookhokho bawo ababa ngabokuqala ukwala ukuthobela’ amazwi kaYehova. Ngaphezu koko, amcaphukisa uThixo ngokukrexeza noothixo bobuxoki. (Yer. 11:10; 34:18) UYehova wayenokubalungisa abantu bakhe ade abohlwaye ‘ngomlinganiselo ofanelekileyo.’ Ngenxa yoko, kusenokwenzeka ukuba amanye asiqonda isiphoso sawo aza abuyela kuye.—Yer. 30:11; 46:28.
3. Kutheni kubalulekile nje ukuba unikele ingqalelo kwisiprofeto somnqophiso omtsha?
3 UThixo wasebenzisa uYeremiya ukuprofeta ngento eyayiza kuba neengenelo kubantu abaninzi neyayiza kuhlala ixesha elide—umnqophiso omtsha. Ngokuqwalasela kwethu iincwadi zesiprofeto zikaYeremiya, sitsho sibe nesizathu sokunikela ingqalelo kwithemba eliqaqambileyo: umnqophiso omtsha. Wawuza kuthabathel’ indawo umnqophiso owawenziwe namaSirayeli emva kweMfuduko yawo, ekunye noMoses njengomlamleli wawo. (Funda uYeremiya 31:31, 32.) Xa wayesungula iSidlo seNkosi Sangokuhlwa, uYesu Kristu wathetha ngalo mnqophiso mtsha, ngoko ngokuqinisekileyo ubangela umdla kuthi. (Luka 22:20) Umpostile uPawulos wathetha ngalo mnqophiso xa wayebhalela amaHebhere. Wacaphula kwisiprofeto sikaYeremiya waza wabalaselisa ukubaluleka kwawo. (Heb. 8:7-9) Kodwa ke, uyintoni kanye umnqophiso omtsha? Kwakutheni ukuze ufuneke? Ngoobani abanenxaxheba kuwo, yaye wena unokuzuza njani kuwo? Makhe sibone.
KWAKUTHENI UKUZE KUFUNEKE UMNQOPHISO OMTSHA?
4. Yintoni eyafezwa ngumnqophiso woMthetho?
4 Ukuze siwuqonde kakuhle umnqophiso omtsha, simele siyazi injongo yowangaphambili, umnqophiso woMthetho. Wawuza kufeza iinjongo ezininzi ezibalulekileyo kolo hlanga lwalulindele iMbewu ethenjisiweyo, eyayiza kuba yintsikelelo kwabaninzi. (Gen. 22:17, 18) Xa amaSirayeli ayesamkela umnqophiso woMthetho, aba “yinqobo” kuThixo. Kuloo mnqophiso isizwe sabaLevi sasiza kuba ngababingeleli bolo hlanga. Xa wayesenza loo mnqophiso namaSirayeli kwiNtaba yeSinayi, uYehova wakhankanya ‘ubukumkani nababingeleli nohlanga olungcwele,’ kodwa akachaza ukuba kwakuza kwenzeka nini yaye njani oko. (Eks. 19:5-8) De kwaba kuyenzeka oko, loo mnqophiso wabonisa kakuhle ukuba amaSirayeli ayengenakukwazi ukuwugcina ngokupheleleyo loo Mthetho. Kunoko wazibhenca izono zawo. Ngenxa yoko, phantsi kwawo amaSirayeli kwakufuneka enze imibingelelo rhoqo ukuze axolelwe izono. Sekunjalo, kwacaca ukuba kufuneka okungakumbi, idini elifezekileyo elaliza kwenziwa nje kube kanye. Yayifuneka ngokwenene into eyayiza kubangela ukuxolelwa ngonaphakade kwezono.—Gal. 3:19-22.
5. Kwakutheni ukuze uYehova aprofete ngomnqophiso omtsha?
5 Siyakwazi ke ukubona isizathu sokuba uThixo aphefumlele uYeremiya ukuba aprofete ngomnye umnqophiso omtsha ngoxa kwakusekho umnqophiso woMthetho. Ngenxa yothando nobubele, uYehova wayefuna ukunceda nezinye iintlanga. Esebenzisa uYeremiya, uThixo wathi ngokuphathelele abo bakumnqophiso omtsha: “Kuba ndiya kusixolela isiphoso sabo, nesono sabo andiyi kuba sasikhumbula.” (Yer. 31:34) Nakuba eso sithembiso senziwa ngomhla kaYeremiya, siqulethe ithemba elimangalisayo loluntu ngokubanzi. Njani?
6, 7. (a) Abanye bavakalelwa njani ngezono abazenzayo? (b) Kutheni sinokukhuthazwa nje kukufunda ngomnqophiso omtsha?
6 Nangoku asifezekanga yaye siyakwazi oko. Umzekelo woku siwubona komnye umzalwana owayesilwa nengxaki enzulu ebangelwa kukungafezeki. Uthi: “Xa ndibuyele kobo buthathaka, ndandikhathazeka ngokwenene. Ndandivakalelwa kukuba andinakuze ndikwazi ukuyilungisa loo nto ndiyenzileyo. Kwakuba nzima ukuthandaza. Ndandidla ngokuqala ngokuthi, ‘Yehova andazi nokuba uza kuwuphulaphula na lo mthandazo, kodwa . . . ’” Abanye abaye baphinda babuyela kubuthathaka babo okanye bawela esonweni baye bavakalelwa ngokungathi kukho ‘ingqimba yelifu’ ethintela imithandazo yabo ingafiki kuThixo. (IZili. 3:44) Abanye basakhathazwa zizono zabo nakuba sekudlule iminyaka bazenzayo. Nkqu namaKristu angumzekelo asenokuthetha izinto anokugqibela ezisola ngazo.—Yak. 3:5-10.
7 Akukho namnye kuthi omele acinge ukuba akanakuze aphambuke. (1 Kor. 10:12) Kwanompostile uPawulos waqonda ukuba wayesona. (Funda amaRoma 7:21-25.) Kule meko simele sikhumbule umnqophiso omtsha. Enye into obaluleke ngayo lo mnqophiso mtsha kukuba uThixo wathembisa ukuba akasayi kuzikhumbula izono. Le yeyona ngenelo yawo ingenakuthelekiswa nanto! Eso siprofeto simele ukuba samkhuthaza ngokwenene uYeremiya, yaye sinokuba njalo nakuthi njengoko sifunda ngalo mnqophiso mtsha nendlela esinokuzuza ngayo kuwo.
Kwakutheni ukuze uThixo enze umnqophiso omtsha?
UYINTONI UMNQOPHISO OMTSHA?
8, 9. Yintoni awalahlekelwa yiyo uYehova ukuze kuxolelwe izono?
8 Njengokuba usiya umazi uYehova, uya uyiqonda ngakumbi indlela anobubele nanenceba ngayo kubantu abangafezekanga. (INdu. 103:13, 14) Xa wayeprofeta ngomnqophiso omtsha, uYeremiya wabalaselisa ukuba uYehova wayeya ‘kuxolela isiphoso’ aze angasikhumbuli eso sono. (Yer. 31:34) UYeremiya usenokuba wayezibuza indlela uThixo awayeza kukwenza ngayo oko. Into awayeyiqonda kukuba xa uThixo wayethetha ngomnqophiso omtsha, wayethetha ukuba uza kwenza isivumelwano noluntu. Ngandlel’ ithile, ngalo mnqophiso uYehova wayeza kufeza oko wayephefumlele uYeremiya ukuba akubhale, kuquka ukuxolelwa. Iinkcukacha ezingakumbi zaziza kucaca emva kokuba uThixo etyhile injongo yakhe, kuquka oko kwakuza kwenziwa nguMesiya.
9 Mhlawumbi ukhe ubabone abazali abafekethisa abantwana babo endaweni yokubaqeqesha. Ngaba ulindele ukuba noYehova abe njalo? Nakanye! Oku kucaca kakuhle kwindlela awusebenzisa ngayo umnqophiso omtsha. Kunokuba asuke nje azicime izono, ngobulumko uThixo wasebenzisa umlinganiselo wakhe wokusesikweni, wenza ilungiselelo elisemthethweni lokuxolelwa kwezono, nakuba oko kwakuza kuthetha ilahleko engathethekiyo kuye. Ukuze ukuqonde kakuhle oku unokufunda oko kwabhalwa nguPawulos ngomnqophiso omtsha. (Funda amaHebhere 9:15, 22, 28.) UPawulos wakhankanya ‘ukukhululwa ngentlawulelo’ waza wathi “kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa.” Kumnqophiso omtsha oku kwakungathethi ukubingelela ngegazi leenkunzi zenkomo okanye leebhokhwe njengokuba kwakunjalo kuMthetho. Wona umnqophiso omtsha wenziwa wasebenza ngegazi likaYesu. Ngenxa yelo dini lifezekileyo, uYehova ‘unokuxolela iziphoso nezono’ ngonaphakade. (IZe. 2:38; 3:19) Ngoobani ababeza kuba kulo mnqophiso mtsha nababeza kuxolelwa? Yayingelohlanga lwamaYuda. UYesu wathi uThixo wayeza kuwagatya amaYuda, lawo ayebingelela ngezilwanyana phantsi koMthetho, aze aphethulele ingqalelo kolunye uhlanga. (Mat. 21:43; IZe. 3:13-15) Olo hlanga yaba ‘nguSirayeli kaThixo,’ obunjwa ngamaKristu athanjiswe ngomoya oyingcwele. Umnqophiso woMthetho wawuphakathi koThixo namaSirayeli emvelo, ngoxa wona umnqophiso omtsha uphakathi kukaYehova uThixo noSirayeli wokomoya, uYesu anguMlamli wawo.—Gal. 6:16; Roma 9:6.
10. (a) Ngubani ‘olihlumelo’ likaDavide? (b) Ziziphi iingenelo ezinokufunyanwa ngabantu kweli ‘hlumelo’?
10 UYeremiya wachaza Lowo uzayo, uMesiya, ‘njengehlumelo’ likaDavide. Oko kuyaqondakala. Umthi obubukumkani bomnombo kaDavide wagawulwa kanye ngelo xesha lokuprofeta kukaYeremiya. Kodwa sona isiphunzi zange sitshatyalaliswe. Ethubeni, uYesu wazalwa kumnombo kaKumkani uDavide. Kwakunokuthiwa xa ebizwa “UYehova UbuBulungisa Bethu,” nto leyo ebalaselisa ukubaluleka kolu phawu kuThixo. (Funda uYeremiya 23:5, 6.) UYehova wavumela uNyana okuphela kwamzeleyo ukuba abandezeleke emhlabeni aze afe. Ngokuvisisana nokusesikweni, uYehova wayenokusebenzisa ixabiso ledini lentlawulelo ‘lehlumelo’ likaDavide ukuze axolele izono. (Yer. 33:15) Oku kwavulela abantu abathile ithuba lokuba bavakaliswe “bengamalungisa afanelwe bubomi” nelokuba bathanjiswe ngomoya oyingcwele, ukuze babe nenxaxheba kumnqophiso omtsha. Obunye ubungqina obungakumbi bendlela uThixo abukhathalele ngayo ubulungisa kukuba kukho nabanye abazuzayo kulo mnqophiso nakuba bona bengenanxaxheba ngokungqalileyo kuwo, njengokuba siza kubona.—Roma 5:18.
11. (a) Yintoni obhalwe kuyo umthetho womnqophiso omtsha? (b) Yintoni ebangela ukuba abezinye izimvu babe nomdla kumnqophiso omtsha?
11 Ngaba uyafuna ukwazi ezinye iinkalo ezikhethekileyo zomnqophiso omtsha? Enye yezona zinto yahluke ngazo le minqophiso zizinto ebhalwe kuzo. (Funda uYeremiya 31:33.) IMithetho Elishumi yomnqophiso woMthetho yabhalwa emacwecweni amatye, awanyamalalayo ekugqibeleni. Ngokwahlukileyo, uYeremiya wathi wona umnqophiso omtsha wawuza kubhalwa ezintliziyweni zabantu, yaye wawungenakuze unyamalale. Abo banenxaxheba kumnqophiso omtsha, amaKristu athanjisiweyo, bawuxabisa ngokwenene lo mthetho. Kuthekani ngabo bangenanxaxheba ngokungqalileyo kulo mnqophiso, ‘abezinye izimvu,’ abanethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni? (Yoh. 10:16) Nabo bayavuyiswa ngumthetho kaThixo. Ngokungathi kunjalo, bafana nabantu ababengabaphambukeli kwaSirayeli, ababewamkele uMthetho kaMoses yaye bengenelwa kuwo.—Lev. 24:22; Num. 15:15.
12, 13. (a) Uyintoni umthetho womnqophiso omtsha? (b) Kutheni kungekho mntu umele azive enyanzelwa ukukhonza uThixo ‘kumthetho kaKristu’?
12 Ubuya kuthini xa ubuzwa oku, ‘Nguwuphi lo mthetho ubhalwe ezintliziyweni zamaKristu athanjisiweyo?’ Ukwabizwa ngokuba ‘ngumthetho kaKristu.’ Ekuqaleni wanikwa amaSirayeli okomoya, lawo akumnqophiso omtsha. (Gal. 6:2; Roma 2:28, 29) Lo ‘mthetho kaKristu’ unokuwushwankathela ngegama elinye: uthando. (Mat. 22:36-39) Ubhalwa njani ezintliziyweni zabathanjiswa? Ubhalwa ngokuba bafundisise iLizwi likaThixo nangokuthandaza. Ezo nkalo zonqulo lokwenyaniso zimele zibalasele kubomi bawo onke amaKristu okwenyaniso, nkqu nakulawo angekho kumnqophiso omtsha kodwa efuna ukungenelwa kuwo.
13 “Umthetho kaKristu” kuthiwa ‘ngumthetho ogqibeleleyo wenkululeko’ ‘nomthetho wenkululeko.’ (Yak. 1:25; 2:12) Abantu abaninzi bazalelwa kuMthetho kaMoses, kodwa akukho namnye ozalelwa kumnqophiso omtsha okanye kumthetho kaKristu. Akukho namnye othobela umthetho kaKristu onyanzelwayo ukuba akhonze uThixo. Kunoko, abantu bavuyiswa kukwazi ukuba umthetho kaThixo unokubhalwa ezintliziyweni zabo, yaye namhlanje banokuzifumana iingenelo zalo mnqophiso wesiprofeto sikaYeremiya.
Yintoni uThixo awayenzayo ukuze abantu baxolelwe izono ngomnqophiso omtsha? Yiyiphi indlela esinokufunda ngayo ngomthetho obhalwe ezintliziyweni?
ABO BAXHAMLAYO KUMNQOPHISO OMTSHA
14. Ngoobani abaxhamla ngokungqalileyo kumnqophiso omtsha?
14 Xa besiva ukuba ngabantu abali-144 000 kuphela abakumnqophiso omtsha, bambi basenokucinga ukuba leli nani kuphela elixhamlayo kuwo. Basenokucinga njalo kuba ngabathanjisiweyo kuphela abathabathayo kwimifuziselo eyenziwa kwiSikhumbuzo saminyaka le sokufa kukaKristu, apho iwayini ifuzisela “igazi lomnqophiso.” (Marko 14:24) Khumbula ukuba abo bakulo mnqophiso mtsha baza kuba kunye noYesu ‘njengembewu’ ka-Abraham, eziya kusikelelwa ngayo zonke iintlanga. (Gal. 3:8, 9, 29; Gen. 12:3) Esebenzisa lo mnqophiso mtsha, uYehova uya kuzalisekisa isithembiso sakhe sokusikelela zonke iintlanga ‘ngembewu’ ka-Abraham.
15. Yiyiphi indima yabathanjiswa ekwaprofetwa ngayo?
15 UYesu Kristu, inxalenye eyintloko yembewu ka-Abraham, unguMbingeleli Omkhulu, yaye wanikela ngedini eligqibeleleyo elabangela ukuxolelwa kweziphoso nezono. (Funda amaHebhere 2:17, 18.) Ukanti, kwakudala uThixo wathetha ‘ngobukumkani nababingeleli nohlanga olungcwele.’ (Eks. 19:6) KuSirayeli wemvelo ababingeleli babephuma kwisizwe esinye, bona ookumkani bephuma kwesinye. Ngoko sasiza kuzaliseka njani esi sithembiso sohlanga lookumkani nababingeleli? Incwadi yakhe yokuqala umpostile uPetros wayibhalela abo babengcwaliswe ngomoya. (1 Pet. 1:1, 2) Wabhekisela kubo ngokuthi ‘bububingeleli basebukhosini, uhlanga olungcwele, isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo.’ (1 Pet. 2:9) Ngoko ke amaKristu athanjisiweyo akulo mnqophiso mtsha aza kuba ngababingeleli abangaphantsi kukaKristu. Cinga nje into ethethwa koko! Mihla le sithwaxwa sisono, ‘esisilawula njengokumkani.’ Aba babingeleli bangaphantsi kukaKristu bakhe batyhubela kule ngxaki. (Roma 5:21) Bayazi kakuhle ukuba kunjani ukwenza iimpazamo nendlela esivakalelwa ngayo xa sonile. Ngoko bona noKristu, baza kukwazi ukuvelana nathi njengoko sizabalazela ukoyisa utyekelo lwesono.
16. Luluphi ukhuthazo olufunyanwa ‘sisihlwele esikhulu’ kwiSityhilelo 7:9, 14?
16 KwiSityhilelo 7:9, 14 kuthethwa ‘ngesihlwele esikhulu’ esibonwa “sambethe imiwunduzo emhlophe,” nto leyo ebonisa ukuba asinabala phambi koThixo. Ngoku kuhlanganiswa eso sihlwele sikhulu ukuze sikwazi ukusinda ‘kwimbandezelo enkulu.’ Ngenxa yoko, kwanangoku esi sihlwele sikhulu uThixo usijonga njengamalungisa. Sivakaliswa singabahlobo bakaYehova abangamalungisa. (Roma 4:2, 3; Yak. 2:23) Singenelwa ngokwenene. Ukuba uyinxalenye yesi sihlwele sikhulu, qiniseka ukuba uThixo uzimisele ukukunceda njengoko uzabalazela ukuhlala ucocekile phambi kwakhe.
17. Kutshiwo njani ukuba uYehova akabi sazikhumbula izono?
17 Yintoni eyenzekayo kwizono zabo bathandwayo nguThixo? Njengokuba kuye kwachazwa ngaphambili, esebenzisa uYeremiya uYehova wathi: “Ndiya kusixolela isiphoso sabo, nesono sabo andiyi kuba sasikhumbula.” (Yer. 31:34) Kubathanjiswa, oku uThixo ukwenza ngedini likaYesu. Ngendlela efanayo, uThixo unokuzixolela izono zabo besihlwele esikhulu esebenzisa kwaeli ‘gazi lomnqophiso.’ Amazwi kaYeremiya okuba uThixo akayi ‘kuba sazikhumbula’ izono akathethi kuthi uya kuzilibala. Kodwa abonisa ukuba xa uYehova eye wamohlwaya waza wamxolela umoni oguqukayo, uye aliphose kwelokulibala ityala lakhe. Cinga ngezono zikaKumkani uDavide ezazibandakanya uBhatshebha noUriya. UDavide wohlwaywa waza wayiva imiphumo yezono zakhe. (2 Sam. 11:4, 15, 27; 12:9-14; Isa. 38:17) Sekunjalo, uThixo akazange aqhubeke emohlwaya uDavide ngenxa yezo zono. (Funda eyesi-2 yeZikronike 7:17, 18.) Njengokuba kubonisiwe kumnqophiso omtsha, emva kokuba uYehova ezixolele izono ngenxa yedini likaYesu, akabi saphinda azikhumbule.—Hez. 18:21, 22.
18, 19. Yintoni esiyifundayo ngokuxolela kumnqophiso omtsha?
18 Umnqophiso omtsha ubalaselisa indlela emangalisayo uYehova abaphatha ngayo abantu abanesono, abo bathanjisiweyo bakulo mnqophiso, nabo banethemba lokuphila emhlabeni. Qiniseka ukuba xa uYehova ezixolele izono zakho, akayi kuphinda azikhumbule. Ngoko ke, isithembiso sikaThixo somnqophiso omtsha sisifundisa okuthile. Khawuzibuze oku, ‘Ngaba ndiyamxelisa uYehova ngokungavusi iimpazamo zabanye endandisele ndibaxolele ngazo?’ (Mat. 6:14, 15) Oku kubandakanya izono ezingephi nezinzulu, ezifana naxa iqabane lomKristu likrexezile. Ukuba elo qabane limsulwa liye lalixolela elo likrexezileyo, alimele ‘lizikhumbule ezo zono.’ Yinyaniso ukuba, ukuphosa izono kwelokulibala kusenokungabi lula, kodwa leyo yenye indlela esinokumxelisa ngayo uYehova.a
19 Sinokusisebenzisa esi sifundo somnqophiso omtsha nakumntu owakha wasuswa kubudlelane kodwa waguquka waza wabuyiselwa. Kuthekani ukuba walahlekelwa zizinto ngenxa yakhe okanye wakuhlazisa ngandlel’ ithile? Ngoku ubuyiselwe ebandleni. Oko sikufunda kuYeremiya 31:34 kuya kuyichaphazela njani into esiyicingayo ngaye nendlela esiya kusabela ngayo? Ngaba uya kumxolela loo moni uze ungasoloko umkhumbuza ngezono zakhe? (2 Kor. 2:6-8) Sonke thina bawuxabisayo umnqophiso omtsha simele sizabalazele ukwenza loo nto.
Yiyiphi indlela onokusisebenzisa ngayo isifundo sokuxolela esiboniswe kumnqophiso omtsha?
IINTSIKELELO ZOMNQOPHISO OMTSHA, EZANGOKU NEZEXA ELIZAYO
20. Sahluke njani isimo sakho sengqondo kwesabaninzi bomhla kaYeremiya?
20 Ngomhla kaYeremiya amaYuda amaninzi ayesithi: “UYehova akayi kwenza okulungileyo, engayi kwenza nokubi.” (Zef. 1:12) Nakuba ayemazi uYehova nezinto azithandayo, ayecinga ukuba akayi kuwenza nto; engalindelanga nokuba aphile ngayo nayiphi na imilinganiselo yakhe. Kodwa ke wena uyazi ukuba zonke izinto zize emehlweni kaThixo. Umhlonela ngokunzulu uThixo yaye ngokuqinisekileyo akufuni ukwenza nantoni na embi. (Yer. 16:17) Kwangaxeshanye, uyazi ukuba uYehova unguBawo onenceba. Uyazibona izinto ezintle esizenzayo, kwanokuba abanye abaziboni.—2 Kron. 16:9.
21, 22. Kutheni kungaseyomfuneko nje ukuba kuthiwe kuwe: ‘Mazi uYehova.’?
21 Eyona nto ubalasele ngayo umnqophiso omtsha yile: “Ndiza kuwufaka umthetho wam ngaphakathi kubo, ndize ndiwubhale entliziyweni yabo. Kwaye ndiza kuba nguThixo wabo, . . . Abayi kuba safundisana ngamnye iqabane lakhe nomnye umntakwabo, besithi, ‘Mazini uYehova!’ kuba bonke baya kundazi.” (Yer. 31:33, 34) Abathanjisiweyo abasesemhlabeni namhlanje baye babonisa ukuba umthetho kaThixo ungaphakathi kubo. Bathanda inyaniso ekuwo, kunokuthembela kwiimfundiso zabantu. Ngokuzithandela baye babelana nabo besihlwele esikhulu ngolo lwazi lweBhayibhile. Ngoko ke, nabo banethemba lokuphila emhlabeni baye bamazi baza bamthanda uYehova. Ngokuzithandela bathobela ulwalathiso lwakhe ngoxa bethembele kumadinga akhe. Mhlawumbi nawe unjalo. Umazi kakuhle yaye unolwalamano oluhle kunye naye. Ngaba ikho enye into eyingenelo ngaphezu kwaleyo?
22 Uye wakwazi njani ukomeleza ulwalamano lwakho noYehova? Ngokungathandabuzekiyo uyazikhumbula izihlandlo zaxa wawubona ukuba uyiphendule imithandazo yakho. Ezo zinto ziye zakwenza wamxabisa ngakumbi uThixo. Mhlawumbi uye waqonda ukuba uncedwe nguye njengoko ukhumbule isibhalo esikwenze wakwazi ukujamelana nentlungu. Zixabise ezo zinto akwenzele zona. Njengokuba uqhubeka ufunda iLizwi lakhe, uya umazi ngakumbi—zanda ngolo hlobo ke neengenelo.
23. Ukwazi uYehova kunokukukhulula njani ekungcungcuthekisweni ngumvandedwa?
23 Ngenxa yalo mnqophiso mtsha, kukho nenye intsikelelo esinokuyifumana kanye ngoku. Ukwazi ukuba ubangela ukuba uYehova asixolele kuyasikhulula kwintlungu yokuziva sinetyala. Ngokomzekelo, abo baye baqhomfa ngaphambi kokuba bazi imilinganiselo kaThixo basenokuziva benetyala yaye bebuhlungu ngenxa yezo mveku bazibulala ngabom. Abanye abanaloo mvandedwa ngabo babulala abantu emfazweni. Abo baguquka ngokwenene bayaxolelwa ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu elingundoqo kulo mnqophiso mtsha. Xa kunjalo, ngaba asimele siqiniseke ukuba xa uYehova exolele izono zethu akaphindi azikhumbule nganto? Nathi simele siziphose kwelokulibala izono azixoleleyo.
24. Luluphi ukhuthazo olifumana kwingxelo ekuYeremiya 31:20?
24 Ubungqina obucacileyo bokuba uThixo uyaxolela bufumaneka kuYeremiya 31:20. (Yifunde.) Ngenxa yokukrexeza kobukumkani bangasentla bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli (obabumelwa nguEfrayim, isizwe esasibalasele), kumashumi eminyaka ngaphambi kwemihla kaYeremiya, uYehova wobohlwaya. Bathinjwa. Sekunjalo, uThixo wayebathanda ngokwenene abantu beso sizwe waza wanomsa kubo. Wayesabathanda ‘njengomntwana osateketiswayo.’ Xa ecinga ngabo, ‘kwakusika’ emathunjini, nto leyo ethetha ukuba wayevakalelwa. Xa sicinga ngomnqophiso omtsha, le ngxelo ibonisa indlela abaxolela ngesisa ngayo uYehova abo baguqukayo.
25. Kutheni umele umbulele uYehova ngomnqophiso omtsha?
25 Isithembiso sikaYehova sokuxolela izono ngalo mnqophiso mtsha siya kuzaliseka ngokupheleleyo ekupheleni koLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka. UYesu Kristu kunye nababingeleli abangaphantsi kwakhe abali-144 000 baya kuba sele bebabuyisele emfezekweni abantu abathembekileyo. Emva kokuba luphumelele uvavanyo lokugqibela, uluntu luya kuba yinxalenye yentsapho kaYehova ekwindalo iphela. (Funda amaRoma 8:19-22.) Kangangeenkulungwane, bonke abantu bebegcuma ngenxa yesono. Kodwa, ngelo xesha indalo kaYehova engabantu iya kuba “nenkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo,” iya kukhululeka kwisono nokufa. Qiniseka ukuba ngenxa yeli lungiselelo lomnqophiso omtsha, ekugqibeleni uya kufumana iingenelo ezingathethekiyo. Uya kuzixhamla ngoku nangonaphakade ngenxa ‘yehlumelo’ likaDavide uze unandiphe “ubulungisa elizweni.”—Yer. 33:15.
Unokungenelwa njani kumnqophiso omtsha ngoku nakwikamva elingekude?
a Ukukulungela kukaThixo ukuxolela kwabonakaliswa kumzekelo kaHoseya noGomere. Funda oko kuthethwa kuHoseya 2:14-16 kwincwadi ethi Hlala Uyikhumbula Imini KaYehova, kwiphepha 128-130.