3 Nyana wam, ungayilibali imfundiso yam,
Kwanga intliziyo yakho ingayigcina imiyalelo yam,
2 Kuba iya kukongezela imihla emininzi
Neminyaka yobomi noxolo.+
3 Ungaze wahlukane nothando olungagungqiyo nokuthembeka.+
Zibophelele entanyeni yakho;
Zibhale entliziyweni yakho;+
4 Uza kutsho wamkeleke uze ube ngumntu onobulumko
Emehlweni kaThixo nawabantu.+
5 Thembela ngoYehova+ ngayo yonke intliziyo yakho,
Ungathembeli kwindlela oziqonda ngayo izinto.+
6 Uze umkhumbule ezindleleni zakho zonke,+
Ibe uza kuyenza iphumelele indlela yakho.+
7 Uze ungabi sisilumko kwawakho amehlo.+
Yoyika uYehova, usuke ebubini.
8 Loo nto iza kuwuphilisa umzimba wakho,
Iwahlaziye namathambo akho.
9 Mnike imbeko uYehova ngezinto zakho ezixabisekileyo,+
Ngesivuno sokuqala semveliso yakho yonke;+
10 Baza kutsho bagcwale qhu oovimba bakho,+
Neefatyi zakho ziphuphume yiwayini entsha.
11 Nyana wam, uze ungayilahli ingqeqesho kaYehova,+
Ungasenyanyi isohlwayo sakhe,+
12 Kuba uYehova uyamohlwaya umntu amthandayo,+
Kanye njengokuba notata emohlwaya unyana amthandayo.+
13 Wonwabile umntu ofumene ubulumko+
Nomntu ozuze ukuqonda;
14 Ukufumana ubulumko kubhetele kunokufumana isilivere,
Nenzuzo yabo ibhetele kunokuba negolide.+
15 Buxabiseke ngaphezu kweekorale;
Akukho nanye into oyinqwenelayo enokulinganiswa nabo.
16 Esandleni sabo sasekunene bubomi obude;
Esandleni sabo sasekhohlo bubutyebi nozuko.
17 Iindlela zabo ziyathandeka,
Zonke iindlela zabo zezoxolo.+
18 Bungumthi wobomi kwabo babambelela kubo;
Abo babambelela nkqi kubo kuya kuthiwa bonwabile.+
19 UYehova wawuseka ngobulumko umhlaba.+
Wawazinzisa amazulu ngokuqonda.+
20 Ngolwazi lwakhe wahlukanisa amanzi anzulu
Aza amafu asesibhakabhakeni avuza umbethe.+
21 Nyana wam, ezi zinto mazingasitheli emehlweni akho.
Bukhusele ubulumko namandla okucinga;
22 Ziya kukunika ubomi,
Zibe sisihombo sentamo yakho;
23 Ngoko uza kuhamba ukhuselekile,
Nonyawo lwakho soze lukhubeke.+
24 Xa ulala, awuzukoyika;+
Buza kwehla ubuthongo, ulale yoyi.+
25 Awuzukoyika nayiphi na intlekele equbulayo+
Nesaqhwithi esiza kufikela abenzi-bubi.+
26 Kuba uYehova uza kuhlala elithemba lakho;+
Soze aluyeke unyawo lwakho lungene emgibeni.+
27 Sukwala ukubenzela izinto ezilungileyo abo bazidingayo+
Xa unamandla okubanceda.+
28 Sukuthi kummelwane wakho, “Hamba; uze uphinde ubuye! Ndiza kukunika ngomso,”
Ube ukwazi ukumnika ngoku.
29 Sukumenzela iyelenqe ummelwane wakho+
Xa ecinga ukuba ukhuselekile kuwe.
30 Sukuxabana nomntu ngaphandle kwesizathu+
Engakwenzanga nto.+
31 Sukummonela umntu okhohlakeleyo+
Okanye ukhethe nayiphi na kwiindlela zakhe,
32 Kuba uYehova uyamenyanya umntu onamaqhinga,+
Kodwa ungumhlobo osenyongweni walowo wenza izinto ezintle.+
33 UYehova uyayiqalekisa indlu yabenzi-bubi,+
Kodwa uyayisikelela indlu yamalungisa.+
34 Uhlekisa ngabo abo bagxekayo,+
Kodwa uyabathanda abo balulamileyo.+
35 Izilumko ziza kufumana imbeko njengelifa,
Kodwa zona izidenge ziza kwambatha ihlazo.+