Kubalisa uYohane
4 Xa iNkosi yaqondayo ukuba abaFarisi bevile ukuba yayifumana ize ibhaptize+ abafundi abaninzi kunoYohane, 2 nangona uYesu engazange abhaptize mntu, kodwa ingabafundi bakhe ababebhaptiza, 3 wemka kwaYuda wabuyela eGalili. 4 Kodwa ke, kwafuneka anqumle eSamariya. 5 Wahamba, wafika kwisixeko saseSamariya esibizwa ngokuba yiSikare, kufutshane nentsimi uYakobi awayinika uYosefu unyana wakhe.+ 6 Lalilapho iqula likaYakobi.+ UYesu wayediniwe luhambo, waza wahlala ngakwelo qula. Ngelo xesha kwakumalunga nentsimbi ka-12 emini.*
7 Umfazi waseSamariya weza kukha amanzi. UYesu wathi kuye: “Khawundiphe amanzi ndisele.” 8 (Abafundi bakhe babesayokuthenga ukutya esixekweni.) 9 Lo mfazi wathi: “Ungawacela njani amanzi kum, ungumYuda nje wena, mna ndingumfazi womSamariya?” (Kaloku amaYuda awavani namaSamariya.)+ 10 UYesu wathi: “Ukuba ubusazi isipho sikaThixo samahala+ nokuba ngubani lo othi kuwe, ‘Khawundiphe amanzi ndisele,’ ngewuwacele kuye wena, ibe yena ebeza kukupha amanzi obomi.”+ 11 Lo mfazi wathi: “Mhlekazi, awunayo nento le yokukha amanzi, ibe eli qula linzulu. Avela phi ke la manzi akho obomi? 12 Ngaba wena umkhulu kunokhokho wethu uYakobi, owasinika eli qula, awayesela kulo yena noonyana bakhe neenkomo zakhe?” 13 UYesu wathi: “Wonke umntu osela kula manzi uza kuphinda anxanwe. 14 Nabani na osela amanzi endiza kumnika wona soze aphinde anxanwe,+ kodwa amanzi endimnika wona aza kuba ngumthombo ompompoza kuye, onika ubomi obungunaphakade.”+ 15 Lo mfazi wathi: “Mhlekazi, khawundiphe loo manzi, ukuze ndingaphinde ndinxanwe okanye ndizokukha amanzi apha kwakhona.”
16 UYesu wathi: “Hamba uyokubiza umyeni wakho, nize apha.” 17 Lo mfazi wathi: “Andinamyeni.” UYesu wathi: “Unyanisile xa usithi, ‘Andinamyeni.’ 18 Kuba ubunabayeni abahlanu, ibe le ndoda unayo ngoku ayingomyeni wakho. Ngoko le nto uyithethayo yinyani.” 19 Lo mfazi wathi: “Mhlekazi, ndiyabona ukuba ungumprofeti.+ 20 Ookhokho bethu babekhonza kule ntaba, kodwa nina nithi abantu bamele bakhonze eYerusalem.”+ 21 UYesu wathi: “Mfazindini, ndikholelwe xa ndisithi kuwe, kuza ixesha eningazukumkhonza kule ntaba okanye eYerusalem uTata. 22 Nina nikhonza into eningayaziyo;+ thina sikhonza into esiyaziyo, kuba usindiso luqala kumaYuda.+ 23 Kodwa ke liyeza ixesha, ibe selifikile, xa abakhonzi bokwenene beza kukhonza uTata ngomoya nangenyaniso, kuba uTata ufuna ukukhonzwa ngabantu abanjalo.+ 24 UThixo unguMoya,+ ngoko abo bamkhonzayo bamele bamkhonze ngomoya nangenyaniso.”+ 25 Lo mfazi wathi: “Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, lowo ubizwa ngokuba nguKristu. Xa efika, uza kusicacisela yonke into.” 26 UYesu wathi: “Nguye kanye lo uthetha nawe.”+
27 Kanye ngelo xesha kwafika abafundi bakhe, bothuka kuba wayethetha nomfazi. Kodwa akukho nomnye owathi: “Ufuna ntoni?” okanye “Kutheni uthetha naye nje?” 28 Ngoko lo mfazi wayishiya apho ingqayi yakhe yamanzi, wayokuxelela abantu esixekweni, esithi: 29 “Yizani nibone umntu ondixelele zonke izinto endakha ndazenza. Akunakwenzeka na ukuba unguKristu?” 30 Baphuma ke esixekweni, baya kuYesu.
31 Ngelo xesha, abafundi bakhe babemcenga besithi: “Mfundisi,*+ yitya.” 32 Kodwa wathi kubo: “Ndinokutya endikutyayo eningakwaziyo nina.” 33 Abafundi bakhe babuzana besithi: “Ngaba ukhona umntu omzisele ukutya?” 34 UYesu wathi kubo: “Ukutya kwam kukwenza ukuthanda kwaLowo undithumileyo,+ nokuwugqiba umsebenzi wakhe.+ 35 Anitsho na ukuba kushiyeke iinyanga ezine ngaphambi kokuba kuvunwe? Kodwa mna ndithi kuni: Jongani amasimi, amhlophe, alungele ukuvunwa.+ 36 Umvuni sele efumana umvuzo, ibe uqokelela isiqhamo sobomi obungunaphakade. Ngoko ke, lowo utyalayo uvuya kunye nalowo uvunayo.+ 37 Linyanisile ke ilizwi elithi: Omnye uyatyala, omnye uyavuna. 38 Ndinithume ukuba niyokuvuna into eningayisebenzelanga. Abanye basebenzile, ibe nina nitya iziqhamo zomsebenzi wabo.”
39 AmaSamariya amaninzi eso sixeko akholwa kuYesu, kuba eva lo mfazi esithi: “Undixelele zonke izinto endakha ndazenza.”+ 40 Athi akufika kuye amaSamariya, amcela ukuba ahlale nawo, waza wahlala apho iintsuku ezimbini. 41 Ngenxa yaloo nto, abantu abaninzi bakholwa ngenxa yezinto awayezifundisa, 42 baza bathi kulo mfazi: “Ngoku asisakholwa ngenxa yento oyithethileyo; kuba sizivele ngokwethu, ibe siyazi ukuba le ndoda nyhani ngumsindisi wehlabathi.”+
43 Emva kwezo ntsuku zimbini, wemka apho waya eGalili. 44 Noko ke, uYesu wayethe umprofeti akaphathwa ngembeko kwilizwe lakowabo.+ 45 Kodwa wathi akufika eGalili, amaGalili amamkela, ngenxa yokuba ayezibonile zonke izinto awayezenzile kwitheko elaliseYerusalem,+ kuba nawo ayeyile kwelo theko.+
46 Waphinda waya eKana yaseGalili, apho wayejike khona amanzi aba yiwayini.+ Apho kwakukho igosa lakwakumkani elaligulelwa ngunyana walo eKapernahum. 47 Yathi le ndoda yakuva ukuba uYesu umkile kwaYuda waya eGalili, yaya kuye yamcela ukuba azokuphilisa unyana wayo, kuba wayesele eza kufa. 48 Kodwa uYesu wathi kuyo: “Kanene nina soze nikholwe ningabonanga mimangaliso nezinto ezinkulu.”+ 49 Eli gosa lakwakumkani lathi kuye: “Nkosi, nceda uze engekafi umntwana wam.” 50 UYesu wathi: “Goduka, unyana wakho uphilile.”+ Le ndoda yayikholelwa le nto ithethwa nguYesu, yahamba. 51 Yathi isesendleleni, izicaka zayo zayihlangabeza zisithi unyana wayo uphilile.* 52 Yabuza ukuba uphile nini. Zathi: “Ifiva iphele izolo malunga nentsimbi yokuqala emva kwemini.”* 53 Wakhumbula ke lo tata ukuba kwakungelo xesha kanye uYesu awathi ngalo kuye: “Unyana wakho uphilile.”+ Ngoko yena nayo yonke indlu yakhe bakholwa. 54 Lo ngummangaliso wesibini+ uYesu awawenzayo emva kokuba emkile kwaYuda waya eGalili.