Kubalisa uYohane
13 UYesu wayesazi kwangaphambi kwetheko lePasika ukuba selifikile ixesha+ lokuba emke kweli hlabathi, aye kuTata wakhe.+ Wayesoloko ebathanda abalandeli bakhe abakweli hlabathi, ibe wabathanda de kwasekupheleni.+ 2 Ngoku kwakutyiwa isidlo sangokuhlwa, ibe noMtyholi wayesele efake entliziyweni kaYudas Skariyoti,+ unyana kaSimon, umoya wokujikela uYesu.+ 3 UYesu wayesazi ukuba uTata wakhe uzinikele ezandleni zakhe zonke izinto, esazi nokuba uvela kuThixo, ibe uza kubuyela kuye.+ 4 Ngoko waphakama etafileni, wazibeka ecaleni izambatho zakhe zangaphezulu, wathatha itawuli wayibhinqa.+ 5 Emva koko, wagalela amanzi ekomini, wahlamba iinyawo zabafundi bakhe, waza wazosula ngetawuli awayeyibhinqile. 6 Akufika kuSimon Petros, yena wathi kuYesu: “Nkosi, uza kuhlamba iinyawo zam?” 7 UYesu wathi: “Awuzukuyiqonda okwangoku le nto ndiyenzayo, kodwa uza kuyiqonda ekuhambeni kwexesha.” 8 UPetros wathi: “Soze uzihlambe ezam iinyawo.” UYesu wathi: “Ukuba awuvumi,+ awuzukukwazi ukuhlala nam.” 9 USimon Petros wathi: “Nkosi, xa kunjalo, sukundihlamba iinyawo zodwa, sele undihlamba izandla nentloko.” 10 UYesu wathi kuye: “Umntu ohlambileyo akuyomfuneko ukuba ahlanjwe enye indawo ngaphandle kweenyawo, kuba sele ecocekile. Kodwa omnye wenu akacocekanga.” 11 Wayithetha loo nto kuba wayesele esazi ukuba uza kujikelwa ngubani.+ Yiloo nto wathi: “Omnye wenu akacocekanga.”
12 Emva kokuba ehlambe iinyawo zabo, wanxiba izambatho zakhe zangaphezulu, waphinda wahlala etafileni, wathi kubo: “Niyayiqonda na le nto ndigqiba kuyenza? 13 Nithi ‘Mfundisi’ okanye ‘Nkosi’ xa nindibiza, ibe ninyanisile, kuba kunjalo.+ 14 Ngoko ke, ukuba mna ndihlambe iinyawo zenu,+ ndakugqiba ukuba yiNkosi noMfundisi, nani nimele* nihlambane iinyawo,+ 15 kuba ndinibonisile indlela enimele nenze ngayo. Le nto ndiyenzileyo kuni, nani nimele niyenze.+ 16 Ndiyaniqinisekisa ukuba, ikhoboka alikho likhulu kunenkosi yalo, nalowo uthunyiweyo akakho mkhulu kunalowo umthumileyo. 17 Ngoku niyazazi ezi zinto, ibe niza konwaba ukuba niyazenza.+ 18 Andithethi ngani nonke; ndiyabazi endibakhethileyo. Le nto yenzeke ukuze sibe yinyani isibhalo esithi:+ ‘Indoda ebisitya isonka sam, indiphakamisele isithende.’*+ 19 Ngoku ndinixelela le nto ngaphambi kokuba yenzeke, ukuze xa isenzeka nikholwe ukuba esi sibhalo sithetha ngam.+ 20 Ndiyaniqinisekisa ukuba, lowo umamkelayo endimthumileyo, wamkela nam,+ ibe nabani na ondamkelayo, wamkela naLowo undithumileyo.”+
21 UYesu wakhathazeka kakhulu emva kokuba ethethe ezi zinto, wathi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, omnye wenu uza kundijikela.”+ 22 Abafundi bajongana, bengazi ukuba uthetha ngabani.+ 23 Omnye umfundi, owayethandwa nguYesu,+ wayehleli ecaleni kwakhe,* 24 ibe uSimon Petros wanqwala ejongise kulo mfundi, wathi: “Khawutsho, uthetha ngabani?” 25 Lo mfundi wasondela kuYesu, wathi: “Nkosi, ngubani lowo?”+ 26 UYesu wathi: “Ngulowo ndiza kuncinda isonka ndize ndimnike.”+ Ngoko wancinda isonka, wasinika uYudas, unyana kaSimon Skariyoti. 27 Emva kokuba uYudas ethathe esi sonka, wangenwa nguSathana.+ UYesu wathi kuye: “Khawuleza uyigqibe le nto uyenzayo.” 28 Kodwa ke, akukho nomnye kwabo babehleli etafileni owayesazi ukuba kutheni esitsho. 29 Abanye babecinga ukuba, ekubeni uYudas wayegcina ibhokisi yemali,+ uYesu wayesithi kuye, “Hamba uyokuthenga izinto eziza kufuneka ethekweni,” okanye mhlawumbi wayesithi makubekho imali ayipha amahlwempu. 30 Wasithatha eso sonka, waphuma. Ngelo xesha kwakusele kusebusuku.+
31 Akuba emkile uYudas, uYesu wathi: “Ngoku uNyana womntu uzukisiwe,+ ngenxa yaloo nto noThixo uzukisiwe. 32 UThixo uza kumzukisa,+ ibe uza kumzukisa ngokukhawuleza. 33 Bantwana abancinci, sendiza kunishiya. Niza kundikhangela; kodwa njengokuba ndandithe kumaYuda, ‘Apho ndiya khona aninakuza,’+ loo nto ndiyitsho nakuni. 34 Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane. Nimele nithandane+ ngale ndlela nam ndinithande ngayo.+ 35 Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana.”+
36 USimon Petros wathi kuye: “Nkosi, uza kuya phi?” UYesu wathi: “Awunakukwazi okwangoku ukuya apho ndiya khona, kodwa uza kulandela.”+ 37 UPetros wathi: “Nkosi, kutheni ndingenakuya ngoku? Ndixolele ukukuncamela ubomi bam.”+ 38 UYesu wathi: “Ungandincamela ubomi bakho? Ndiyakuqinisekisa ukuba, uza kuthi ungekakhonyi umqhagi, ube sowundiphike kathathu.”+