Kubalisa uLuka
2 Ngaloo mihla uKesare Agasto wakhupha umyalelo wokuba kubhaliswe wonke umntu osemhlabeni. 2 (Abantu babhaliswa okokuqala xa uKwiriniyo wayengumlawuli waseSiriya.) 3 Wonke umntu waya kubhaliswa kwisixeko sakowabo. 4 Naye ke uYosefu+ wenyuka evela eGalili, kwisixeko saseNazarete, esiya kubhaliswa kwaYuda, kwisixeko sikaDavide, esibizwa ngokuba yiBhetelehem,+ kuba wayephuma kwindlu nentsapho kaDavide. 5 Wabhaliswa kunye noMariya, owayesele engumfazi wakhe,+ nowayesele eza kuba nomntwana.+ 6 Bathi beselapho, kwafika ixesha lokuba abeleke. 7 Wazala unyana, izibulo lakhe,+ wamsongela ngamalaphu waza wambeka emkhumbini,*+ kuba zange bafumane ndawo kwindawo yeendwendwe.
8 Kwakukho abelusi kuloo mmandla, behlala endle kuba begade imihlambi yabo ebusuku. 9 Kwathi gqi ingelosi kaYehova* yema phambi kwabo, bakhanyiselwa bubuqaqawuli bukaYehova,* baza boyika kakhulu. 10 Kodwa ingelosi yathi kubo: “Sanukoyika, kuba jongani! ndiniphathele iindaba ezilungileyo eziza kuvuyisa wonke umntu. 11 Kuba namhlanje nizalelwe umsindisi,+ onguKristu iNkosi,+ kwisixeko sikaDavide.+ 12 Nantsi into eniza kumbona ngayo: Niza kubona usana olusongelwe ngamalaphu, lulele emkhumbini.”* 13 Kwathi kusenjalo, kwathi gqi ecaleni kwale ngelosi umkhosi omkhulu weengelosi,+ zidumisa uThixo zisithi: 14 “Makazukiswe uThixo osemazulwini, kubekho uxolo emhlabeni phakathi kwabantu abathandayo.”
15 Zathi iingelosi zakubuyela ezulwini, abelusi bathi: “Masihambeni ngoku siye eBhetelehem, siyokubona le nto siyixelelwe nguYehova.”* 16 Bahamba ngoko nangoko, baza bafika kukho uMariya noYosefu, nosana lulele emkhumbini.* 17 Bathi bakubabona, babachazela yonke into abayixelelweyo ngalo mntwana. 18 Wonke umntu owabevayo aba belusi wamangaliswa yinto ababeyithetha, 19 kodwa uMariya wayigcina yonke le nto babeyithetha, ezenzela izigqibo entliziyweni yakhe.+ 20 Emva koko abelusi bagoduka, bemzukisa yaye bemdumisa uThixo ngayo yonke into abayivileyo nabayibonileyo, eyenzeka kanye njengokuba babeyixelelwe.
21 Xa kwafika ixesha lokuba oluswe, emva kweentsuku ezisibhozo,+ wathiywa igama elinguYesu, awayelinikwe yingelosi ngaphambi kokuba uMariya amithe.+
22 Lathi lakufika ixesha lokucocwa kwabo ngokoMthetho kaMoses,+ uMariya noYosefu baya noYesu eYerusalem ukuze bamnikele kuYehova,* 23 kanye njengokuba kubhaliwe eMthethweni kaYehova* kwathiwa: “Onke amazibulo angamakhwenkwe* aza kuba ngcwele kuYehova.”*+ 24 Benza umnikelo ochazwe eMthethweni kaYehova:* “amahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amahobe afuywayo.”+
25 Kwakukho umntu onguSimeyon eYerusalem, owayelilungisa yaye esoyika uThixo, elindele ukuthuthuzelwa kwamaSirayeli,+ ibe wayenomoya oyingcwele. 26 Wayetyhilelwe ngomoya oyingcwele ukuba akazukufa engekamboni uKristu kaYehova.* 27 Weza etempileni eqhutywa ngumoya oyingcwele, wafika kukho abazali bakaYesu bezokwenzela olu sana izinto ezibhalwe eMthethweni,+ 28 waluthatha olu sana waza wadumisa uThixo esithi: 29 “Ngoku, Nkosi enguMongami, uyamkhulula umkhonzi wakho, afe eseluxolweni,+ ngokwelizwi lakho, 30 kuba amehlo am ayibonile indlela oza kubasindisa ngayo abantu bakho,+ 31 indlela oyilungisileyo ukuze ibonwe nguye wonke umntu,+ 32 isibane+ esiza kukhanyisela zonke iintlanga,+ sizise uzuko kubantu bakho amaSirayeli.” 33 Abazali bomntwana bamangaliswa zizinto ezazithethwa ngaye. 34 USimeyon wabasikelela, waza wathi kuMariya, umama womntwana: “Jonga! Ngenxa yalo mntwana abaninzi kwaSirayeli+ baza kuwa,+ abanye baphakame, abanye baza kuthetha kakubi ngaye+ 35 (ibe wena uza kuhlatywa ngekrele elide),+ ize ivele ekuhleni indlela abacinga ngayo abaninzi.”
36 Kwakukho uAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sakwa-Ashere. Wayesele elixhegwazana, ibe waphila nomyeni wakhe iminyaka esixhenxe kuphela emva kokuba betshatile, 37 ngoku engumhlolokazi oneminyaka eyi-84. Wayehlala esiza qho etempileni, ekhonza uThixo ubusuku nemini, ezila ukutya, ibe ethandaza ecenga uThixo. 38 Weza kuMariya noYosefu ngoxa babesetempileni, wabulela uThixo waza wathetha ngalo mntwana kubo bonke abantu ababelindele ukusindiswa kweYerusalem.+
39 Bathi bakugqiba ukwenza yonke into ebhalwe eMthethweni kaYehova,*+ babuyela eNazarete,+ isixeko sabo esiseGalili. 40 Lwaya lukhula ke olu sana, lusiya lusomelela yaye lusiba sisilumko, luthandwa nguThixo.+
41 Abazali balo mntwana babehlala besiya kwitheko lePasika eYerusalem unyaka nonyaka.+ 42 Kwathi ke xa eneminyaka eyi-12, baya eYerusalem njengesiqhelo.+ 43 Zathi zakuphela iintsuku zetheko, begoduka, uYesu washiyeka eYerusalem, abazali bakhe abamqaphela ukuba ushiyekile. 44 Bahamba imini yonke becinga ukuba ukwiqela abahamba nalo, baza emva koko bamkhangela phakathi kwabantu azalana nabo nakubantu abaziyo. 45 Bakungamfumani, babuyela eYerusalem, bamkhangela kuyo yonke indawo. 46 Emva kweentsuku ezintathu, bamfumana etempileni ehleli nabafundisi, ebamamele, ebabuza nemibuzo. 47 Bonke abantu ababemmamele babemangalisiwe bubulumko bakhe naziimpendulo zakhe.+ 48 Bathi abazali bakhe bakumbona bothuka, waza umama wakhe wathi kuye: “Mntanam, uyenzele ntoni le nto? Kunini mna notatakho sikukhangela!” 49 Kodwa yena wathi kubo: “Benindikhangelela ntoni? Beningazi na ukuba ndimele ndibe sendlini kaTata?”+ 50 Kodwa bebengayiqondi le nto ayithethayo.
51 Emva koko wahamba nabazali bakhe babuyela eNazarete, waqhubeka ebathobela.+ Umama wakhe wazigcina entliziyweni zonke ezi zinto.+ 52 UYesu waya esiba nobulumko, ekhula, yaye ethandwa nguThixo nangabantu.