Eyesibini KaPetros
3 Bazalwana endibathandayo, le ngoku yileta yesibini endinibhalela yona. Njengakuleya yokuqala, nakule ndiyanikhumbuza ibe ndiyanikhuthaza ukuba nilungise indlela enicinga ngayo,+ 2 ukuze nizikhumbule izinto ezathethwa ngabaprofeti abangcwele, nomyalelo weNkosi noMsindisi owadluliselwa kuni ngabapostile benu. 3 Okokuqala nje kufuneka nazi ukuba, ngemihla yokugqibela kuza kufika abagxeki, bethetha ukusa beqhutywa yiminqweno yabo,+ 4 besithi: “Buphi obu bukho bakhe buthenjisiweyo?+ Kuba akukho nto itshintshileyo ukususela oko okhokho bethu bafayo,* izinto zisafana nasekuqaleni kwendalo.”+
5 Kaloku abo bantu abayihoyi ngabom into yokuba amazulu la ayekho kwasekuqaleni, nokuba umhlaba waphuma emanzini waza wema phakathi kwamanzi ngokwelizwi likaThixo;+ 6 ibe ihlabathi lelo xesha latshatyalaliswa ngamanzi.+ 7 Kodwa kwangelo lizwi linye amazulu nomhlaba wangoku, zigcinelwe umlilo, de kube yimini yomgwebo neyokutshatyalaliswa kwabantu abangamthobeliyo uThixo.+
8 Kodwa ke, bazalwana endibathandayo, sanukuyilibala into yokuba imini enye kuYehova* injengeminyaka eliwaka, neminyaka eliwaka injengemini enye.+ 9 UYehova* akacothi ekwenzeni into ayithembisileyo,+ njengokuba abanye becinga njalo, kodwa unomonde kuba akafuni kutshabalale nabani na kuni, kodwa angathanda ukuba wonke umntu aguquke.+ 10 Imini kaYehova*+ iza kufika njengesela.+ Ngaloo mini, amazulu aza kudlula*+ egqekreza, uze wona umhlaba nezinto ezenziwa kuwo zibhencwe, ibe iziseko zamazulu nomhlaba ziza kutsha zize zinyibilike.+
11 Ekubeni zonke ezi zinto ziza kunyibilika ngale ndlela, kufuneka nicinge ke nina ukuba nimele nibe ngabantu abanjani. Nimele nibe ngabantu abaziphethe ngendlela engcwele nabenza izinto ezibonisa ukuba nizinikele kuThixo, 12 njengoko nibulindile yaye nihlala nicinga ngobukho* bemini kaYehova,*+ ekuya kuthi ngayo amazulu atshe aphele,+ neziseko zinyibilike! 13 Kodwa ke thina silindele isithembiso sikaThixo samazulu amatsha nomhlaba omtsha,+ yaye kuzo kuza kubakho ubulungisa.+
14 Ngoko ke, bazalwana endibathandayo, ekubeni nilindele ezi zinto, zamani kangangoko ukuba ekugqibeleni anifumane ningenamabala amdaka yaye niseluxolweni.+ 15 Ngaphezu koko, yazini ukuba nisindiswa ngumonde weNkosi yethu, kanye njengokuba umzalwana wethu esimthandayo uPawulos wanibhalelayo ngokobulumko awabunikwayo,+ 16 ethetha ngezi zinto njengokuba ethetha ngazo kuzo zonke iileta zakhe. Kodwa ke, ezinye izinto ezikwezi leta akululanga ukuziqonda, yaye zezo zinto abazijijayo abantu abangazi nto nabangazinzanga, njengokuba behleli besenza kakade nakwezinye iZibhalo, bezibizela intshabalalo.
17 Ekubeni ninolu lwazi, bazalwana endibathandayo, zigadeni ukuze ningabavumeli abo bantu badelela umthetho ukuba banilahlekise nize nigungqe elukholweni.+ 18 Kunoko, kwanga iNkosi noMsindisi wethu uYesu Kristu ingaqhubeka inenzela ububele,* lukhule nolwazi lwenu ngayo. Mayizukiswe ngoku nangonaphakade. Amen.