Kubalisa UMateyu
25 “Ngoko uBukumkani bamazulu bufana neentombi ezilishumi ezingazange zalala nandoda, ezathatha izibane zazo+ zayokukhawulela umyeni.+ 2 Ezintlanu zazo zazizizidenge, ezintlanu zizizilumko.+ 3 Ezi zizizidenge zaphatha izibane, kodwa azayiphatha ioli, 4 kodwa zona ezizizilumko zaphatha izibane, zaphatha neoli. 5 Kuba umyeni wayengade afike, zozela zonke, zalala. 6 Kwathi kanye ezinzulwini zobusuku kwakhwazwa kusithiwa: ‘Nanku umyeni! Phumani niyokumhlangabeza.’ 7 Ngoko zonke ezo ntombi zavuka zalungisa izibane zazo.+ 8 Ezi zizizidenge zathi kwezi zizizilumko, ‘Sicela nisiphe ioli, kuba izibane zethu ziyacima.’ 9 Ezi zizizilumko zaziphendula zathi: ‘Asiqondi ukuba iza kusanela sonke. Yiyani kwabo bayithengisayo, nizithengele eyenu.’ 10 Zathi zisayokuyithenga, wafika umyeni. Zona iintombi ezazisele zilungisile zangena naye kwitheko lomtshato,+ waza wavalwa umnyango. 11 Emva koko zafika ezinye iintombi, zathi, ‘Myeni, Myeni, sivulele!’+ 12 Waphendula wathi, ‘Andinazi.’
13 “Ngoko ke, hlalani nithe qwa,+ kuba aniyazi imini ningayazi neyure.+
14 “Kwakhona, uBukumkani bamazulu bufana nomntu owayeza kuya kwelinye ilizwe, wabiza amakhoboka akhe waza wawagcinisa izinto zakhe.+ 15 Elinye walinika iitalente* ezintlanu, elinye ezimbini, elinye walinika enye, wanika ngalinye ngokwamandla alo, waza wahamba. 16 Elo lafumana iitalente ezintlanu lahamba ngoko nangoko layokwenza enye imali ngazo, lafumana ezinye ezintlanu. 17 Neli lafumana iitalente ezimbini lenza into efanayo, laza lafumana ezinye ezimbini. 18 Kodwa eli lafumana italente enye lahamba laya kuyombela emhlabeni, layifihla imali* yenkosi yalo.
19 “Emva kwexesha elide inkosi yaloo makhoboka yeza kujonga ukuba la makhoboka enze ntoni ngemali yayo.+ 20 Elo lalifumene iitalente ezintlanu lazisa nezinye iitalente ezintlanu, lisithi, ‘Nkosi, wandinika iitalente ezintlanu, kodwa jonga, ndifumene ezinye iitalente ezintlanu.’+ 21 Inkosi yalo yathi kulo: ‘Usebenzile khoboka lam elilungileyo nelithembekileyo! Kuba uye wathembeka kwizinto ezimbalwa, ndiza kukuphathisa izinto ezininzi.+ Yonwaba nenkosi yakho.’+ 22 Emva koko kweza elo lalifumene iitalente ezimbini, lathi, ‘Nkosi, wandinika iitalente ezimbini, kodwa jonga, ndifumene ezinye iitalente ezimbini.’+ 23 Inkosi yalo yathi kulo: ‘Usebenzile khoboka lam elilungileyo nelithembekileyo! Kuba uye wathembeka kwizinto ezimbalwa, ndiza kukuphathisa izinto ezininzi. Yonwaba nenkosi yakho.’
24 “Ekugqibeleni kweza elo lalifumene italente enye, lathi: ‘Nkosi, bendikwazi ukuba ungumntu ongqongqo, ovuna apho angatyalanga khona, noqokelela ukutya angakusebenzelanga.+ 25 Ngoko ndoyika ndaza ndayokuyombela emhlabeni imali yakho. Bamba, nantsi.’ 26 Inkosi yalo yathi kulo: ‘Khobokandini elingalunganga nelilivila, andithi ubusazi ukuba ndivuna apho ndingatyalanga khona, ndiqokelele nokutya endingakusebenzelanga? 27 Ubufanele uyifake ebhankini imali* yam, ndize ndibuye inenzala.
28 “‘Ngoko ke, yithatheni le talente kuye, niyinike lo uneetalente ezilishumi.+ 29 Kuba wonke umntu onezinto uza kunikwa ezinye, aze abe nezinto ezininzi kakhulu. Kodwa lowo ungenanto, naloo nto incinci anayo iza kuthathwa.+ 30 Liphoseni phandle ebumnyameni eli khoboka lingungantweni. Apho liza kukhala, lingcungcutheke.’*
31 “Xa uNyana womntu+ esiza ekuzuko lwakhe, ehamba nazo zonke iingelosi,+ uza kuhlala kwitrone yakhe ezukileyo. 32 Zonke iintlanga ziza kuqokelelwa phambi kwakhe, aze ahlule abantu babe ngamaqela amabini, kanye njengokuba umalusi esahlula iigusha ezibhokhweni. 33 Iigusha*+ uza kuzibeka ngasekunene kwakhe, aze iibhokhwe azibeke ngasekhohlo.+
34 “Emva koko uKumkani uza kuthi kwabo bangasekunene kwakhe, ‘Yizani, nina basikelelweyo nguTata, nifumane uBukumkani obalungiselelwa nina kwasekusekweni kwehlabathi.* 35 Kuba nandinika into yokutya xa ndandilambile; nandinika nento yokusela xa ndandinxaniwe. Nandamkela xa ndandingowasemzini;+ 36 nandinika impahla xa ndandihamba ze.*+ Nandihoya xa ndandigula. Nazokundibona xa ndandivalelwe ejele.’+ 37 Ngoko abo bangamalungisa baza kumphendula bathi: ‘Nkosi, sakubona nini ulambile, sakupha ukutya, okanye unxaniwe, sakunika into yokusela?+ 38 Sakubona nini ungowasemzini, sakwamkela, okanye uhamba ze, sakunika impahla? 39 Sakubona nini ugula okanye usejele, sazokubona?’ 40 Uza kubaphendula athi uKumkani, ‘Ndiyaniqinisekisa ukuba, nantoni na eniyenzele oyena uphantsi kwaba bazalwana bam, niyenzele mna.’+
41 “Emva koko uKumkani uza kuthi kwabo bangasekhohlo kwakhe: ‘Hamban’ apha,+ nina niqalekisiweyo, niye emlilweni ongunaphakade+ owalungiselelwa uMtyholi neengelosi zakhe.+ 42 Kuba xa ndandilambile anizange nindiphe kutya; naxa ndandinxaniwe, anizange nindiphe into yokusela. 43 Xa ndandingumntu wasemzini, anizange nindamkele; xa ndandihamba ze, anizange nindinike mpahla; xa ndandigula, ndisejele, anizange nindihoye.’ 44 Nabo baza kuphendula bathi: ‘Nkosi, sakubona nini ulambile okanye unxaniwe okanye ungowasemzini okanye uhamba ze okanye ugula okanye usejele saza asakuhoya?’ 45 Yena uza kubaphendula athi: ‘Ndiyaniqinisekisa ukuba, nantoni na eningayenzelanga oyena uphantsi kwaba bazalwana bam, ndim eningamenzelanga.’+ 46 Aba baza kufa ngonaphakade,+ kodwa wona amalungisa aza kufumana ubomi obungunaphakade.”+