Incwadi YeBhayibhile 38—Zekariya
Umbhali: NguZekariya
Indawo Eyabhalelwa Kuyo: EYerusalem
Ukugqitywa Kokubhalwa Kwayo: Ngowama-518 B.C.E.
Ixesha Eligutyungelweyo: Ngowama-520–518 B.C.E.
1. Yayinjani imeko yetempile yaseYerusalem xa uZekariya waqalisayo ukuprofeta?
AKUBONAKALI nkqubela-phambili! Leyo yayiyimeko yomsebenzi wokwakhiwa kwetempile kaYehova eYerusalem xa uZekariya waqalisa ukuprofeta. Ngoxa uSolomon kwamthabatha iminyaka esi-7 1/2 ukwakha itempile yokuqala (1 Kum. 6:37, 38), wona amaYuda awayebuyele kwilizwe lawo ayesele eneminyaka eli-17 ebuyele eYerusalem kodwa umsebenzi wokwakha wawusekude ukuba ugqitywe. Ekugqibeleni lo msebenzi wemiswa ngokupheleleyo ngenxa yokuvalwa kwawo nguArtashashta (nguBhadiya okanye nguGomata). Kodwa ngeli thuba, phezu kwako nje ukuvalwa kwawo ngokusemthethweni, umsebenzi wawuphinde waqhubeka. UYehova wayesebenzisa uHagayi noZekariya ukuba bashukumise abantu ukuba babuyel’ enkomeni baze baqhubeke nalo msebenzi wokwakha de ugqitywe.—Ezra 4:23, 24; 5:1, 2.
2. Kutheni umsebenzi wawubonakala umkhulu kakhulu nje, kodwa yintoni awatsalel’ ingqalelo kuyo uZekariya?
2 Umsebenzi owawuphambi kwabo wawubonakala umkhulu kakhulu. (Zek. 4:6, 7) Bona babembalwa, abachasi babo bebaninzi, kwaye nangona babenomthetheli owayengowomnombo kaDavide, uZerubhabheli, babengenakumkani ibe babephantsi kolawulo lokumkani welinye ilizwe. Hayi indlela ekwakulula ngayo ngabo ukuba nesimo sengqondo sokutyhafa nesokucingela iziqu zabo, ngexesha laxa kwakufuneka ngokwenene ukuba nokholo olomeleleyo nokusebenza ngokukhutheleyo! UZekariya wasetyenziselwa ukuba alathisele ingqalelo yabo kwiinjongo awayenazo uThixo ngelo xesha nakwezazide zazuka ngakumbi zekamva, ngaloo ndlela ebomelezela umsebenzi owawuza kwenziwa. (8:9, 13) Elo yayingeloxesha lokufana nookhokho babo ababengenaluxabiso.—1:5, 6.
3. (a) Uchazwa njani uZekariya, ibe kutheni igama lakhe lifanelekile nje? (b) Sachazwa saza sabhalwa nini isiprofeto sikaZekariya?
3 Wayengubani uZekariya? Kukho abantu abamalunga nama-30 abahlukeneyo abakhankanywe eBhayibhileni ngegama elithi Zekariya. Noko ke, umbhali wale ncwadi oneli gama uchazwa ‘njengoZekariya unyana kaBherekiya, unyana kaIdo, umprofeti.’ (Zek. 1:1; Ezra 5:1; Neh. 12:12, 16) Igama lakhe (Zekhar·yahʹ, ngesiHebhere) lithetha ukuthi “UYehova Ukhumbule.” Incwadi kaZekariya ikucacisa gca ukuba “uYehova wemikhosi” uyabakhumbula abantu Bakhe, ukuze aqhubane nabo kakuhle ngenxa nje yegama Lakhe. (Zek. 1:3) Imihla ekhankanywe kule ncwadi yenza ukuba ibe yabhalwa ubuncinane ithuba elingangeminyaka emibini. ‘Kwakungenyanga yesibhozo, ngomnyaka wesibini kaDariyo’ (ngo-Oktobha okanye ngoNovemba wowama-520 B.C.E.) ekwathi kwaqaliswa kwakhona ukwakhiwa kwetempile nawathi uZekariya waqalisa ukuprofeta. (1:1) Kwakhona le ncwadi ithetha “ngosuku lwesine lwenyanga yesithoba, enguKisilevu,” “ngomnyaka wesine kaDariyo” (malunga noDisemba 1, 518 B.C.E.). (7:1) Ngenxa yoko, alinakuthandabuzeka elokuba esi siprofeto sikaZekariya sachazwa saza sabhalwa ebudeni bonyaka wama-520-518 B.C.E.—Ezra 4:24.
4, 5. (a) Kwakutheni ukuze uZekariya aprofete ngokuwa kweTire kude lee emva kokungqingwa kweso sixeko nguNebhukadenetsare? (b) Kukuzaliseka kwaziphi iziprofeto okukungqinela ngendlela eyeyisayo ukuphefumlelwa kwale ncwadi?
4 Abaphengululi bencwadi kaZekariya baya kufumana ubungqina obanelisayo bobunyaniso bayo. Khawucinge nje ngemeko yeTire. Kwakusemva kokuyingqinga kangangeminyaka eli-13 awathi ukumkani waseBhabhiloni uNebhukadenetsare wayitshabalalisa iTire. Noko, oku akuzange kuthethe ukutshayelwa ngokupheleleyo kweTire. Kwiminyaka emininzi kamva, uZekariya waxela kwangaphambili ukutshatyalaliswa ngokupheleleyo kweTire. Yayisisixeko saseTire esisisiqithi awathi uAlesandire Omkhulu wasoyisa ngexesha lephulo lakhe adume ngalo lokwakha indlela ephakamileyo; wasitshisa ngokungenatarhu, ngaloo ndlela ezalisekisa isiprofeto sikaZekariya esavakaliswa kwiinkulungwane ezimbini ngaphambilana.a—Zek. 9:2-4.
5 Noko ke, obona bungqina beyisayo bokuba le ncwadi iphefumlelwe nguThixo, bufumaneka ekuzalisekeni kweziprofeto zayo ezingoMesiya, uKristu Yesu, njengoko kunokubonwa ngokuthelekisa uZekariya 9:9 noMateyu 21:4, 5 noYohane 12:14-16; uZekariya 12:10 noYohane 19:34-37; noZekariya 13:7 noMateyu 26:31 noMarko 14:27. Kwakhona, kukho izinto ezifanayo ezinokuphawulwa phakathi kukaZekariya 8:16 nabase-Efese 4:25; uZekariya 3:2 noYuda 9; kunye noZekariya 14:5 noYuda 14. Ukuvisisana okufumaneka kwiLizwi likaThixo kumangalisa ngokwenyaniso!
6. (a) Ithini ingxelo ngokuguquka kwesimbo sokubhala ukususela kwisahluko 9 sikaZekariya ukuya phambili? (b) Kumele ukuba siyintoni isizathu sokuba uMateyu athethe ngoZekariya ‘njengoYeremiya’?
6 Kukho abahlalutyi beBhayibhile abathi ukuguquka kwisimbo sokubhala okuphawulekayo ukususela kwisahluko 9 ukuya phambili kubonisa ukuba le nxalenye kusenokuba ayizange ibhalwe nguZekariya. Noko ke, kuyinto eqinisekileyo ukuba ukuguquka kwesimbo sokubhala bekungenakuba ngaphezu kokuthethwa kukuguquka kombandela womxholo ngokwawo. Ngoxa izahluko zokuqala ezisibhozo zithetha ngemibandela eyayibaluleke ngakumbi ngelo xesha kubantu bomhla kaZekariya, kwisahluko 9 ukusa kwese-14 umprofeti uthetha ekhangele phambili kwikamva elikude. Bambi babuza isizathu sokuba uMateyu ecaphula uZekariya kodwa athi amazwi akhe ayethethwa nguYeremiya. (Mat. 27:9; Zek. 11:12) Kubonakala ukuba maxa wambi uYeremiya wayejongwa njengowokuqala kubaProfeti Bamva (endaweni kaIsaya, njengoko kunjalo kwiiBhayibhile zethu); ngenxa yoko uMateyu, xa wayebhekisela kuZekariya ‘njengoYeremiya,’ kunokuba wayelandela uqheliselo lwamaYuda lokuquka yonke inxalenye yeSibhalo phantsi kwegama lencwadi yokuqala kuloo nxalenye. NoYesu wasebenzisa igama elithi ‘INdumiso’ ukuquka zonke iincwadi ezaziwa ngokuba ziZibhalo.—Luka 24:44.b
7. Ilungelelaniswe njani incwadi kaZekariya?
7 Ukuza kuthi ga kwisahluko 6, indinyana 8, le ncwadi iqulethe ungcelele lwemibono esibhozo, eluhlobo olufana naleyo kaDaniyeli nekaHezekile, enento yokwenza ngokubanzi nokwakhiwa kwakhona kwetempile. Le mibono ilandelwa kukuvakaliswa kwemigwebo neziprofeto ezibhekisele ekunquleni ngokunyanisekileyo, ekubuyiselweni nakwimini kaYehova yemfazwe.
OKUQULETHWE YEKAZEKARIYA
8. Ubonisa ntoni umbono wabakhweli-mahashe abane ngokuphathelele iYerusalem neentlanga?
8 Umbono wokuqala: Abakhweli-mahashe abane (1:1-17). “Buyelani kum, . . . ndobuyela kuni,” utsho uYehova, wandula ke abuze athi, “Amazwi am, nemimiselo yam, endayimisela abakhonzi bam abaprofeti, abayifumananga na ooyihlo?” (1:3, 6) Abantu bayavuma ukuba bayifumene eyayibafanele. Ngoku kuvela umbono wokuqala kaZekariya. Ebusuku abakhweli-mahashe abane bami phakathi kwemithi kufutshane neYerusalem, bevela kuhlola umhlaba wonke, abathe bawufumana ungaphazanyiswanga nto kwaye uzolile. Kodwa isithunywa sezulu sikaYehova, esincokola nabo, siphazamisekile ngenxa yemeko yeYerusalem. UYehova ngokwakhe uvakalisa ukuzotheka kwakhe ziintlanga ezancedisa kwintlekele eyehlela iZiyon, kwaye uthi uya ‘kuyibuyela iYerusalem ngemfesane.’ Kuya kwakhelwa kuyo indlu yakhe, ewe imizi yakhe “isaya kuphalala okulungileyo.”—1:16, 17.
9. UYehova uwuchaza njani umbono weempondo neengcibi zokukhanda?
9 Umbono wesibini: Iimpondo neengcibi zokukhanda (1:18-21). UZekariya ubona iimpondo ezine ezazichithachithe uYuda, uSirayeli neYerusalem. Wandula ke uYehova ambonise iingcibi zokukhanda ezine, ecacisa ukuba ezi zaziza kuza ziziwise phantsi iimpondo zeentlanga ezichase uYuda.
10. UYehova unxulunyaniswa njani nokuchuma kweYerusalem?
10 Umbono wesithathu: Ukuchuma kweYerusalem (2:1-13). Indoda ethile ibonwa ilinganisa ubungakanani beYerusalem. Esi sixeko siza kusikelelwa ngokwanda, kwaye uYehova uza kuba ludonga lomlilo olusirhangqileyo nozuko oluphakathi kwaso. Uthi, “Wa, Ziyon! Zisindise,” kwaye wongezelela esi silumkiso ngokuthi, “Ngokuba onichukumisayo, uchukumisa ukhozo lweliso [lam].” (2:7, 8) Kuba uYehova ehleli kuyo, iZiyon iya kuvuya, kwaye iintlanga ezininzi ziya kuzinikela kuYehova. Yonke inyama iyalelwa ukuba ithi tu phambi koYehova, “ngokuba esukile ekhayeni lakhe elingcwele.”—2:13.
11. UMbingeleli Omkhulu uYoshuwa uthethelelwa njani, ibe liliphi ikhondo abongozwa ukuba alithabathe?
11 Umbono wesine: Ukukhululwa kukaYoshuwa (3:1-10). UMbingeleli Omkhulu uYoshuwa ubonwa elingwa, uSathana emchasa kwaye isithunywa sezulu sikaYehova sikhalimela uSathana. Ngaba uYoshuwa “akasikhuni esirholwe emlilweni na”? (3:2) UYoshuwa uvakaliswa engococekileyo, neengubo zakhe ezingcolileyo zithatyathelw’ indawo “ngezinqabileyo.” Ubongozwa ukuba ahambe ngeendlela zikaYehova, ‘omzisayo umkhonzi wakhe onguHlumelo’ nobeka phambi koYoshuwa ilitye ekukho kulo amehlo asixhenxe.—3:4, 8.
12. Luluphi ukhuthazo nesiqinisekiso esinikelwayo ngokuphathelele ukwakhiwa kwetempile?
12 Umbono wesihlanu: Isiphatho sesibane nemithi yomnquma (4:1-14). Isithunywa sezulu sivusa uZekariya ukuze abone isiphatho sesibane esinezibane ezisixhenxe, siphakathi kwemithi yomnquma emibini. Uva ilizwi likaYehova eliya kuZerubhabheli lisithi: ‘Akungabukroti, akungamandla; kungoMoya kaThixo.’ ‘Intaba enkulu’ iya kuba sisithabazi phambi koZerubhabheli, kwaye kuya kuvela ilitye lencochoyi yetempile linkqangaza lisithi: “Ubabalo, ubabalo malube kulo.” UZerubhabheli wakhe iziseko zetempile, ibe uZerubhabheli uya kuwugqiba lo msebenzi. Izibane ezisixhenxe ngamehlo kaYehova ‘atyhutyha umhlaba wonke.’ (4:6, 7, 10) Imithi emibini yomnquma ngabathanjiswa ababini bakaYehova.
13-15. Yintoni ebonwayo kumbono wencwadi esongwayo ephaphazelayo, womlinganiselo we-efa noweenqwelo zokulwa ezine?
13 Umbono wesithandathu: Incwadi esongwayo ephaphazelayo (5:1-4). UZekariya ubona incwadi esongwayo ephaphazelayo, inobude obumalunga neemitha ezisi-9 nobubanzi beemitha ezisisi-4,5. Isithunywa sezulu sicacisa ukuba oku kusisiqalekiso esizayo ngenxa yabo bonke abo bebayo nabafunga ngobuxoki ngegama likaYehova.
14 Umbono wesixhenxe: Umlinganiselo we-efa (5:5-11). Kuphakanyiswa isiciko kumlinganiselo we-efa (omalunga neelitha ezingama-22), kubonakala umfazi ogama ‘linguNgendawo.’ Uphoswa phakathi kwi-efa kwakhona, ethi emva koko iphakanyiselwe ezulwini ngabafazi ababini abanamaphiko, usiwa eShinare (eBhabhiloni) ‘ubekwa khona esizeni sakhe.’—5:8, 11.
15 Umbono wesibhozo: Iinqwelo zokulwa ezine (6:1-8). Khangela! Phakathi kweentaba ezimbini zobhedu, kuvela iinqwelo zokulwa ezine, zitsalwa ngamahashe ayimibala eyahlukahlukeneyo. Ziyimimoya emine yasezulwini. Ngokuyalelwa sisithunywa sezulu, zihambahamba emhlabeni.
16. Kuprofetwa ntoni ngokuphathelele ‘iHlumelo’?
16 IHlumelo; ukungazili ngokwenene (6:9–7:14). Ngoku uYehova uyalela uZekariya ukuba abeke isithsaba sozuko kwintloko yoMbingeleli Omkhulu uYoshuwa. Ngokuprofetayo uthetha ‘ngoHlumelo,’ oya kwakha itempile kaYehova aze alawule njengombingeleli kwitrone yakhe.—6:12.
17. Ngokubhekisele kunqulo, uYehova unqwenela ntoni, kwaye uya kuba yintoni umphumo kwabo bawachasayo amazwi akhe?
17 Kwiminyaka emibini emva kokuba uZekariya eqalisile ukuprofeta, kufika umthunywa ovela eBheteli oze kubuza ababingeleli betempile enoba izihlandlo ezithile zokulila nokuzila zifanele ziqhubeke zigcinwa kusini na. NgoZekariya, uYehova ubuza abantu nababingeleli enoba bangabanyaniseke ngokwenene ekuzileni kwabo kusini na. Into uYehova ayinqwenelayo ‘kukuthobeka, ugwebo olusesikweni, inceba nemfesane.’ (7:7, 9) Ngenxa yokuba belichasa ilizwi lakhe lesiprofeto ngegxalaba elinjubaqa nangeentliziyo ezilukhuni njengedayimani, uya kubachithachithela kuzo zonke iintlanga.
18. Ngawaphi amadinga azukileyo okubuyiselwa awenzayo uYehova?
18 Ukubuyiselwa; “amadoda alishumi” (8:1-23). UYehova uvakalisa ukuba uya kubuyela eZiyon aze ahlale eYerusalem, eya kubizwa ngokuba “ngumzi wenyaniso.” Abantu abasele bekhulile baya kuhlala kwizitrato zayo, nabantwana baya kudlala apho. Oku akunzima kuYehova, uThixo wokwenyaniso nowobulungisa! UYehova uthembisa ngembewu yoxolo kwintsalela yabantu bakhe, esithi: “Musani ukoyika, mazomelele izandla zenu.” (8:3, 13) Nazi izinto abamele bazenze: Mabathethe inyaniso elowo nommelwane wakhe baze bagwebe ngenyaniso, bazigcine iintliziyo zabo zingacingi okubi zize zingafungi ngobuxoki. Ewe, kuya kufika ixesha laxa abantu bezixeko ezininzi baya kuthi ngokuqinisekileyo bamemane ukuze baquqele uYehova, kwaye “amadoda alishumi” aphuma kuzo zonke iilwimi aya ‘kubamba isondo lengubo yendoda engumYuda’ aze ahambe nabantu bakaThixo.—8:23.
19. Ziziphi izihlabo eziqatha ezilandelayo, kodwa yintoni ethethwayo ngokuphathelele ukumkani waseYerusalem?
19 Isihlabo ngokunxamnye neentlanga, abalusi bobuxoki (9:1–11:17). Kwicandelo lesibini lale ncwadi, isahluko 9 kuse kwese-14, uZekariya uyayeka ukuthetha ngemibono efuziselayo ephethukela kuhlobo oluqheleke ngakumbi lwesiprofeto. Uqalisa ngesihlabo esiqatha esinxamnye nezixeko ezahlukahlukeneyo, kuquka isixeko esikwasisiqithi esinamatye saseTire. IYerusalem ixelelwa ukuba imemeze ngemigcobo yoloyiso, kuba, “Yabona, uKumkani wakho uza kuwe, elilungisa, enosindiso, enentobeko, ekhwele e-esileni.” (9:9) Zitshatyalalisiwe iinqwelo zokulwa nesaphetha, lo uya kuthetha uxolo neentlanga aze alawule ukusa kwiziphelo zomhlaba. UYehova uya kulwela abantu bakhe nxamnye neGrisi, kwaye uya kubasindisa. “Kuba kungakanani na ukulunga kwabo, bungakanani na ubuhle babo!” (9:17) UYehova, uMniki-Mvula, uyabagxeka abavumisi nabalusi bobuxoki. Uya kuyiphakamisa indlu kaYuda aze abo bakwaEfrayim abenze babe njengendoda eligorha. Abo bahlawulelweyo, “iya kugcoba intliziyo yabo kuYehova . . . bahambahambe egameni lakhe.”—10:7, 12.
20. Ifuzisela ntoni intonga ‘enguMnandi’ ‘nenguZintya’?
20 Ngoku uZekariya unikwa isabelo sokwalusa umhlambi, oye wathengiselwa ekuxhelweni ngabelusi abangenamfesane abathi: “Makabongwe uYehova, ndinobutyebi.” (11:5) Umprofeti uthabatha iintonga ezimbini aze athiye enye igama lokuba “nguMnandi” ize enye ibe “nguZintya.” (11:7) Ngokwaphula intonga ‘enguMnandi,’ ufuzisela ukwaphuka komnqophiso. Wandula ke afune umvuzo wakhe, ibe ke bamlungiselela iingqekembe ezingama-30 zesilivere. UYehova uyalela uZekariya ukuba ayiphose kumkhumbi wokulondoloza imali aze, ngeliphoxayo, athi, “likhulu ngokungenakulinganiswa nanto ixabiso abandimisele lona.” (11:13, NW) Ngoku intonga ‘enguZintya’ iyaphulwa, kupheliswa ubuzalwana bukaYuda noSirayeli. Ikrele liya kufikela abelusi bobuxoki abazityesheleyo izimvu zikaYehova.
21. (a) Uyintoni umgwebo kaYehova kwabo balwa ngokunxamnye neYerusalem? (b) Kukuphi ukuchithachithwa nokucikidwa okuxelwa kwangaphambili?
21 UYehova uyalwa, uba ngukumkani (12:1–14:21). Kuqalisa esinye isihlabo. UYehova uya kuyenza iYerusalem indebe ehexisa abantu nelitye elingumthwalo elibasikayo abo balithweleyo. Uya kuzitshabalalisa zonke iintlanga eziyingenelayo iYerusalem. UYehova uya kuthululela phezu kwendlu kaDavide umoya wobabalo nowokutarhuzisa, kwaye abantu baya kubheka kulowo bamhlabileyo, bammbambazelele “njengokumbambazelelwa kozelwe wamnye.” (12:10) UYehova wemikhosi uvakalisa ukunqanyulwa kwezithixo nabaprofeti bobuxoki; kanye abazali bomntu onjalo bamele bamngxwelerhe ukuze athi eneentloni ayisuse kuye ingubo yobuprofeti. Umalusi kaYehova uza kubethwa zize zichithakale izimvu, kodwa uYehova uya kucikida ‘isahlulo sesithathu’ ukuba sibize egameni lakhe. UYehova uya kuthi: “Ngabantu bam bona,” sona siya kuphendula sithi: “Yehova, unguThixo wethu.”—13:9.
22. Yintoni eza kwenzeka kwiintlanga nakwiYerusalem ‘ngomhla kaYehova’?
22 “Yabonani, kuza imini eyekaYehova.” Zonke iintlanga ziya kuhlasela iYerusalem, ibe isiqingatha sesixeko siya kuthinjwa, sishiya ngasemva intsalela. Uya kwandula ke uYehova aphume aze alwe nezo ntlanga, “njengemini yokulwa kwakhe, ngemini yomdibaniso.” (14:1, 3) Intaba yemithi yeminquma, ekwimpuma yeYerusalem, iya kucandeka ukususela empuma ukusa entshona, isiba sisihlambo seembacu. Ngaloo mini amanzi aphilileyo aya kuqukuqela empuma nasentshona esuka eYerusalem, ehlotyeni nasebusika, kwaye, “uYehova woba ngukumkani phezu kwehlabathi lonke.” (14:9) Ngoxa iYerusalem inqabisekile, uYehova uya kubehlisela isibetho abo balwa nayo. Njengoko bemile, inyama yabo, amehlo nolwimi lwabo ziya kubola. Kuya kubakho isaqunge esikhulu phakathi kwabo. Isandla sothile siya kubetha esommelwane wakhe. Abo basale bephila phakathi kwezo ntlanga kuya kufuneka ‘benyuke iminyaka ngeminyaka, baye kunqula uKumkani, uYehova wemikhosi.’—14:16.
ISIZATHU SOKUBA IBE YINGENELO
23. Ingxelo kaZekariya ilomeleza njani ukholo?
23 Bonke abafundisisa baze bacamngce ngesiprofeto sikaZekariya baya kungenelwa ekufumaneni ulwazi olomelez’ ukholo. Kangangezihlandlo ezingaphezu kwama-50 uZekariya utsalel’ ingqalelo ‘kuYehova wemikhosi’ njengaLowo ubalwelayo nobakhuselayo abantu Bakhe, ebazalisa ngamandla ngokwendlela abawaswele ngayo. Xa babejongene nenkcaso ekrakra yokugqitywa kwesakhiwo setempile, uZekariya wavakalisa oku: “Nali ilizwi likaYehova kuZerubhabheli, lisithi, Akungabukroti, akungamandla; kungoMoya wam; utsho uYehova wemikhosi. Ungubani na wena, ntaba inkulu, phambi koZerubhabheli? Yiba sisithabazi.” Itempile yagqitywa ukwakhiwa ngoncedo lomoya kaYehova. Ngokukwanjalo namhlanje, imiqobo iyoyiswa ukuba kujonganwa nayo ngokholo kuYehova. Kunjengokuba kanye uYesu waxelela abafundi bakhe oku: “Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.”—Zek. 4:6, 7; Mat. 17:20.
24. Nguwuphi umzekelo wokunyaniseka onikelwa kwisahluko 13 sencwadi kaZekariya?
24 Kwisahluko 13, kwindinyana 2 kuse kweyesi-6, uZekariya uzekelisa ngokunyaniseka okuthi ukuza kuthi ga kulo mhla kuphawule intlangano kaYehova. Oku kumele kulodlule naluphi na ulwalamano lwabantu, njengolwezalamane zenyama ezisondeleyo. Ukuba isalamane esisondeleyo siprofeta ubuxoki ngegama likaYehova, oko kukuthi, sithetha ngokuchaseneyo nesigidimi soBukumkani size ngokuphosakeleyo sizame ukuphembelela abanye ebandleni labantu bakaThixo, amalungu entsapho yaloo mntu amele ngokunyaniseka axhase nasiphi na isigwebo esenziwa libandla. Le meko imele ijongwe ngendlela efanayo ngokubhekisele nakwesiphi na isalamane esisondeleyo esiprofeta ngobuxoki, ukuze sibe neentloni size senzakale entliziyweni ngenxa yesenzo saso esiphosakeleyo.
25. Isiprofeto sikaZekariya sidibana njani nezinye izibhalo ekufaniseni uMesiya, ‘iHlumelo,’ nesikhundla sakhe njengoMbingeleli Omkhulu noKumkani ophantsi kukaYehova?
25 Njengoko iziqendu zethu ezingaphambili zibonisile, ukungena kukaYesu eYerusalem njengokumkani, “enentobeko, ekhwele e-esileni,” ukungcatshwa kwakhe ‘ngamashumi amathathu esilivere,’ ukuchithakala kwabafundi bakhe ngelo xesha nokuhlatywa kwakhe esemthini lijoni ngomkhonto konke oku kwakuxelwe kwangaphambili nguZekariya ngokweenkcukacha kanye ezichanileyo. (Zek. 9:9; 11:12; 13:7; 12:10) Kwakhona isiprofeto sithiya umakhi wetempile kaYehova igama elithi “Hlumelo.” Ukuthelekisa uIsaya 11:1-10; uYeremiya 23:5; noLuka 1:32, 33 kubonisa ukuba lo nguYesu Kristu, oya kuba “ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade.” UZekariya uchaza eli “Hlumelo” ‘njengombingeleli etroneni yakhe,’ nto leyo edibana kakuhle namazwi ompostile uPawulos athi: “UYesu . . . ethe, ngokohlobo lukaMelkitsedeke, waba ngumbingeleli omkhulu osa ephakadeni,” kwakhona, “[uthe] wahlala phantsi ngasekunene kwetrone yobuKhulu emazulwini.” (Zek. 6:12, 13; Heb. 6:20; 8:1) Ngaloo ndlela isiprofeto salatha kweli “Hlumelo” njengoMbingeleli Omkhulu noKumkani ongasekunene kukaThixo ezulwini, ngoxa kwangaxeshanye sivakalisa uYehova njengoMlawuli onguMongami kubo bonke: “UYehova woba ngukumkani phezu kwehlabathi lonke; ngaloo mini iya kuba nguYehova yedwa, negama lakhe lodwa.”—Zek. 14:9.
26. Ngokuphindaphindiweyo uZekariya ubhekisela kweyiphi ‘imini’?
26 Ethetha ngelo xesha, umprofeti uphinda ibinzana elithi “ngaloo mini” kangangezihlandlo ezinokuba ngama-20, kwaye ude aqukumbele ngalo isiprofeto sakhe. Ukuhlolisisa ukusetyenziswa kwalo kangangezihlandlo ezininzi kubonisa ukuba le iya kuba yimini yaxa uYehova etshayela izithixo aze ashenxise abaprofeti bobuxoki. (13:2, 4) Yimini yaxa uYehova esilwa neentlanga ezingenaluxolo aze abangele isaqunge phakathi kwazo njengoko ezitshabalalisa kwaye elungisa ‘isihlambo seentaba zakhe’ ukuba sibe yindawo yokuzimela abantu bakhe. (14:1-5, 13; 12:8, 9) Ewe, “wobasindisa abantu bakhe uYehova uThixo wabo ngaloo mini, njengomhlambi,” ibe baya kubizelana elowo nalowo phantsi komdiliya naphantsi komkhiwane. (Zek. 9:16; 3:10; Mika 4:4) Iya kuba yimini ezukileyo xa uYehova wemikhosi ‘eya kuhlala phakathi’ kwabantu bakhe naxa ‘kuya kuphuma eYerusalem amanzi aphilileyo.’ La mazwi kaZekariya aphawula iziganeko eziya kwenzeka “ngaloo mini” eziya kuhlahlel’ indlela “izulu elitsha, nomhlaba omtsha” wedinga loBukumkani.—Zek. 2:11; 14:8; ISityhi. 21:1-3; 22:1.
27. Isiprofeto sikaZekariya siyalathisela njani ingqalelo ekungcwalisweni kwegama likaYehova?
27 “Ngubani na owoyidela imini yezinto ezincinane?” ubuza njalo uYehova. Khangela! Olu lwando luya kubakho emhlabeni wonke: ‘Izizwe ezininzi neentlanga ezinamandla ziya kuza kumquqela uYehova wemikhosi eYerusalem, ibe amadoda alishumi asezilwimini zonke zeentlanga aya kubambelela esondweni lengubo yendoda engumYuda athi: “Siya kuhamba nani, ngokuba sivile ukuba uThixo unani.”’ “Ngaloo mini” kwanakwiintsimbi zamahashe kuya kubonakala amagama athi “BUBUNGCWELE KUYEHOVA.” Kuyeyona ngenelo inkulu ukuqwalasela ezi ziprofeto zifudumez’ intliziyo, kuba zibonisa ukuba ngokwenene igama likaYehova liya kungcwaliswa ngeMbewu yakhe yoBukumkani!—Zek. 4:10; 8:22, 23; 14:20.
[Imibhalo esemazantsi]
a I-Insight on the Scriptures, Umqu. 2, iphepha 531, 1136.
b IEncyclopaedia Judaica, yowe-1973, Umqu. 4, umhl. 828; i-Insight on the Scriptures, Umqu. 1, iphepha 1080-1.