“Hlalani Nithe Qwa Ngokupheleleyo”
“Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.”—IMIZEKELISO 14:15.
1, 2. (a) Yintoni esiyifunda koko kwehlela uLote eSodom? (b) Lithetha ukuthini ibinzana elithi “hlalani nithe qwa”?
XA UABRAHAM wathi kuLote makakhethe kuqala umhlaba awufunayo, amehlo kaLote atyekela kummandla onamanzi amaninzi ‘onjengomyezo kaYehova.’ Loo ndawo imele ukuba yabonakala ifanelekile ukuba azinze kuyo nentsapho yakhe, kuba “uLote wanyula iSithili saseYordan siphela” waza wamisa intente kufuphi neSodom. Noko ke, loo mbonakalo yayikhohlisa, kuba kufuphi apho kwakuhlala ‘abantu baseSodom ababesenza ububi naboni abakhulu kuYehova.’ (Genesis 13:7-13) Njengokuba kwenzekayo, uLote nentsapho yakhe behlelwa zizinto ezibuhlungu gqitha. Ekugqibeleni, yena neentombi zakhe baphetha behlala emqolombeni. (Genesis 19:17, 23-26, 30) Loo ndawo yayikhangeleka intle yagqibela ibubugxwayiba nje.
2 Abakhonzi bakaThixo namhlanje banokufunda okuthile koko kwehlela uLote. Xa kukho izigqibo ekufuneka sizenze, simele sicinge ngeengozi ezinokuvela nenkohliso yentabatheko. Ngokufanelekileyo, iLizwi likaThixo lisibongoza lithi: “Hlalani nithe qwa ngokupheleleyo.” (1 Petros 1:13) Igama lesiGrike eliguqulelwe apha ngokuthi “hlalani nithe qwa” ngokoqobo lithetha “ukuba ngoqabukileyo.” Ngokutsho komnye umphengululi weBhayibhile uR.C.H. Lenski, oko kuqabuka “kukuzola, ukuba sezingqondweni okwenza ukwazi ukuhluza izinto kakuhle ukuze wenze izigqibo ezifanelekileyo.” Makhe siqwalasele ezinye zeemeko ezifuna ukuba sihlale sithe qwa.
Ukuhlolisisa Amathuba Okuvula Ishishini
3. Kutheni simele sivule amehlo nje xa sinikwa ithuba lokuvula ishishini?
3 Masithi unikwa ithuba lokuba neshishini nguthile ohlonelwayo, mhlawumbi ungumkhonzi kaYehova. Ubonakala enehlombe lithemba lokuphumelela kweli shishini yaye ukukhuthaza ukuba ungaphozisi maseko ukuxhakamfula elo thuba. Usenokuqala ukuzibona, wena nentsapho yakho niphila ubomi obungcono, mhlawumbi de uqiqe ngelithi oku kuya kuninceda nibe nexesha elingakumbi lezinto zokomoya. Noko ke, iMizekeliso 14:15 ilumkisa ithi: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.” Ngenxa yochulumanco adla ngokuba nalo umntu oza kuvula ishishini, unokuzithabatha lula iingozi aze angaziqwalaseli kakuhle neengxaki zokuba neshishini. (Yakobi 4:13, 14) Zezi meko ke, ezi zifuna ubani ahlale ethe qwa.
4. Yintoni esinokuyenza ukuze sichule ukunyathela xa sihlolisisa isicelo seshishini?
4 Umntu olumkileyo ulihlolisisa ngenyameko ithuba alinikwayo lokuvula ishishini ngaphambi kokuba enze isigqibo. (IMizekeliso 21:5) Uhlolisiso ludla ngokuveza iingozi ezisitheleyo. Khawucinge nje ngoku: Umntu uboleka imali yokuvula ishishini aze akuthembise ngenzala eninzi xa unokumboleka loo mali. Ewe yona isenokuba ninzi imali akuthembisa yona, kodwa ziziphi iingozi ezinokuvela? Ngaba uyavuma ukuba uya kuyihlawula kungakhathaliseki ukuba izinto azihambi kakuhle kangako kwelo shishini, okanye intlawulo ixhomekeke ekuphumeleleni kweshishini elo? Ngamanye amazwi, ngaba ukulungele ukuphulukana nemali yakho xa elo shishini litshona? Unokuzibuza oku: “Kutheni ibolekwa ebantwini nje le mali? Ngaba iibhanki ziligqala njengelinokutshona, libeka imali esichengeni eli shishini?” Ukuzipha ixesha ucinge ngeengozi ezinokuvela kuya kukunceda ucingisise kakuhle ngeso sicelo.—IMizekeliso 13:16; 22:3.
5. (a) Bubuphi ubulumko obasetyenziswa nguYeremiya xa wayethenga intsimi? (b) Kutheni kuluncedo nje ukuzibhala phantsi zonke izivumelwano zeshishini?
5 Xa umprofeti uYeremiya wayethenga intsimi kumza wakhe, owayengumnquli kaYehova, wayibhala phantsi ingxelo yaloo ntengiselwano phambi kwamangqina. (Yeremiya 32:9-12) Umntu olumkileyo namhlanje uya kuqinisekisa ukuba uzibhala phantsi zonke izivumelwano zoshishino angena kuzo, kuquka ezo azenza nezalamane namanye amaKristu.a Izivumelwano ezibhalwe phantsi nezicacileyo ziba luncedo zithintele ukungaqondani kuze kuhlale kukho umanyano. Ukungabi nesivumelwano esibhaliweyo kudla ngokuba negalelo elibi xa kuvela iingxaki zoshishino phakathi kwabakhonzi bakaYehova. Okubuhlungu kukuba, ezo ngxaki zinokubangela intlungu, ingqumbo, de umntu aphole ngokomoya.
6. Kutheni simele sizilinde nje ekubaweni?
6 Simele sizilinde nasekubaweni. (Luka 12:15) Xa umntu ethenjiswa ngentywenka yenzuzo unokuthi ti angaboni neengozi ezinokuvela kwelo shishini. Nkqu nabathile ababexhamla amalungelo ezabelo ezixabisekileyo kwinkonzo kaYehova baye babhajiswa ngulo mgibe. ILizwi likaThixo lilumkisa lithi: “Musani ukuba ngabathandi bemali, kunoko yanelani zizinto ezikhoyo.” (Hebhere 13:5) Xa kuvela ithuba lokuvula ishishini, umKristu umele azibuze oku, ‘Ngaba kuyimfuneko ngokwenene ukuba nalo?’ Ukuphila ubomi obulula obusekelwe ekukhonzeni uYehova kuya kusikhusela kuzo “zonke iintlobo zobubi.”—1 Timoti 6:6-10.
Ucelomngeni KumaKristu Angatshatanga
7. (a) Ziziphi iingcinezelo ajamelana nazo amaKristu amaninzi angatshatanga? (b) Ukunyaniseka kuThixo kudibana njani nento yokukhetha komntu iqabane lomtshato?
7 Abakhonzi bakaYehova abaninzi bayakulangazelela ukutshata kodwa abakawafumani amaqabane afanelekileyo omtshato. Kwamanye amazwe, ininzi into yokucinezelwa kwabantu ukuba batshate. Noko ke, asenokuba mbalwa amathuba okufumana iqabane lomtshato phakathi kwamaKristu. (IMizekeliso 13:12) Ukanti, amaKristu ayaqonda ukuba ukuthobela umyalelo weBhayibhile wokutshata “kuphela eNkosini” kuthetha ukunyaniseka kuYehova. (1 Korinte 7:39) Ukuze eme eqinile kwezo ngcinezelo nezilingo, amaKristu angatshatanga amele ahlale ethe qwa ngokupheleleyo.
8. Yiyiphi ingcinezelo awaba kuyo umShulamikazi, ibe anokuba kuyo njani amabhinqa angamaKristu namhlanje?
8 KwiNgoma yazo iiNgoma, kukho intombazana engumntu nje ophantsi yasemaphandleni ekuthiwa ngumShulamikazi etsala ingqalelo yokumkani. Ukumkani uyicenga ngobutyebi, isithozela nomtsalane anawo nakuba sele kukho umfana ethandana naye. (INgoma yazo iiNgoma 1:9-11; 3:7-10; 6:8-10, 13) Ukuba ulibhinqa elingumKristu, nawe unokuncwaswa ngumntu othile ube ungakuthandi oko. Umntu osebenza naye, mhlawumbi isikhulu, unokumana ekuncoma, abe nobubele, azame namathuba okuba nibe kunye. Umele ubulumkele ububele obunjalo. Nakuba obu bubele bengasoloko bekwenzela ukurhwebesha ubani ukuze abavume okanye baziphathe kakubi naye, izihlandlo ezininzi baba nezo njongo. NjengomShulamikazi, yiba “ludonga.” (INgoma yazo iiNgoma 8:4, 10) Zikhabe ngawo omane ezo nzame. Bachazele zisuka nje abo usebenza nabo ukuba uliNgqina likaYehova, uze ke usebenzise naliphi na ithuba unikele ubungqina kubo. Kuya kukukhusela gqitha oko.
9. Ziziphi iingozi zokuqalisa ukuthandana nomntu ongamaziyo kwi-Internet? (Bona nebhokisi ekwiphepha 25.)
9 Aya ethandwa namajelo eInternet alungiselelwe ukuba abangatshatanga bazifumanele amaqabane. Abanye bajonga oku njengethuba lokwazi abo ubungenakuze udibane nabo ebomini. Noko ke, ukudyuduzela uthandane nomntu ongamaziyo kuyingozi gqitha. Kwi-Internet, kunganzima ukwahlula inyaniso ebuxokini. (INdumiso 26:4) Bakho abantu abathi bakhonza uYehova ngoxa bexoka. Ngaphezulu, ukuthandana ngeInternet kunokwenza nikhawuleze ukutsaleleka omnye komnye, ibe ke oko kunokuzigqwetha izigqibo zikabani. (IMizekeliso 28:26) Enoba nisebenzisa i-Internet okanye ezinye iindlela, asibobulumko ukwakha ubuhlobo nomntu ongazi nto kangako ngaye.—1 Korinte 15:33.
10. AmaKristu angatshatanga anokukhuthazwa njani ngamanye amaKristu?
10 UYehova “unomsa omkhulu nenceba” kubakhonzi bakhe. (Yakobi 5:11) Uyazi ukuba maxa wambi iingcinezelo ajamelana nazo amaKristu angatshatanga ngenxa yeemeko ziwacinezela gqitha ibe uyakuxabisa ukunyaniseka kwawo. Yintoni enokwenziwa ngamanye ukuze awakhuthaze? Simele sihlale siwancoma ngokuthobela nokuzincama kwawo. (ABagwebi 11:39, 40) Sinokuwamema nakwiimbutho zethu ezakhayo. Ngaba ukhe wakwenza oko kutshanje? Singade siwathandazele, sicele uYehova awancede ahlale eqinile ngokomoya aze avuyiswe kukumkhonza. Kwanga umdla wethu onyanisekileyo kuwo, ungawanceda abone ukuba njengoYehova, nathi siyakuxabisa ukunyaniseka kwawo.—INdumiso 37:28.
Ukuhlangabezana Neengxaki Zempilo
11. Luluphi ucelomngeni olubangelwa kukugula gqitha?
11 Siba buhlungu gqitha xa sigula okanye sibona isihlobo sethu sigulela ukufa. (Isaya 38:1-3) Ngoxa sifuna unyango oluza kusinceda, kubalulekile ukuba sithobele imigaqo yeZibhalo. Ngokomzekelo, amaKristu athobela umyalelo weBhayibhile othi azinxweme egazini, ibe aphepha nayiphi na indlela yonyango okanye yokuzigcina esempilweni ebandakanya ukusebenzelana nemimoya. (IZenzo 15:28, 29; Galati 5:19-21) Noko ke, kwabo bangazi nto ngonyango, kunokuba nzima gqitha ukukhetha unyango olufanelekileyo. Yintoni enokusinceda sihlale sithe qwa ngokupheleleyo kule nkalo?
12. UmKristu unokuhlala njani elungelelene xa ecinga ngonyango amele alusebenzise?
12 “Onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe” ngokuphanda eBhayibhileni nakwiimpapasho zamaKristu. (IMizekeliso 14:15) Kumazwe anoogqirha nezibhedlele ezimbalwa, kusenokwenzeka ukuba ekuphela konyango olufumanekayo ngamayeza esintu, iingcambu. Ukuba sicinga ukusebenzisa ezo ndlela zonyango, sinokufumana inkcazelo eluncedo kwinkupho yeMboniselo ka-Aprili 15, 1987, iphepha 26-9. Ilumkisa ngeengozi ezinokubakho. Ngaba loo mntu unyanga ngamayeza esintu waziwa ngokusebenzelana nemimoya? Ngaba olo nyango lusekelwe kwinkolelo yokuba oko kugula nokufa kubangelwa yingqumbo yoothixo (okanye izinyanya) okanye kukuthakathwa ziintshaba? Ngaba kunyuswa amadini, kugxothwe imimoya okanye kwenziwe ezinye izinto xa ngaphambi kokuba lisetyenziswe? (Duteronomi 18:10-12) Olo phando luya kusinceda sithobele isiluleko sikaThixo esithi: “Qinisekani ngezinto zonke; nibambelele nkqi koko kuhle.”b (1 Tesalonika 5:21) Luya kusinceda sihlale silungelelene.
13, 14. (a) Singayibonisa njani ingqiqo kwindlela esinyamekela ngayo impilo yethu? (b) Kutheni kufuneka sibonise ingqiqo nje xa sixubusha nabanye ngeengxaki zempilo nezonyango?
13 Kufuneka ingqiqo kuzo zonke iinkalo zobomi, kuquka ukunyamekela impilo yethu. (Filipi 4:5) Ukunyamekela impilo yethu ngendlela elungeleleneyo kubonisa ukuba siyabuxabisa ubomi bethu obungenakulinganiswa nanto. Xa sijamelene nokugula okuthile, simele sinikele ingqalelo ngamandla kuko. Noko ke, asinakuze sibe sempilweni egqibeleleyo de ibe lixesha likaThixo ‘lokuphilisa iintlanga.’ (ISityhilelo 22:1, 2) Simele silumke singazixhalabisi ngokugqithiseleyo ngempilo yethu silibale nezona ntswelo zibaluleke ngakumbi zokomoya.—Mateyu 5:3; Filipi 1:10.
14 Simele sibonise ukulungelelana nengqiqo naxa sixubusha nabanye ngeengxaki zempilo nonyango. Ezi ngxaki azimele zigubungele incoko yethu xa sihlanganisene ngezinto zokomoya kwiintlanganiso neendibano zamaKristu. Ukongezelela, izigqibo zonyango zisoloko ziquka imigaqo yeBhayibhile, isazela sikabani nolwalamano lwakhe noYehova. Ngoko, ibingayi kuba luthando ukubethelela iimbono zethu komnye umKristu okanye simxinezelele ukuba abethe ngoyaba isazela sakhe. Nakuba kusenokufunwa uncedo kwabo baqolileyo ebandleni, mKristu ngamnye umele ‘athwale owakhe umthwalo’ wembopheleleko yokwenza izigqibo, ibe “ngamnye wethu uya kuziphendulela kuThixo.”—Galati 6:5; Roma 14:12, 22, 23.
Xa Sixinezelekile
15. Iimeko ezicinezelayo zinokuba lucelomngeni njani?
15 Kukho iimeko ezicinezelayo ezinokwenza nabona bakhonzi banyanisekileyo bakaYehova bathethe okanye benze izinto zobuyatha. (INtshumayeli 7:7) Xa wayephantsi kovavanyo oluqatha, uYobhi waye akalungelelana ngandlel’ ithile ibe kwafuneka alungiswe kwindlela yokucinga. (Yobhi 35:2, 3; 40:6-8) Nakuba ‘uMoses wayeyeyona ndoda ilulamileyo kubantu bonke abaphezu komhlaba,’ wakha wacaphuka waza wathetha rhabaxa. (Numeri 12:3; 20:7-12; INdumiso 106:32, 33) UDavide wabonisa okona kuzeyisa kunqwenelekayo ngokungambulali uKumkani uSawule, kodwa xa wathukwa nguNabhali enyelisa amadoda akhe, uDavide wavutha ngumsindo de akasebenzisa ngqiqo. Wathi ukuze abuyele ezingqondweni kwangenelela uAbhigali, kwaza oko kwamnceda waphepha impazamo eyayiza kuba yintlekele.—1 Samuweli 24:2-7; 25:9-13, 32, 33.
16. Yintoni enokusinceda siphephe ukwenza izinto ngokudyuduzela?
16 Nathi sinokuba kwiimeko ezicinezelayo ezinokusenza singacingi kakuhle. Ukuzihlolisisa ngenyameko iimbono zabanye, njengoDavide kunokusinceda singadyuduzeli size sigaxeleke esonweni singaqondi. (IMizekeliso 19:2) Ukongezelela, iLizwi likaThixo lisilumkisa lithi: “Phazamisekani, kodwa ningoni. Thethani entliziyweni yenu, emandlalweni wenu, nize nithi cwaka.” (INdumiso 4:4) Xa kunokwenzeka bubulumko ukulinda de sizole ngaphambi kokuba sithabath’ inyathelo okanye senze isigqibo. (IMizekeliso 14:17, 29) Sinokuthandaza kuYehova, “yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo namandla [ethu] engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Olu xolo luvela kuThixo luya kusinceda sizole size sihlale sithe qwa ngokupheleleyo.
17. Kutheni simele sithembele kuYehova ukuze sikwazi ukuhlala sithe qwa ngokupheleleyo?
17 Phezu kwayo nje imigudu yethu yokuphepha iingozi sizama ukwenza ngobulumko, sonke sisaqhubeka sisenza iimpazamo. (Yakobi 3:2) Sinako ukwenza impazamo sibe singakuqondi kwaphela oko. (INdumiso 19:12, 13) Ukongezelela, ekubeni singabantu asinawo amandla okwalathisa inyathelo lethu ngaphandle koYehova. (Yeremiya 10:23) Simbulela gqitha ngesiqinisekiso sakhe esithi: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo. Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.” (INdumiso 32:8) Ewe, xa sincedwa nguYehova, singakwazi ukuhlala sithe qwa ngokupheleleyo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuphathelele ukubhalwa phantsi kwezivumelwano, funda IMboniselo, ka-Agasti 1, 1997, iphepha 30-1; ekaNovemba 15, 1986, iphepha 16-17; noVukani! ka-Agasti 8, 1983, iphepha 28-30, ezipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
b Oku kunokunceda nabo bacinga ukusebenzisa iindlela zonyango ekukho iyantlukwano ngazo.
Ungaphendula Uthini?
Singahlala njani sithe qwa
• xa kuvela ithuba lokuba neshishini?
• xa sifuna iqabane lomtshato?
• xa sijamelene nokugula?
• xa sixinezelekile?
[Ibhokisi ekwiphepha 25]
Ngaba Unokuyithemba I-Internet?
Amajelo eInternet alungiselwe abangatshatanga azalela endle ngamazwi athi:
“Phezu kwayo nje imigudu yethu akukho siqinisekiso sokufumana inkcazelo echanileyo ngomntu.”
“Asinakuqinisekisa ngokuchana, ukugqibelela, okanye ukuba luncedo kwayo nayiphi na inkcazelo oyifumana kweli jelo.”
“Iimbono, amacebiso, amazwi, izithembiso, okanye inkcazelo okanye nantoni na efumaneka apha kweli jelo ifakwe ngababhali bayo . . . ngoko akukho sizathu sakuthembela kuyo.”
[Umfanekiso okwiphepha 23]
“Onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe”
[Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]
Amabhinqa angamaKristu anokumxelisa njani umShulamikazi?
[Umfanekiso okwiphepha 26]
“Qinisekani ngezinto zonke; nibambelele nkqi koko kuhle”