EkaDavide.
א [Aleph]
37 Sukuzikhathaza ngabenzi-bubi
Okanye ubamonele abo bangalunganga.+
2 Kuba baza kubuna ngokukhawuleza njengengca,+
Baza kuntshwenca njengengca eluhlaza.
ב [Beth]
3 Thembela ngoYehova, wenze okulungileyo;+
Hlala emhlabeni, uze uthembeke.+
4 Vuya kakhulu ngoYehova,
Uza kukunika izinto ezifunwa yintliziyo yakho.
ג [Gimel]
5 Yiyekele kuYehova indlela yakho;+
Thembela ngaye, uza kukuxhasa.+
6 Uza kubenza bukhanye njengokukhanya kwasemini ubulungisa bakho,
Nokusesikweni kwakho kube njengelanga emini.
ד [Daleth]
7 Yithi cwaka phambi koYehova+
Uze ulindele kuye ngomonde.
Makangakucaphukisi umntu
Ophumelelayo kumaqhinga akhe.+
ה [He]
8 Wuyeke umsindo, uyilahle nengqumbo;+
Sukucaphuka uze wenze izinto ezimbi.
9 Kuba abantu abenza izinto ezimbi baza kutshatyalaliswa,+
Kodwa umhlaba uza kuba ngowabo bathembela ngoYehova.+
ו [Waw]
10 Sekusele ithutyana, bangabikho abenzi-bubi;+
Xa ujonga apho bebekho,
Baza kube bengasekho.+
11 Kodwa umhlaba uza kuba ngowabalulamileyo,+
Ibe baza kuphila kamnandi kukho uxolo oluninzi.+
ז [Zayin]
12 Umntu ongcolileyo ulenzela amayelenqe ilungisa,+
Yaye ulitshixizela amazinyo.
13 Kodwa uYehova uza kumhleka,
Kuba uyazi ukuba iyeza imini yakhe.+
ח [Heth]
14 Abenzi-bubi bakhupha amakrele abo baze bagobe izaphetha zabo,
Ukuze bawise abacinezelekileyo namahlwempu,
Baxhaxhe amalungisa.
15 Kodwa amakrele abo aza kuhlaba kwezabo iintliziyo;+
Izaphetha zabo ziza kwaphuka.
ט [Teth]
16 Kubhetele into encinci elinayo ilungisa
Kunobutyebi babenzi-bubi abaninzi.+
17 Kuba ziza kwaphulwa iingalo zabantu abenza izinto ezimbi,
Kodwa uYehova uza kuwaxhasa amalungisa.
י [Yod]
18 UYehova uyazazi izinto ezehlela amalungisa,
Ibe ilifa lawo liza kuhlala likho ngonaphakade.+
19 Awazukuhlazeka ngexesha lentlekele;
Aza kuba nokuninzi ngexesha lendlala.
כ [Kaph]
20 Kodwa abenza izinto ezimbi baza kutshabalala;+
Iintshaba zikaYehova ziza kunyamalala okwamadlelo aluhlaza;
Ziza kuthi shwaka okomsi.
ל [Lamed]
21 Umenzi-bubi uyaboleka angabuyisi,
Kodwa ilungisa linobubele, liyakuthanda nokupha.+
22 Umhlaba uza kuba ngowabo basikelelweyo nguThixo,
Kodwa abaqalekisiweyo nguye baza kutshatyalaliswa.+
מ [Mem]
23 UYehova uyibonisa indlela emayihambe ngayo indoda+
Xa ezithanda iindlela zayo.+
24 Nokuba ingawa, soze inkaleke phantsi,+
Kuba uYehova uyibamba ngesandla.+
נ [Nun]
25 Ndakha ndangumfana, ngoku ndimdala,
Kodwa andikamboni umntu olilungisa elahliwe,+
Okanye abantwana bakhe bedinga isonka.+
26 Usoloko eboleka abanye izinto,+
Ibe abantwana bakhe baza kusikelelwa.
ס [Samekh]
27 Yahlukana nezinto ezimbi uze wenze ezilungileyo,+
Ibe uza kuphila ngonaphakade.
28 Kuba uYehova uthanda ubulungisa,
Ibe akazukubalahla abo banamathela kuye.+
ע [Ayin]
Baza kusoloko begadiwe;+
Kodwa inzala yabenzi-bubi iza kutshatyalaliswa.+
29 Umhlaba uza kuba ngowamalungisa,+
Ibe aza kuhlala kuwo ngonaphakade.+
פ [Pe]
30 Umlomo welungisa uthetha ubulumko,
Nolwimi lwalo luthetha ngobulungisa.+
31 Umthetho kaThixo walo usentliziyweni yalo;+
Alizukutyibilika endleleni yalo.+
צ [Tsade]
32 Umenzi-bubi uyalilalela ilungisa,
Ibe ufuna ukulibulala.
33 Kodwa uYehova akazukuliyekela,+
Okanye alifumanise linetyala xa ligwetywa.+
ק [Qoph]
34 Thembela ngoYehova uze uhambe endleleni yakhe,
Ibe yena uza kukuphakamisa ukuze umhlaba ube ngowakho.
Xa abenzi-bubi betshatyalaliswa,+ uza kubabona.+
ר [Resh]
35 Ndiye ndambona umntu okhohlakeleyo nongcolileyo
Enaba okomthi oluhlaza kumhlaba wawo.+
36 Kodwa wasuka wanyamalala, akabikho;+
Ndaqhubeka ndimkhangela, andamfumana.+
ש [Sin]
37 Uze umqaphele ongenakusoleka,
Uhlale umjongile umntu olilungisa,+
Kuba uza kuhlala eseluxolweni.+
38 Kodwa bonke abenza izinto ezingalunganga baza kutshatyalaliswa;
Abenzi-bubi baza kupheliswa.+
ת [Taw]
39 NguYehova osindisa amalungisa;+
Uyinqaba yawo ngexesha lobunzima.+
40 UYehova uza kuwanceda awasindise.+
Uza kuwasindisa kubantu abenza izinto ezimbi,
Kuba abalekela kuye.+