Luka
11 Ke kaloku wayesendaweni ethile ethandaza, yaye wathi akugqiba, omnye wabafundi bakhe wathi kuye: “Nkosi, sifundise ukuthandaza,+ njengoko noYohane wabafundisayo abakhe abafundi.”+
2 Ngoko wathi kubo: “Xa sukuba nithandaza,+ yithini, ‘Bawo, malingcwaliswe igama lakho.+ Ubukumkani bakho mabufike.+ 3 Siphe isonka sethu+ sale mini ngokwemfuneko yemini le. 4 Sixolele izono zethu,+ kuba nathi siyabaxolela bonke abanamatyala+ kuthi; ungasingenisi ekuhendweni.’”+
5 Ngokubhekele phaya, wathi kubo: “Ngubani na kuni ongathi enomhlobo, aye kuye ezinzulwini zobusuku aze athi kuye, ‘Mhlobo, ndiboleke izonka ezithathu, 6 kuba ndisandul’ ukufikelwa ngumhlobo wam eseluhambeni yaye andinanto ndingayibeka phambi kwakhe’? 7 Aze lowo ungaphakathi athi ukuphendula, ‘Musa ukundikhathaza.+ Ucango sele lutshixiwe, nabantwana bam abaselula bakunye nam esililini; andinakuvuka ndize ndikunike nantoni na.’ 8 Ndiyanixelela, Nangona engayi kuvuka aze amnike nantoni na ngenxa yokuba engumhlobo wakhe, ngokuqinisekileyo ngenxa yozingiso lwakhe lwenkalipho+ uya kuvuka aze amnike ezo zinto azifunayo. 9 Ngako oko ndithi kuni, Qhubekani nicela,+ niya kunikwa; qhubekani nifuna,+ niya kufumana; qhubekani ninkqonkqoza, niya kuvulelwa. 10 Kuba wonk’ ubani ocelayo uyamkela,+ nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa. 11 Eneneni, nguwuphi na uyise phakathi kwenu oya kuthi, ukuba unyana wakhe+ ucela intlanzi, asuke amnike inyoka esikhundleni sentlanzi? 12 Okanye athi ukuba ucela iqanda, asuke amnike unomadudwane? 13 Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukunika abantwana benu+ izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele+ abo bamcelayo!”
14 Kamva wayekhupha idemon esisimumu.+ Emva kokuba idemon iphumile, umntu osisimumu wathetha. Yaye izihlwele zamangaliswa. 15 Kodwa abathile kuzo bathi: “Uzikhupha iidemon ngoBhelezebhubhe umlawuli weedemon.”+ 16 Noko ke, abanye, ukuze bamhende, bafuna kuye umqondiso+ ophuma ezulwini. 17 Ezazi iingcamango zabo+ wathi kubo: “Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa buyaphanza, nendlu eyahlulelene yodwa iyawa.+ 18 Ngoko ukuba noSathana wahlulelene yedwa, buya kuma njani na ubukumkani bakhe?+ Ngenxa yokuba nithi ndikhupha iidemon ngoBhelezebhubhe. 19 Ukuba ndizikhupha ngoBhelezebhubhe iidemon, oonyana benu+ bona bazikhupha ngabani na? Ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu. 20 Kodwa ukuba ndizikhupha ngomnwe kaThixo+ iidemon, ubukumkani bukaThixo bunifikele ngokwenene.+ 21 Xa umntu owomeleleyo,+ oxhobe kakuhle, elinda ibhotwe lakhe, impahla yakhe iqhubeka iseluxolweni. 22 Kodwa ukuba uthile owomelele ngakumbi+ kunaye uyamhlasela aze amoyise,+ uzithabatha zonke izikhali zakhe abekholose ngazo, aze azahlule izinto amhluthe zona. 23 Lowo ungekho ngakum unxamnye nam, nalowo ungahlanganisi kunye nam uyachithachitha.+
24 “Xa umoya ongahlambulukanga uphuma emntwini, udlula kwiindawo ezibharhileyo ufuna indawo yokuphumla, uze, wakungayifumani, uthi, ‘Ndiza kubuyela kwindlu yam endaphumayo kuyo.’+ 25 Uze ekufikeni uyifumane itshayelwe yacoceka yaza yahonjiswa. 26 Wandula ke uhambe uze uthabathe oomoya abahlukileyo abasixhenxe+ nabangendawo ngakumbi kunawo, bangene ke ngaphakathi, bahlale apho; ize imeko yokugqibela yaloo mntu ibe mbi kuneyokuqala.”+
27 Ke kaloku njengoko wayesitsho ezi zinto umfazi othile kwisihlwele waphakamisa ilizwi lakhe waza wathi kuye: “Sinoyolo isibeleko+ esakuthwalayo namabele owawanyayo!” 28 Kodwa yena wathi: “Hayi, kunoko, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine!”+
29 Xa izihlwele zazibuthene ndawonye, waqala ukuthi: “Esi sizukulwana sisizukulwana esingendawo; sifuna umqondiso.+ Kodwa akukho mqondiso siya kuwunikwa ngaphandle komqondiso kaYona.+ 30 Kuba kanye njengoko uYona+ waba ngumqondiso kumaNineve, ngokufanayo noNyana womntu uya kuba ngumqondiso kwesi sizukulwana. 31 Ukumkanikazi+ wasemzantsi uya kuvuswa ngomgwebo nabantu besi sizukulwana yaye uya kubagwebela isohlwayo; ngenxa yokuba weza evela eziphelweni zomhlaba ukuze eve ubulumko bukaSolomon, kodwa, khangela! okuthile okungaphezu+ koSolomon kulapha. 32 Abantu baseNineve baya kusuka beme ngomgwebo nesi sizukulwana yaye baya kusigwebela isohlwayo; ngenxa yokuba baguquka koko kwakushunyayelwa nguYona;+ kodwa, khangela! okuthile okungaphezu+ koYona kulapha. 33 Emva kokulumeka isibane, umntu usibeka, kungekhona kwigumbi eliphantsi komhlaba naphantsi kwengobozi yokulinganisa, kodwa phezu kwesiphatho sezibane,+ ukuze abo bangenayo babone ukukhanya. 34 Isibane somzimba liliso lakho. Ukuba iliso lakho alinakumbi, umzimba wakho uphela uba sekukhanyeni;+ kodwa ukuba lingendawo, nomzimba wakho uba sebumnyameni. 35 Lumka, ke ngoko. Hleze ukukhanya okukuwe kube bubumnyama.+ 36 Ngoko ke, ukuba umzimba wakho uphela usekukhanyeni kungekho nxalenye imnyama konke konke, wonke uya kukhanyiseleka+ njengaxa isibane sikhanyisa ngemitha yaso.”
37 Akuba ethethe oku, umFarisi othile wammemela esidlweni.+ Ngoko wangena waza wangqendeva etafileni. 38 Noko ke, umFarisi wamangaliswa kukubona ukuba akaqalanga wahlamba+ ngaphambi kwesidlo. 39 Kodwa iNkosi yathi kuye: “Nina baFarisi, nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kodwa ngaphakathi+ nizele kukuphanga nobungendawo.+ 40 Bantundini bangenangqiqo! Lowo wenza umphandle+ wenza kwanomphakathi, akunjalo? 41 Ngoko ke, khangelani! ukuba ninikela ngezinto ezingaphakathi njengezipho zenceba,+ zonke ezinye izinto ziya kuhlambuluka kuni. 42 Kodwa yeha nina baFarisi, ngokuba ninikela isishumi+ setyeleba neruwe nesayo yonke eminye imifuno, kodwa niyakudlula okusesikweni nothando lukaThixo! Benimelwe kakade kukuzenza ezi zinto, kodwa nezinye ningazityesheli.+ 43 Yeha nina baFarisi, ngokuba nithanda izihlalo eziphambili kwizindlu zesikhungu nokubuliswa kwiindawo zemarike!+ 44 Yeha nina, ngokuba ninjengamangcwaba enkumbulo angabonakaliyo, abathi abantu bahambe phezu kwawo bengawazi!”+
45 Ekuphenduleni uthile kwabo bawaziyo+ uMthetho wathi kuye: “Mfundisi, ngokutsho ezi zinto nathi uyasithuka.” 46 Ngoko yena wathi: “Yeha nani niwaziyo uMthetho, ngokuba nithwalisa abantu imithwalo ekunzima ukuyithwala, kodwa nina ngokwenu aniyichukumisi imithwalo leyo nangomnwe lo!+
47 “Yeha nina, ngokuba nakha amangcwaba enkumbulo abaprofeti, ukanti babulawa ngookhokho benu!+ 48 Ngokuqinisekileyo ningamangqina ezenzo zookhokho benu ukanti niyavumelana+ nabo, kuba bona bababulala+ abaprofeti kodwa nina nakha amangcwaba abo. 49 Kungenxa yoko le nto ubulumko+ bukaThixo bukwathi, ‘Ndiza kuthumela kubo abaprofeti nabapostile, yaye bambi kubo baya kubabulala baze babatshutshise, 50 khon’ ukuze igazi labo bonke abaprofeti+ elaphalazwayo ukususela ekusekweni kwehlabathi lifunwe kwesi sizukulwana,+ 51 ukususela kwigazi lika-Abheli+ kude kuse kwigazi likaZekariya,+ owabulawelwa phakathi kwesibingelelo nendlu.’+ Ewe, ndithi kuni, liya kufunwa kwesi sizukulwana.
52 “Yeha nina niwaziyo uMthetho, ngokuba nasithabatha isitshixo solwazi;+ nina ngokwenu aningenanga, nabo babengena nabathintela!”+
53 Ngoko ekuphumeni kwakhe apho ababhali nabaFarisi bamxina kanobom bemmele ngemibuzo emininzi, 54 bemlalele,+ ukuze bambambe+ ngentetho yakhe.