KwabaseRoma
12 Ngoko ke, ngenxa yokuba uThixo enenceba, ndiyanicela bazalwana ukuba ninikele ngemizimba yenu+ ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele+ naza kuyamkela uThixo. Ngaloo ndlela niza kuba nikhonza uThixo nisebenzisa ingqondo.+ 2 Yekani ukulinganisa izinto zeli hlabathi, kodwa guqukani ngokutshintsha indlela enicinga ngayo,+ ukuze nizibonele ngokwenu+ ukuthanda kukaThixo afuna sikwenze, okulungileyo, okwamkelekileyo kuye nokugqibeleleyo.
3 Ngenxa yobubele uThixo* andenzele bona, ndithi kuni ngamnye wenu makangazicingeli kakhulu,+ kodwa makacinge ngendlela ebonisa ukuba uyisebenzisa kakuhle ingqondo, kuba nguThixo oncede ngamnye wenu wanokholo.+ 4 Ekubeni umzimba omnye unamalungu amaninzi,+ kodwa abe engenzi msebenzi ufanayo, 5 nathi ke, nangona sibaninzi, singumzimba omnye omanyene noKristu, kodwa lungu ngalinye lixhomekeke kwelinye.+ 6 Ngobubele bakhe,*+ uThixo akasinikanga iziphiwo ezifanayo, ngoko ukuba umntu unesiphiwo sokuprofeta, makaprofete ngokokholo lwakhe; 7 onesiphiwo sokunceda abanye, makabancede; onesiphiwo sokufundisa, makafundise;+ 8 onesiphiwo sokukhuthaza* abanye, makabakhuthaze;+ onesiphiwo sokwaba, makayenze loo nto engavimbi;+ onesiphiwo sokukhokela, makayikhuthalele loo nto;+ onesiphiwo sokuba nenceba, makayenze loo nto ngentliziyo yakhe yonke.+
9 Thandanani ngokusuka entliziyweni.*+ Kwenyanyeni ukwenza izinto ezimbi,+ nizimisele ukwenza izinto ezilungileyo. 10 Thandanani ngendlela abathandana ngayo abantu abazalwa kunye. Mntu ngamnye makabe ngowokuqala ukuhlonipha omnye.+ 11 Khuthalani, ningabi ngamavila.+ Wuvumeleni umoya oyingcwele unenze nitshiseke.+ Yibani ngamakhoboka kaYehova.*+ 12 Vuyani ngenxa yokuba ninethemba. Nyamezelani xa nisebunzimeni.+ Hlalani nithandaza.+ 13 Bancedeni ngezinto abazidingayo abo bangcwele.+ Hlalani nibenzela ububele abanye abantu.+ 14 Qhubekani nimcela uThixo abasikelele abo banitshutshisayo;+ sikelelani, ningaqalekisi.+ 15 Vuyani nabantu abavuyayo, nize nilile nabantu abalilayo. 16 Bajongeni ngendlela enizijonga ngayo abanye abantu, sanukuleqa izinto eziphezulu, kodwa thandani izinto eziphantsi.+ Sanukuzibona nizizilumko.+
17 Sanukuphindisa ububi ngobubi nakubani na.+ Yenzani izinto ezintle emehlweni abantu bonke. 18 Zamani kangangoko ninako ukuba seluxolweni nabantu bonke.+ 19 Sanukuziphindezela, bazalwana bam, kodwa yekani ibe nguThixo oba nomsindo,+ kuba kubhaliwe kwathiwa: Uthi uYehova,* “Ndim ophindisayo, ndim obuyekezayo.”+ 20 Kodwa “ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya; ukuba lunxaniwe, lunike into yokusela; kuba xa usenza loo nto uya kuba ufumba amalahle avuthayo phezu kwentloko yalo.”*+ 21 Sukuzivumela woyiswe bububi, kodwa hlala uboyisa ububi ngokwenza izinto ezilungileyo.+