Kubalisa UMateyu
13 Ngaloo mini, uYesu wemka endlini waya kuhlala ngaselwandle. 2 Kwafika abantu abaninzi apho, ngoko wakhwela isikhephe waza wahlala phantsi, ngoxa abo bantu bemi elunxwemeni.+ 3 Emva koko, wabafundisa esebenzisa imizekelo+ emininzi, esithi: “Kukho umntu owahamba wayokuhlwayela.*+ 4 Njengoko wayehlwayela, enye imbewu yawela ecaleni kwendlela, kweza iintaka zayitya.+ 5 Enye yawela endaweni enamatye apho kwakungekho mhlaba mninzi, yaza yakhawuleza yantshula kuba umhlaba wawungekho nzulu.+ 6 Kodwa kuthe kwakuphuma ilanga, yatsha yaza yabuna kuba ingenazingcambu. 7 Enye yawela phakathi kwameva, akhula ameva aza ayiminxa.+ 8 Enye yona, yawela kumhlaba otyebileyo yaza yavelisa iziqhamo; enye yavelisa ngokuphindwe kayi-100, enye kayi-60, nenye kayi-30.+ 9 Lowo uneendlebe makamamele.”+
10 Ngoko abafundi bakhe beza kuye, bathi: “Kutheni usebenzisa imizekelo xa ufundisa aba bantu?”+ 11 UYesu wathi: “Nina nincediwe nacacelwa ziimfihlo ezingcwele+ ezingoBukumkani bamazulu, kodwa bona abancedwanga. 12 Kuba nabani na onento, uza kunikwa ngakumbi aze abe nezinto ezininzi ngakumbi; kodwa nabani na ongenanto, naleyo anayo iza kuthathwa.+ 13 Yiloo nto ndisenza imizekelo xa ndibafundisa; kuba bajongile kodwa ababoni, bamamele kodwa abeva, bengayiqondi neyona nto ndiyithethayo.+ 14 Yenzeka kubo into eyaprofetwa nguIsaya, esithi, ‘Ngokuqinisekileyo niza kuva, kodwa anizukuyiqonda loo nto niyivayo, ibe niza kujonga, kodwa akukho kwanto niza kuyibona.+ 15 Kuba iintliziyo zaba bantu zilukhuni, bazivalile iindlebe, bawavalile namehlo ukuze bangaze babone ngamehlo, bangaze beve nangeendlebe, ukuze neentliziyo zabo zingacacelwa yeyona nto ndiyithethayo, ziguquke, ndize ndibaphilise.’+
16 “Kodwa ke, nina nonwabile kuba amehlo enu ayabona, neendlebe zenu ziyeva.+ 17 Kuba ndiyaniqinisekisa ukuba, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa ababengathanda ukubona izinto enizibonayo,+ kodwa abazibona, nokuva izinto enizivayo, kodwa abaziva.
18 “Ngoku mamelani lo mzekelo womntu owahlwayelayo.+ 19 Imbewu ehlwayelwe ecaleni kwendlela, nguye nabani na ova ngoBukumkani kodwa angacacelwa, kuze kufike uSathana*+ ayoxuthe loo nto ibihlwayelwe entliziyweni yakhe.+ 20 Yona ke imbewu ehlwayelwe kwindawo enamatye, ngulowo ulivayo ilizwi, aze alamkele evuya,+ 21 kodwa abe engenazingcambu, ibe uyaqhubeka okwexeshana, kuze kuthi xa kuvela ingxaki okanye intshutshiso, akhubeke ngoko nangoko aze awe. 22 Imbewu ehlwayelwe phakathi kwameva, ngumntu olivayo ilizwi, kodwa liminxwe ngamaxhala eli hlabathi*+ nokuqhathwa kukunqwenela ubutyebi, aze loo mntu angavelisi siqhamo.+ 23 Imbewu ehlwayelwe emhlabeni otyebileyo, ngulowo ulivayo ilizwi, acacelwe lilo, aze avelise isiqhamo, omnye avelise ngokuphindwe kayi-100, omnye kayi-60, nomnye kayi-30.”+
24 Wabenzela omnye umzekelo, esithi: “UBukumkani bamazulu bunokufaniswa nomntu owatyala imbewu entle entsimini yakhe. 25 Kwathi xa abantu belele, kwafika utshaba lwakhe lwatyala ukhula phakathi kwengqolowa, lwaza lwemka. 26 Ithe yakudubula ingqolowa, iqala ukuba neenkozo, lwavela nokhula. 27 Amakhoboka omninimzi eza kuye, athi, ‘Nkosi, ubungatyalanga mbewu intle na entsimini yakho? Kwenzeka njani ke ukuba kuntshule ukhula?’ 28 Yathi kuwo, ‘Lutshaba olwenze le nto.’+ Amakhoboka aphendula athi, ‘Uyafuna na siyokuluqokelela?’ 29 Yathi kuwo, ‘Hayi, kuba kungenzeka nithi xa niqokelela ukhula, nincothule nengqolowa. 30 Ziyekeni zikhule kunye de kube lixesha lokuvuna. Ndiza kuthi kubavuni: Qalani niqokelele ukhula nilubophe lube zizithungu nize nilutshise; emva koko niqokelelele ingqolowa kuvimba wam.’”+
31 Wabenzela omnye umzekelo, esithi: “UBukumkani bamazulu bunjengokhozo lwemostade olwathathwa ngumntu, walutyala entsimini yakhe.+ 32 Olo khozo lolona luncinci kuzo zonke iimbewu, kodwa lukhula lube lukhulu kunayo yonke imifuno, lube ngumthi omkhulu, kuze kufike iintaka zakhele kumasebe awo.”
33 Wabenzela omnye umzekelo, esithi: “UBukumkani bamazulu bufana negwele elixovelwe ngumfazi kumgubo omninzi,* laza layinyusa yonke intlama.”+
34 UYesu wabafundisa ngemizekelo bonke aba bantu. Akukho nto wayeyithetha kubo engasebenzisi mizekelo,+ 35 ukuze yenzeke into eyathethwa ngumprofeti, esithi: “Ndiza kufundisa ngemizekelo, ndinazise izinto ezazifihlakele ukususela ekuqaleni.”*+
36 Emva kokuba uYesu ebakhulule abo bantu waya endlini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi: “Sicacisele ukuba uthetha ukuthini umzekelo wokhula entsimini.” 37 Wathi: “Umhlwayeli wembewu entle nguNyana womntu; 38 intsimi lihlabathi.+ Yona ke imbewu entle ngoonyana boBukumkani, kodwa ukhula ngoonyana bakaSathana,*+ 39 kwaye utshaba olwalutyalayo nguMtyholi. Ukuvuna kukupheliswa kweli hlabathi,* yaye abavuni ziingelosi. 40 Ngoko ke, kanye njengokuba ukhula luqokelelwa luze lutshiswe, kuza kuba njalo xa kupheliswa eli hlabathi.*+ 41 UNyana womntu uza kuthumela iingelosi zakhe ukuba zisuse zonke izinto ezenza abantu bone, zisuse nabantu abahlala besophula umthetho woBukumkani, 42 zibaphose ezikweni lomlilo.+ Apho baza kukhala bengcungcutheka.* 43 Ngelo xesha, amalungisa aza kuqaqamba njengelanga+ kuBukumkani bukaTata wawo. Lowo uneendlebe makamamele.
44 “UBukumkani bamazulu bunjengobutyebi obufihlwe emhlabeni, baza bafunyanwa ngumntu, waphinda wabufihla kwalapho; loo mntu uvuya kangangokuba uyahamba ayokuthengisa yonke into anayo aze awuthenge loo mhlaba.+
45 “Kwakhona, uBukumkani bamazulu bunjengosomashishini ohambahambayo efuna iiperile ezintle. 46 Wathi esakufumana iperile enye exabiseke kakhulu, wahamba, wakhawuleza wathengisa yonke into anayo, wayithenga loo perile.+
47 “Kwakhona uBukumkani bamazulu bufana nomnatha orhuqwayo, owathotywa elwandle waza waqokelela zonke iintlobo zeentlanzi. 48 Wathi wakugcwala bawutsalela elunxwemeni, baza bahlala phantsi, ezintle+ bazifaka ezityeni, kodwa ezingafanelekanga+ bazilahla. 49 Kuza kuba njalo xa kupheliswa eli hlabathi.* Iingelosi ziza kuza zize zahlule abenzi-bubi kumalungisa, 50 zibaphose ezikweni lomlilo. Apho baza kukhala bengcungcutheka.*
51 “Nicacelwe na zezi zinto?” Bathi kuye: “Ewe.” 52 Emva koko wathi kubo: “Xa kunjalo ke, wonke umntu ofundisa abantu xa efundiswe ngoBukumkani bamazulu ufana nomninimzi oza nezinto ezintsha nezindala ezikwindawo yokugcina ubutyebi bakhe.”
53 Akuba uYesu egqibile ukufundisa ngale mizekelo, wemka kuloo ndawo. 54 Emva kokuba efike kummandla wakowabo,+ waya kufundisa abantu kwindlu abakhonzela kuyo.* Bamangaliswa kangangokuba bathi: “Le ndoda ibufumene phi obu bulumko bungaka namandla okwenza imimangaliso emikhulu kangaka?+ 55 Ayingonyana womchweli na lo?+ AyingoMariya na umama wakhe? Khona, abantakwabo ayingoYakobi noYosefu noSimon noYudas?+ 56 Ayingabo na aba bakunye nathi oodadewabo? Ke ngoku, ukwazela phi ukwenza zonke ezi zinto?”+ 57 Ngoko bacaphuka.+ Kodwa uYesu wathi kubo: “Umprofeti uphathwa ngembeko kuyo yonke indawo, ngaphandle kwakummandla wakowabo nakwikhaya lakhe.”+ 58 Akazange enze mimangaliso mininzi apho, ngenxa yokungabi nalukholo kwabo.