א [ʼAʹleph]
119 Banoyolo abo bandlela yabo ingenasiphoso,+
Abo bahamba emthethweni kaYehova.+
2 Banoyolo abo bagcina izikhumbuzo zakhe;+
Bamfune ngentliziyo yonke.+
3 Ngokwenene abaqheliseli ntswela-bulungisa.+
Bahambe ngeendlela zakhe.+
4 Wena ngokuyalelayo unikele imiyalelo yakho+
Ukuba igcinwe ngenyameko.+
5 Owu akwaba iindlela zam bezimiselwe ngokuqinileyo+
Ukugcina imimiselo yakho!+
6 Ngoko ke bendingayi kuba nazintloni,+
Xa ndikhangela kuyo yonke imiyalelo yakho.+
7 Ndiya kukubonga ngentliziyo ethe tye,+
Ekuzifundeni kwam izigwebo zakho zobulungisa.+
8 Ndiyaqhubeka ndiyigcina imimiselo yakho.+
Owu musa ukundishiya ngokupheleleyo.+
ב [Behth]
9 Umfana+ uya kuwuhlambulula njani na umendo wakhe?
Ngokuzilinda ngokwelizwi lakho.+
10 Ndikufune ngentliziyo yam iphela.+
Musa ukundibangela ndihambe ndibhadula emiyalelweni yakho.+
11 Ndiligcine entliziyweni yam ilizwi lakho,+
Ukuze ndingakoni.+
12 Ungowokubongwa wena, Yehova.
Ndifundise imimiselo yakho.+
13 Ngemilebe yam ndizivakalisile+
Zonke izigwebo zomlomo wakho.+
14 Endleleni yezikhumbuzo zakho ndiye ndagcoba,+
Kanye njengakuzo zonke izinto zexabiso.+
15 Ndiza kuzixhalabisa ngemiyalelo yakho,+
Kwaye ndiza kukhangela umendo wakho.+
16 Ndiya kubonisa ukuyithanda imimiselo yakho.+
Andiyi kulilibala ilizwi lakho.+
ג [Giʹmel]
17 Yenza ngokufanelekileyo kumkhonzi wakho, ukuze ndiphile+
Nokuze ndigcine ilizwi lakho.+
18 Vula amehlo am, ukuze ndikhangele+
Kwizinto ezimangalisayo ezisemthethweni wakho.+
19 Ndingumphambukeli elizweni.+
Musa ukuyifihla kum imiyalelo yakho.+
20 Umphefumlo wam utyumkile ngokulangazelela+
Izigwebo zakho ngalo lonke ixesha.+
21 Ubakhalimele abo bakhukhumeleyo abaqalekisiweyo,+
Abashenxayo emiyalelweni yakho.+
22 Susa kum ungcikivo nokudelwa,+
Kuba ndizigcinile izikhumbuzo zakho.+
23 Kwaneenkosana zihleli; zathetha omnye komnye ngam.+
Yena ke umkhonzi wakho, uzixhalabisa ngemimiselo yakho.+
24 Ndiyazithanda izikhumbuzo zakho,+
Njengamadoda ecebo lam.+
ד [Daʹleth]
25 Umphefumlo wam ubunamathele eluthulini.+
Ndigcine ndiphila ngokwelizwi lakho.+
26 Ndivakalise iindlela zam, ukuze undiphendule.+
Ndifundise imimiselo yakho.+
27 Ndiqondise indlela yemiyalelo yakho,+
Ukuze ndizixhalabise ngemisebenzi yakho emangalisayo.+
28 Umphefumlo wam ubungalali ngenxa yentlungu.+
Ndivuse ngokwelizwi lakho.+
29 Shenxisa kum indlela yobuxoki,+
Uze undibabale ngomthetho wakho.+
30 Ndinyule indlela yokuthembeka.+
Izigwebo zakho ndizigqale njengezifanelekileyo.+
31 Ndinamathele kwizikhumbuzo zakho.+
Owu Yehova, ungandenzi ndihlazeke.+
32 Ndiya kubaleka ngendlela yemiyalelo yakho,+
Ngenxa yokuba uyenze yabanzi intliziyo yam.+
ה [Heʼ]
33 Ndiyalele, Yehova, endleleni yemimiselo yakho,+
Ukuze ndiyigcine kude kuse ekupheleni.+
34 Ndiqondise, ukuze ndigcine umthetho wakho+
Nokuze ndiwugcine ngentliziyo iphela.+
35 Ndinyathelise kuwo umendo wemiyalelo yakho,+
Kuba ndiyayoliswa nguwo.+
36 Intliziyo yam yithobele kwizikhumbuzo zakho,+
Kungekhona kwingeniso.+
37 Dlulisa amehlo am angaboni oko kungento yanto;+
Ndigcine ndiphila ngokwendlela yakho.+
38 Phumeza kumkhonzi wakho ilizwi lakho+
Elo likhokelela ekubeni akoyike.+
39 Dlulisa ungcikivo lwam, endiloyikayo,+
Kuba izigwebo zakho zilungile.+
40 Khangela! Ndiyilangazelele imiyalelo yakho.+
Ndigcine ndiphila ngobulungisa bakho.+
ו [Waw]
41 Ngamana ububele bakho bothando bungeza kum, Yehova,+
Usindiso lwakho ngokwelizwi lakho,+
42 Ukuze ndimphendule ngelizwi lowo undingcikivayo,+
Kuba ndikholose ngelizwi lakho.+
43 Kwaye musa ukulisusa emlonyeni wam ngokupheleleyo ilizwi lenyaniso,+
Kuba ndilindele izigwebo zakho.+
44 Ndiza kuwugcina rhoqo umthetho wakho,+
Ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe ngonaphakade.+
45 Ndiza kuhambahamba kwindawo ebanzi,+
Kuba ndiyifunile imiyalelo yakho.+
46 Ndiza kuthetha ngezikhumbuzo zakho phambi kookumkani,+
Andiyi kuba nazintloni.+
47 Ndiya kubonisa ukuyithanda imiyalelo yakho+
Leyo ndiyithandayo.+
48 Ndiya kuyiphakamisela izandla zam imiyalelo yakho endiyithandayo,+
Kwaye ndiza kuzixhalabisa ngemimiselo yakho.+
ז [Zaʹyin]
49 Khumbula ilizwi kumkhonzi wakho,+
Elo undenze ndalilindela.+
50 Yiyo le intuthuzelo yam kwinkxwaleko endikuyo,+
Kuba ilizwi lakho lindigcine ndiphila.+
51 Abakhukhumeleyo baye bandigculela ngokugqithileyo.+
Andiphambukanga emthethweni wakho.+
52 Ndizikhumbule izigwebo zakho ukususela kwixesha elingenammiselo, Yehova,+
Yaye ndizifumanela intuthuzelo.+
53 Ndibanjwe kukuvutha ngumsindo ngenxa yabangendawo,+
Abawushiyayo umthetho wakho.+
54 Imimiselo yakho iye yaba luncuthu lweengoma kum+
Endlwini yokuhlala kwam njengomphambukeli.+
55 Ebusuku ndilikhumbule igama lakho, Yehova,+
Ukuze ndigcine umthetho wakho.+
56 Nako oku kuye kwaba kokwam,
Ngenxa yokuba ndiyigcinile imiyalelo yakho.+
ח [Chehth]
57 UYehova sisabelo sam;+
Ndithembise ukuwagcina amazwi akho.+
58 Ndikubongozile ngayo yonke intliziyo yam.+
Ndibabale ngokwelizwi lakho.+
59 Ndiziqwalasele iindlela zam,+
Ukuze ndibe nokubuyisela iinyawo zam kwizikhumbuzo zakho.+
60 Ndikhawulezile, andalibazisa+
Ukugcina imiyalelo yakho.+
61 Zona kanye iintsontelo zabangendawo zindingqongile.+
Umthetho wakho andiwulibalanga.+
62 Ezinzulwini zobusuku ndiyavuka ndibulele kuwe+
Ngenxa yezigwebo zakho zobulungisa.+
63 Ndiliqabane labo bonke abo bakoyikayo,+
Nelabo bagcina imiyalelo yakho.+
64 Ububele bakho bothando, Yehova, buzalise umhlaba.+
Ndifundise imimiselo yakho.+
ט [Tehth]
65 Eneneni uqhubene kakuhle nomkhonzi wakho,+
Yehova, ngokwelizwi lakho.+
66 Ndifundise ukulunga,+ ingqiqo+ nokwazi,+
Kuba ndibonise ukholo kwimiyalelo yakho.+
67 Phambi kokuba ndixhwaleke ndandisona ngempazamo,+
Kodwa ngoku ndigcine ilizwi lakho.+
68 Ulungile yaye wenza okulungileyo.+
Ndifundise imiyalelo yakho.+
69 Abakhukhumeleyo bandidyobhe ngobuxoki.+
Mna ke, ndiya kuyigcina imiyalelo yakho ngentliziyo yam yonke.+
70 Intliziyo yabo ayinamvakalelo kanye njengamanqatha.+
Mna ke ndiwuthandile umthetho wakho.+
71 Kundilungele okokuba ndiye ndaxhwaleka,+
Ukuze ndifunde imimiselo yakho.+
72 Ulungile kum umthetho+ womlomo wakho,+
Ulunge ngakumbi kunamawaka amaqhosha egolide nesilivere.+
י [Yohdh]
73 Izandla zakho zindenzile, zandilungisa ngokuqinileyo.+
Ndiqondise, ukuze ndifunde imiyalelo yakho.+
74 Abo bakoyikayo ngabo abaya kundibona baze babe nemihlali,+
Kuba ndilindele ilizwi lakho.+
75 Ndazi kakuhle, Yehova, ukuba izigwebo zakho zibubulungisa+
Nokuba undixhwalekise ngokuthembeka.+
76 Ngamana ububele bakho bothando, bunganceda bunithuthuzele,+
Ngokwelizwi lakho kumkhonzi wakho.+
77 Iinceba zakho mazize kum, ukuze ndiqhubeke ndiphila;+
Kuba ndiyawuthanda umthetho wakho.+
78 Abakhukhumeleyo mababe neentloni, kuba baye bandilahlekisa ngaphandle kwesizathu.+
Mna ke, ndizixhalabisa ngemiyalelo yakho.+
79 Abo bakoyikayo mababuyele kum,+
Nabo bazaziyo izikhumbuzo zakho.+
80 Intliziyo yam mayingqineke ingenasiphoso kwimimiselo yakho,+
Ukuze ndingabi neentloni.+
כ [Kaph]
81 Umphefumlo wam ulangazelela usindiso lwakho;+
Ndilindele ilizwi lakho.+
82 Amehlo am alangazelela ilizwi lakho,+
Ngoxa ndisithi: “Uya kundithuthuzela nini na?”+
83 Kuba ndiye ndanjengentsuba+ emsini.
Imimiselo yakho andiyilibalanga.+
84 Zingaphi na iintsuku zomkhonzi wakho?+
Uya kuwuphumeza nini na umgwebo kwabo banditshutshisayo?+
85 Abakhukhumeleyo bandimbele imigibe ukuze bandifumane,+
Abo bangavumelaniyo nomthetho wakho.+
86 Yonke imiyalelo yakho ikukuthembeka.+
Banditshutshisile ngaphandle kwesizathu. Khawundincede.+
87 Ngethuba elincinane ngebenditshabalalisile emhlabeni;+
Kodwa mna andiyishiyanga imiyalelo yakho.+
88 Ngokobubele bakho bothando ndigcine ndiphila,+
Ukuze ndigcine isikhumbuzo somlomo wakho.+
ל [Laʹmedh]
89 Ukusa kwixesha elingenammiselo, Yehova,+
Ilizwi lakho limile emazulwini.+
90 Ukuthembeka kwakho kukwizizukulwana ngezizukulwana.+
Uwuzinzise ngokuqinileyo umhlaba, ukuze uqhubeke umile.+
91 Ngokwezigwebo zakho ezo zinto zimile kude kube namhlanje,+
Kuba zonke zingabakhonzi bakho.+
92 Ukuba bendingawuthandi umthetho wakho,+
Ngoko ngenditshabalele kwinkxwaleko yam.+
93 Andiyi kuyilibala imiyalelo yakho kude kuse kwixesha elingenammiselo,+
Ngenxa yokuba undigcine ndiphila ngayo.+
94 Ndingowakho, khawundisindise,+
Ngenxa yokuba ndiyifunile imiyalelo yakho.+
95 Abangendawo bandilindele, ukuze banditshabalalise.+
Ndiyaqhubeka ndinikela ingqalelo kwizikhumbuzo zakho.+
96 Ndisibonile isiphelo sako konke ukugqibelela.+
Umyalelo wakho ubanzi kakhulu.
מ [Mem]
97 Hayi indlela endiwuthanda ngayo umthetho wakho!+
Imini le yonke ndiwuxhalabele.+
98 Umyalelo wakho undenza ndilumke ngakumbi kuneentshaba zam,+
Ngenxa yokuba ngowam ukusa kwixesha elingenammiselo.+
99 Ndiye ndaba nengqiqo ngakumbi kunabafundisi bam bonke,+
Ngenxa yokuba ndixhalabele izikhumbuzo zakho.+
100 Ndiziphatha ngokuqonda ngakumbi kunamadoda amakhulu,+
Ngenxa yokuba ndiyigcinile imiyalelo yakho.+
101 Ndizithintele iinyawo zam kuwo wonke umendo wobubi,+
Ngenjongo yokuba ndigcine ilizwi lakho.+
102 Andiphambukanga kwizigwebo zakho,+
Kuba wena undiyalele.+
103 Hayi indlela agude ngayo amazwi akho enkalakahleni yam,
Agude ngakumbi kunobusi emlonyeni wam!+
104 Ngenxa yemiyalelo yakho ndiziphatha ngokuqonda.+
Kungenxa yoko le nto ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki.+
נ [Nun]
105 Ilizwi lakho lisisibane elunyaweni lwam,+
Nokukhanya endleleni yam.+
106 Ndenze isifungo, yaye ndiza kusigcina,+
Ukuba ndigcine izigwebo zakho zobulungisa.+
107 Ndixhwaleke ngokomkhamo omkhulu.+
Owu Yehova, ndigcine ndiphila ngokwelizwi lakho.+
108 Nceda uyoliswe yiminikelo yokuzithandela yomlomo wam, Yehova,+
Uze undifundise izigwebo zakho.+
109 Umphefumlo wam usentendeni yam rhoqo;+
Kodwa umthetho wakho andiwulibalanga.+
110 Abangendawo bandibekele isibatha,+
Kodwa andibhadulanga emiyalelweni yakho.+
111 Ndizidle ilifa izikhumbuzo zakho ukusa kwixesha elingenammiselo,+
Kuba zikukugcoba kwentliziyo yam.+
112 Intliziyo yam ndiyithobele ekwenzeni imimiselo yakho+
Ukusa kwixesha elingenammiselo, kude kuse ekupheleni.+
ס [Saʹmekh]
113 Abantliziyo imbaxa ndibathiyile,+
Kodwa umthetho wakho ndiwuthandile.+
114 Uyindawo yam yokuzifihla nekhaka lam.+
Ndilindele ilizwi lakho.+
115 Mkani kum, nina benzi-bubi,+
Ukuze ndigcine imiyalelo kaThixo wam.+
116 Ndixhase ngokwelizwi lakho, ukuze ndiqhubeke ndiphila,+
Ungandihlazisi ngethemba lam.+
117 Ndixhase, ukuze ndisindiswe,+
Yaye ndiya kondela imimiselo yakho rhoqo.+
118 Ubalahlile bonke abo balahlekayo emimiselweni yakho;+
Kuba inkohliso yabo ibubuxoki.+
119 Ubaphelisile bonke abangendawo bomhlaba njengentlenge.+
Ngoko ke ndizithandile izikhumbuzo zakho.+
120 Inyama yam iye yankwantya ngokunkwantyiswa kuwe;+
Nangenxa yezigwebo zakho ndiye ndoyika.+
ע [ʽAʹyin]
121 Ndiphumeze umgwebo nobulungisa.+
Musa ukundinikela kwabo bandiqhathayo!+
122 Yiba ngummeli womkhonzi wakho ngenxa yokulungileyo.+
Ngamana abakhukhumeleyo bangangandiqhathi.+
123 Wona kanye amehlo am alangazelela usindiso lwakho+
Nelizwi lakho lobulungisa.+
124 Yenza kumkhonzi wakho ngokobubele bakho bothando,+
Undifundise imimiselo yakho.+
125 Ndingumkhonzi wakho.+ Ndiqondise,+
Ukuze ndizazi izikhumbuzo zakho.+
126 Lixesha lokuba uYehova asebenze.+
Bawaphule umthetho wakho.+
127 Kungenxa yoko le nto ndiyithandile imiyalelo yakho+
Ngaphezu kwegolide, ewe, igolide esulungekisiweyo.+
128 Kungenxa yoko le nto ndiyigqale njengelungileyo yonke imiyalelo yazo zonke izinto;+
Wonke umendo wobuxoki ndiwuthiyile.+
פ [Peʼ]
129 Izikhumbuzo zakho ziyamangalisa.+
Kungenxa yoko le nto umphefumlo wam uzigcinile.+
130 Kona kanye ukutyhila kwamazwi akho kunika ukukhanya,+
Kuqondisa abangenamava.+
131 Ndiwuvule wabanzi umlomo wam, ukuze ndikhefuzele,+
Ngenxa yokuba ndiyilangazelele imiyalelo yakho.+
132 Jikela kum, undibabale,+
Ngokwesigwebo sakho kwabo bathanda igama lakho.+
133 Wazinzise ngokuqinileyo amanyathelo am elizwini lakho,+
Yaye ngamana ndingangalawulwa lulo naluphi na uhlobo lwento eyenzakalisayo.+
134 Ndikhulule kuye nabani na oqhathayo woluntu,+
Kwaye ndiza kuzigcina imimiselo yakho.+
135 Khanyisa ubuso bakho kumkhonzi wakho,+
Undifundise imimiselo yakho.+
136 Kuhla imisinga yamanzi emehlweni am+
Ngenxa yokuba abawugcinanga umthetho wakho.+
צ [Tsa·dhehʹ]
137 Ulilungisa, Yehova,+
Nezigwebo zakho zithe tye.+
138 Uyalele izikhumbuzo zakho+ ngobulungisa
Nangokuthembeka okugqithiseleyo.+
139 Ikhwele lam lindigqibile,+
Ngenxa yokuba iintshaba zam ziwalibele amazwi akho.+
140 Ilizwi lakho lisulungekisiwe kakhulu,+
Yaye umkhonzi wakho uyalithanda.+
141 Andibalulekanga yaye ndidelekile.+
Imiyalelo yakho andiyilibalanga.+
142 Ubulungisa bakho bubulungisa ukusa kwixesha elingenammiselo,+
Nomthetho wakho uyinyaniso.+
143 Ukubandezeleka nobunzima bandifumana.+
Imiyalelo yakho ndayithanda.+
144 Ubulungisa bezikhumbuzo zakho bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.+Ndiqondise, ukuze ndiqhubeke ndiphila.+
ק [Qohph]
145 Ndibize ngentliziyo yam iphela.+ Ndiphendule, Yehova.+
Imimiselo yakho ndiza kuyigcina.+
146 Ndibize kuwe. Khawundisindise!+
Yaye ndiza kuzigcina izikhumbuzo zakho.+
147 Ndivuke kwangoko ekuzeni kokusa,+ ukuze ndikhalele uncedo.+
Ndilindele amazwi akho.+
148 Amehlo am ayandulele imilindo yasebusuku,+
Ukuze ndizixhalabise ngelizwi lakho.+
149 Live ilizwi lam ngokobubele bakho bothando.+
Owu Yehova, ndigcine ndiphila ngokwesigwebo sakho.+
150 Abo basukela ihambo evakalala+ basondele;
Bashenxele kude emthethweni wakho.+
151 Ukufuphi, Yehova,+
Yaye yonke imiyalelo yakho iyinyaniso.+
152 Kwakudala bendizazi ezinye zezikhumbuzo zakho,+
Kuba waziseka kwixesha elingenammiselo.+
ר [Rehsh]
153 Khawubone inkxwaleko yam, undihlangule;+
Kuba andiwulibalanga umthetho wakho.+
154 Khawuchophele ityala lam uze undihlangule;+
Ndigcine ndiphila ngokuvumelana nelizwi lakho.+
155 Usindiso lukude kwabo bangendawo,+
Kuba abayifunanga imimiselo yakho.+
156 Zininzi iinceba zakho, Yehova.+
Ngokwezigwebo zakho, ndigcine ndiphila.+
157 Baninzi abatshutshisi bam neentshaba zam.+
Andiphambukanga kwizikhumbuzo zakho.+
158 Ndibabonile abo benza ngobuqhophololo,+
Yaye ndiziva ndizothekile, ngenxa yokuba abaligcinanga ilizwi lakho.+
159 Khawubone ukuba ndiyithandile imiyalelo yakho.+
Owu Yehova, ndigcine ndiphila ngokobubele bakho bothando.+
160 Lonke ilizwi lakho liyinyaniso,+
Nazo zonke izigwebo zakho zikho ukusa kwixesha elingenammiselo.+
ש [Sin] okanye [Shin]
161 Iinkosana zinditshutshisile ngaphandle kwesizathu,+
Kodwa intliziyo yam inkwantyiswa ngamazwi akho.+
162 Ndiyagcoba ngelizwi lakho+
Kanye njengoko ubani esenjenjalo akufumana amaxhoba amaninzi.+
163 Ndibuthiyile ubuxoki,+ yaye ndiyaqhubeka ndibucekisa.+
Umthetho wakho ndiwuthandile.+
164 Ndikudumise izihlandlo ezisixhenxe ngosuku+
Ngenxa yezigwebo zakho zobulungisa.+
165 Uxolo oluninzi lolwabo bathanda umthetho wakho,+
Yaye kubo akukho mqobo usisikhubekiso.+
166 Ndithembe usindiso lwakho, Yehova,+
Ndiyenzile imiyalelo yakho.+
167 Umphefumlo wam uzigcinile izikhumbuzo zakho,+
Kwaye ndizithanda ngokugqithiseleyo.+
168 Ndiyigcinile imiyalelo yakho nezikhumbuzo zakho,+
Kuba zonke iindlela zam ziphambi kwakho.+
ת [Taw]
169 Ngamana isikhalo sam sokubongoza singasondela phambi kwakho, Yehova.+
Ngokwelizwi lakho, khawundiqondise.+
170 Ngamana ukucela kwam ubabalo kungangena phambi kwakho.+
Ngokwelizwi lakho, khawundihlangule.+
171 Ngamana imilebe yam ingampompoza indumiso,+
Kuba undifundisa imimiselo yakho.+
172 Ngamana ulwimi lwam lungavuma ilizwi lakho,+
Kuba yonke imiyalelo yakho ibubulungisa.+
173 Ngamana isandla sakho singandinceda,+
Ngenxa yokuba ndinyule imiyalelo yakho.+
174 Ndilangazelele usindiso lwakho, Yehova,+
Nomthetho wakho ndiyawuthanda.+
175 Ngamana umphefumlo wam ungaqhubeka uphila yaye ukudumisa,+
Kwaye ngamana izigwebo zakho zingandinceda.+
176 Ndiye ndabhadula njengemvu elahlekileyo.+ Khawumkhangele umkhonzi wakho,+
Kuba andiyilibalanga imiyalelo yakho.+