Kubalisa uLuka
22 Ngoku kwakusondela+ iTheko Lezonka Ezingenagwele, ekuthiwa yiPasika.+ 2 Yaye ababingeleli abaziintloko nababhali babefuna indlela echuliweyo yokubulala uYesu,+ kuba babesoyika abantu.+ 3 UYudas, lowo wayebizwa ngokuba nguSkariyoti, engomnye wabapostile abayi-12,+ wangenwa nguSathana, 4 wayokuthetha nababingeleli abaziintloko nabaphathi betempile ngeyona ndlela yokumbamba.+ 5 Bavuya kakhulu baza bathembisa ukumnika imali yesilivere.+ 6 Ngoko wavuma, waza wakhangela ithuba elihle lokujikela uYesu kungekho bantu baninzi.
7 Kwafika usuku lokuqala lweTheko Lezonka Ezingenagwele, usuku ekwakuza kunikelwa ngalo umbingelelo wePasika;+ 8 ngoko uYesu wathumela uPetros noYohane, esithi: “Hambani niyokusilungiselela iPasika esiza kuyitya.”+ 9 Bathi kuye: “Ufuna siyilungiselele phi?” 10 Wathi kubo: “Xa ningena esixekweni, niza kudibana nendoda ethwele ingqayi yamanzi. Yilandeleni, niyokungena kuloo ndlu ingena kuyo.+ 11 Nize nithi kumnikazi wendlu, ‘UMfundisi uthi: “Liphi igumbi leendwendwe endinokutyela kulo iPasika nabafundi bam?”’ 12 Loo ndoda iza kunibonisa igumbi elikhulu eliphezulu, elinayo yonke into esiyidingayo. Yilungiseleleni apho.” 13 Ngoko bemka baza bafika yonke into injengokuba uYesu wayetshilo, baza bayilungiselela apho iPasika.
14 Kwathi kwakufika ixesha lokutya, wahlala etafileni nabapostile bakhe.+ 15 Wathi kubo: “Kudala ndiyilindile le Pasika, ukuze ndiyitye nani ngaphambi kokuba ndingcungcuthekiswe; 16 kuba ndithi kuni, andizukuphinda ndiyitye de yonke into emelwa yiPasika yenzeke eBukumkanini bukaThixo.” 17 UYesu wathatha indebe, wabulela kuThixo waza wathi: “Yithatheni nize nigqithiselane ngayo, 18 kuba ndithi kuni, ukususela ngoku andizukuphinda ndiyisele iwayini bude bufike uBukumkani bukaThixo.”
19 Wathatha nelofu yesonka,+ wabulela, wasiqhekeza, wabanika, esithi: “Esi sonka simela umzimba wam+ oza kunikelwa ngenxa yenu.+ Hlalani nisenza le nto, niyenzela ukundikhumbula.”+ 20 Emva kokuba betyile, wenza loo nto nangendebe, esithi: “Le ndebe imela isivumelwano esitsha+ esimelwa ligazi lam+ eliza kuchitheka ngenxa yenu.+
21 “Kodwa jongani! umntu oza kundijikela uhleli nam apha etafileni.+ 22 Kakade uNyana womntu uza kufa njengokuba kubhaliwe,+ kodwa uza kuthi shu loo mntu umjikelayo!”+ 23 Ngoko babuzana ukuba ingangubani phakathi kwabo onokwenza le nto imbi kangaka.+
24 Kwavela nempikiswano eshushu phakathi kwabo, ukuba ngubani oyena mkhulu kubo.+ 25 Kodwa wathi kubo: “Ookumkani beentlanga babatsalisa nzima abantu, nabo balawula abantu bayanconywa kusithiwa bayanceda.+ 26 Nina ke ze ningabi njalo.+ Kodwa nabani na omkhulu phakathi kwenu makabe njengoyena mncinci,+ nalowo ukhokelayo mayibe nguye osebenzela abanye. 27 Ngubani omkhulu phakathi kwalowo uhleli etafileni nalowo umlungiselela ukutya? Asinguye na lowo uhleli etafileni? Kodwa ndim olungiselela nina.+
28 “Kodwa ke, nina khange nindishiye+ kubo bonke ubunzima ebendikubo.+ 29 Ndenza isivumelwano sobukumkani kunye nani, kanye njengoko uTata enze isivumelwano nam,+ 30 ukuze nitye, nisele etafileni yam eBukumkanini bam,+ nize nihlale ezitroneni+ ukuze nigwebe izizwe eziyi-12 zakwaSirayeli.+
31 “Simon, Simon, uSathana ufuna ukunisefa njengengqolowa.+ 32 Kodwa ndiye ndamcenga uThixo ukuba akuncede ungaphelelwa lukholo;+ emva kokuba uguqukile waza wabuya, uze womeleze abazalwana bakho.”+ 33 Emva koko uPetros wathi kuye: “Nkosi, ndixolele ukuya nawe ejele nokufa nawe.”+ 34 Kodwa uYesu wathi: “Uza kubona Petros, uza kuthi ungekakhonyi umqhagi namhlanje, ube sowundiphike kathathu.”+
35 Waphinda wathi kubo: “Ngokuya ndandinithumile, ndisithi kuni ningayiphathi ibhegi yemali, neyomphako, neembadada,+ ikhona na into enayidingayo?” Bathi: “Ayikho!” 36 Emva koko wathi kubo: “Kodwa ngoku ndithi kuni umntu onebhegi yemali neyomphako makayiphathe, nalowo ungenalo ikrele makathengise ngesambatho sakhe sangaphezulu aze alithenge. 37 Kuba ndithi kuni, imele yenzeke into ebhaliweyo ngam kusithiwa, ‘Wabalwa naboni.’+ Yiloo nto kanye eyenzekayo kum.”+ 38 Ngoko bathi: “Jonga Nkosi! nanga amakrele amabini.” Wathi kubo: “Anele.”
39 Njengesiqhelo wahamba waya kwiNtaba YemiNquma, baza abafundi bakhe bamlandela.+ 40 Ukufika kwakhe apho, wathi kubo: “Thandazani ningayeki, ukuze ninganikezeli xa nilingwa.”+ 41 Wabashiya umgama ongangokugityiselwa kwelitye, waguqa ngamadolo wathandaza, 42 esithi: “Tata, ukuba uyathanda, yisuse le ndebe kum. Kodwa, mayingabi kukuthanda kwam, mayibe kukuthanda kwakho.”+ 43 Ngoko kwafika ingelosi evela ezulwini yaza yamomeleza.+ 44 Kodwa wayengcungcutheka kangangokuba wayengayeki ukuthandaza,+ kwada ukubila kwakhe kwangathi ngamathontsi egazi awa emhlabeni. 45 Emva kokuba ethandazile, waya kubafundi bakhe waza wabafumana belele, betyhafile ngenxa yokukhathazeka.+ 46 Wathi kubo: “Kutheni nilele nje? Vukani, nithandaze ningayeki, ukuze ninganikezeli xa nilingwa.”+
47 Wathi esathetha, kwafika iqela elikhulu labantu, bekhokelwa yilaa ndoda kuthiwa nguYudas, omnye wabapostile abayi-12, wasondela kuYesu, wamphuza.+ 48 UYesu wathi kuye: “Yudas, umthengisa ngokumphuza na uNyana womntu?” 49 Xa abo babengakuye babona ukuba kuza kwenzeka ntoni, bathi: “Nkosi, sibaxabele na ngekrele?” 50 Omnye wabo wade wahlasela ikhoboka lombingeleli omkhulu, waliqhawula indlebe yasekunene.+ 51 Kodwa uYesu wathi: “Kwanele.” Wayibamba indlebe yalo, wayiphilisa. 52 Emva koko uYesu wathi kubabingeleli abaziintloko nabaphathi betempile nabadala ababelapho: “Ndim na lo nizokumbamba, nide niphathe amakrele namagqudu ngokungathi nizokubamba utsotsi?+ 53 Kunini ndisiza etempileni ndifundisa,+ ningandibambi!+ Kodwa ngoku lixesha lenu nelokulawula kwabo basebumnyameni.”+
54 Bambamba bamsa+ endlini yombingeleli omkhulu; kodwa uPetros wayelandela ekude.+ 55 Kwakubaswe umlilo eyadini kusothiwa, noPetros ke waya kotha kunye nabo.+ 56 Kodwa intombi eyayisebenza apho yambona ehleli ngasemlilweni, yamqwalasela yaza yathi: “Nalo mntu ebekunye naye.” 57 Kodwa waphika, esithi: “Mfazindini, andimazi lo mntu.” 58 Akubanga kudala, wabonwa nangomnye umntu, waza wathi: “Nawe ungomnye wabo.” Kodwa uPetros wathi: “Mfondini, andinguye.”+ 59 Malunga neyure emva koko, wathi omnye umntu eqinisekile: “Nakanjani lo ngomnye wabo, kuba ungumGalili!” 60 Kodwa uPetros wathi: “Ndoda, andiyazi le nto uyithethayo.” Uthe esathetha, wakhonya umqhagi. 61 Emva koko iNkosi yajika yajonga kuPetros, waza uPetros wawakhumbula amazwi eNkosi athi: “Uza kuthi ungekakhonyi umqhagi, ube wena sowundiphike kathathu.”+ 62 Waphuma phandle waza wakhala kabuhlungu.
63 Amadoda awayebambe uYesu, ayemgezela,+ embetha nokumbetha;+ 64 amogquma ubuso, aza athi kuye: “Profeta! Ubethwe ngubani?” 65 Athetha nezinye izinto ezininzi, emthuka.
66 Kwathi kusakusa, badibana abadala, ingababingeleli abaziintloko nababhali,+ baza bamsa kwiNkundla Ephakamileyo YamaYuda,* besithi: 67 “Ukuba unguKristu, sixelele.”+ Kodwa wathi kubo: “Nokuba ndinganixelela, soze nindikholelwe. 68 Ngapha koko, nokuba ndinganibuza imibuzo, anizukundiphendula. 69 Kodwa ke, ukususela ngoku uNyana womntu+ uza kuhlala ngasekunene kukaThixo onamandla.”+ 70 Akutsho, bonke bathi: “Unguye na ke uNyana kaThixo?” Wathi kubo: “Nani nithi ndinguye.” 71 Bathi: “Sisabufunelani obunye ubungqina? Kaloku simvile esitsho ngokwakhe.”+