Luka
22 Ke kaloku kwakusondela umthendeleko wamaqebengwana angenagwele, ekuthiwa yiPasika.+ 2 Ababingeleli abaziintloko nababhali babefuna indlela ephumelelayo yokuba bambhangise,+ kuba babesoyika abantu.+ 3 Kodwa uSathana wangena kuYudas, lowo wayebizwa ngokuba nguSkariyoti, owayebalelwa phakathi kwabalishumi elinesibini;+ 4 yaye waya kuthetha nababingeleli abaziintloko nabaphathi betempile ngendlela ephumelelayo yokumngcatsha kubo.+ 5 Baba nemihlali baza bavuma ukumnika imali yesilivere.+ 6 Ngoko wavuma, waza wafuna ithuba elihle lokumngcatsha kubo kungekho sihlwele simjikelezileyo.+
7 Wafika ke umhla wamaqebengwana angenagwele, lowo ngawo kumelwe kubingelelwe ixhoba lepasika;+ 8 yaye wathumela uPetros noYohane, esithi: “Hambani niye nisilungiselela ipasika+ ukuze siyidle.” 9 Bathi kuye: “Ufuna siye kuyilungiselela phi na?” 10 Wathi kubo+ “Khangelani! Xa ningena esixekweni niya kuhlangatyezwa yindoda ethwele isitya sodongwe esinamanzi. Yilandeleni ukuya endlwini engena kuyo.+ 11 Nize nithi kumnini-ndlu, ‘UMfundisi uthi kuwe: “Liphi na igumbi leendwendwe endinokudlela kulo ipasika nabafundi bam?”’+ 12 Yaye loo mntu uya kunibonisa igumbi elikhulu eliphezulu linempahla. Yilungiseleleni apho.”+ 13 Ngoko bemka baza bakufumana kanye kunjengoko wayetshilo kubo, yaye bayilungiselela ipasika.+
14 Ethubeni lakufika ilixa, wangqendeva etafileni, nabapostile.+ 15 Yaye wathi kubo: “Ndikunqwenele kakhulu ukuyidla kunye nani le pasika ngaphambi kokuba ndibandezeleke; 16 kuba ndithi kuni, Andiyi kuyidla kwakhona ide izaliseke ebukumkanini bukaThixo.”+ 17 Yaye, esamkela indebe,+ wabulela waza wathi: “Yithabatheni nize niyidlulise ukusuka komnye ukusa komnye phakathi kwenu; 18 kuba ndithi kuni, Ukususela ngoku andisayi kusela kwakhona kwimveliso yomdiliya bude ubukumkani bukaThixo bufike.”+
19 Wathabatha isonka,+ wathi akubulela, wasiqhekeza, wabanika sona, esithi: “Oku kuthetha umzimba wam+ oza kunikelwa ngenxa yenu.+ Hlalani nisenza oku nindikhumbula.”+ 20 Wathabatha nendebe+ emva kokuba befumene isidlo sangokuhlwa, esithi: “Le ndebe ithetha umnqophiso omtsha+ ongegazi lam,+ eliza kuphalala ngenxa yenu.+
21 “Kodwa, khangelani! isandla somngcatshi+ wam sikunye nam etafileni.+ 22 Ngenxa yokuba uNyana womntu uhamba ngokuvumelana noko kwamiswayo;+ noko kunjalo, yeha loo mntu angcatshwa ngaye!”+ 23 Ngoko babuzana ukuba nguwuphi na kubo ngokwenene owayeza kwenza oko.+
24 Noko ke, kwavela nempikiswano eshushu phakathi kwabo mayela nokuba nguwuphi na kubo obonakala engoyena mkhulu.+ 25 Kodwa wathi kubo: “Ookumkani beentlanga baba ziinkosi phezu kwazo, nabo banegunya phezu kwazo babizwa ngokuba ngabaBabali.+ 26 Ke nina ze ningabi njalo.+ Kodwa lowo ungoyena mkhulu phakathi kwenu makabe njengoyena mncinane,+ nalowo usebenza njengentloko abe njengalowo ulungiselelayo.+ 27 Kuba nguwuphi na omkhulu ngakumbi, lowo ungqendeve etafileni okanye lowo ulungiselelayo? Asinguye na lowo ungqendeve etafileni? Kodwa phakathi kwenu ndinjengalowo ulungiselelayo.+
28 “Noko ke, nina niye nanamathela+ kum ezilingweni zam;+ 29 yaye ndenza umnqophiso nani, kanye njengoko uBawo enze umnqophiso+ nam, wobukumkani,+ 30 ukuze nidle,+ nisele etafileni yam ebukumkanini bam,+ nize nihlale ezitroneni+ ukuze nigwebe izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli.
31 “Simon, Simon, khangela! uSathana+ ubenibanga ukuze anihluze njengengqolowa.+ 32 Kodwa ndiye ndenza isikhungo+ ngenxa yakho ukuze ungatyhafi elukholweni; yaye nawe, wakubuya, bomeleze+ abazalwana bakho.” 33 Ngoko wathi kuye: “Nkosi, ndikulungele ukuya nawe kokubini entolongweni nasekufeni.”+ 34 Kodwa wathi: “Ndithi kuwe, Petros, Umqhagi awuyi kukhonya namhlanje ungekakhanyeli kathathu ukuba uyandazi.”+
35 Wathi kubo: “Xa ndanithumela+ ngaphandle kwenxili nengxowa yokutya neembadada, nakha naswela nto na?” Bathi: “Hayi!” 36 Wandula ke wathi kubo: “Ke ngoku lowo unenxili makayithabathe, kwanalowo unengxowa yokutya; nalowo ungenalo ikrele makathengise ngesambatho sakhe sangaphezulu aze alithenge. 37 Kuba ndithi kuni oku kubhaliweyo kumele kufezeke kum, okukoku, ‘Yaye wabalwa nabo bachas’ umthetho.’+ Kuba oko kuphathelele mna kuyafezwa.”+ 38 Ngoko bathi: “Nkosi, khangela! nanga amakrele amabini.” Wathi kubo: “Kwanele.”
39 Ekuphumeni wahamba ngokwesiko waya eNtabeni yemiNquma; nabafundi bamlandela.+ 40 Akufika kuloo ndawo wathi kubo: “Qhubekani nithandaza, ukuze ningangeni ekuhendweni.”+ 41 Wathi cebu kubo umgama ongangokugityiselwa kwelitye, waguqa ngamadolo wathandaza, 42 esithi: “Bawo, ukuba uyanqwena, yishenxise le ndebe kum. Noko ke, makwenzeke, kungekhona ukuthanda kwam,+ kodwa okwakho.”+ 43 Ngoko ingelosi evela ezulwini yabonakala kuye yaza yamomeleza.+ 44 Kodwa esekungcungcuthekeni, kwaba kukhona ethandaza ngenyameko;+ kwaza ukubila kwakhe kwaba njengamathontsi egazi esiwa emhlabeni.+ 45 Yaye akuba ethandazile, waphakama waya kubafundi waza wabafumana besozela ngenxa yentlungu;+ 46 wathi kubo: “Kutheni nilele nje? Vukani niqhubeke nithandaza, ukuze ningangeni ekuhendweni.”+
47 Ngoxa wayesathetha, khangela! isihlwele, yaye umntu obizwa ngokuba nguYudas, omnye wabalishumi elinesibini, wayehamba phambi kwaso;+ yaye wasondela kuYesu ukuze amange.+ 48 Kodwa uYesu wathi kuye: “Yudas, umngcatsha ngokumanga na uNyana womntu?”+ 49 Abo babengakuye, bakukubona oko kwakuza kwenzeka, bathi: “Nkosi, sixabele na ngekrele?”+ 50 Uthile kubo walixabela ikhoboka lombingeleli omkhulu waza wayisusa indlebe yalo yasekunene.+ 51 Kodwa uYesu wathi: “Yekani, kwanele.” Yaye wayichukumisa indlebe waza waliphilisa.+ 52 Wandula ke uYesu wathi kubabingeleli abaziintloko nabaphathi betempile namadoda amakhulu awayezele yena apho: “Niphume ninamakrele namagqudu ngokungathi nize kumphangi na?+ 53 Ngoxa bendinani etempileni+ imihla ngemihla anizange nindolulele izandla zenu.+ Kodwa eli lilixa lenu+ negunya+ lobumnyama.”+
54 Ngoko bambamba baza bamqhuba+ bamsa kwindlu yombingeleli omkhulu;+ kodwa uPetros wayelandela mgama.+ 55 Babasa umlilo phakathi kwentendelezo baza bahlala phantsi ndawonye, noPetros wahlala phakathi kwabo.+ 56 Kodwa isicakazana esithile sambona ehleli ngasemlilweni oqaqambileyo yaye samjongisisa saza sathi: “Nalo mntu ubekunye naye.”+ 57 Kodwa wakukhanyela+ oko, esithi: “Mfazindini, andimazi.”+ 58 Yaye emva kwexesha elifutshane omnye umntu wambona wathi: “Nawe ungomnye wabo.” Kodwa uPetros wathi: “Ndoda, andinguye.”+ 59 Malunga neyure emva koko omnye umntu wazingisa ngamandla esithi: “Ngokuqinisekileyo nalo mntu wayekunye naye; kuba, enyanisweni, ungumGalili!”+ 60 Kodwa uPetros wathi: “Ndoda, andikwazi oko ukutshoyo.” Kwaye ngephanyazo, ngoxa wayesathetha, umqhagi wakhonya.+ 61 Yaye iNkosi yajika yajonga kuPetros, waza uPetros wawakhumbula amazwi eNkosi xa yathi kuye: “Ngaphambi kokuba umqhagi ukhonye namhlanje uya kundikhanyela kathathu.”+ 62 Yaye waphuma phandle waza walila ngokukrakra.+
63 Amadoda awayemvalele ahlekisa+ ngaye, embetha;+ 64 yaye emva kokumgqubuthela ayembuza athi: “Profeta. Ngubani okubethileyo?”+ 65 Yaye aqhubeka esitsho ezinye izinto ezininzi emnyelisa.+
66 Ethubeni kwakuba semini, amadoda amakhulu abantu, kwanababingeleli abaziintloko nababhali, bahlanganisana,+ baza bamrholela kwiholo yabo yeSanhedrin, besithi:+ 67 “Ukuba unguKRISTU,+ sixelele.” Kodwa wathi kubo: “Kwanokuba bendinixelele, beningayi kukholelwa konke konke.+ 68 Ngaphezu koko, ukuba bendinibuzile, beningayi kuphendula konke konke.+ 69 Noko ke, ukususela ngoku uNyana womntu+ uya kuhlala ngakwisandla sasekunene esinamandla+ sikaThixo.”+ 70 Ngako oko bonke bathi: “Unguye na, ke ngoko, uNyana kaThixo?” Wathi kubo: “Nani nithi+ ndinguye.” 71 Bathi: “Sisabufunelani na ubungqina?+ Kuba sizivele ngokwethu kuphuma emlonyeni wakhe.”+